Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 17—Uhambho lwamaSirayeli

    USAPHO lukaSirayeli lwahambha entlango lwaza imihla emithathu alwabi nakufumana manzi alungele ukuba lusele. Babesifa lunxano, “abantu bamkrokrela uMoses, besithi, Siya kusela ntoni na? Wadanduluka kuYehova. UYehova wambonisa umthi; wawuphosa emanzini, aba mnandi. Khona apho wabamisela ummiselo nesiko, khona apho wabavavanya. Wathi ukuba uthe waliphula-phula izwi likaYehova uThixo wakho, weenza okuthe tye phambhi kwakhe, wayibekela indlebe imithetho yakhe, wayigcina yonke imimiselo yakhe: andiyi kubeka nasinye isifo phezu kwakho endisibekileyo phezu kwamaJiputa; kuba ndinguYehova, igqira lakho.”IL 112.1

    Usapho lukaSirayeli lwaba ngathi lunentliziyo ekhohlakeleyo yokungakholwa. Abavumanga ukunyamezela iinzima zasentlango. Bakuba behlangana neenzima endleleni, babe zikhangela njengezinto ezingenakoyiswa. Ukukholosa kwabo ngoThixo kwakusifa, bengaboni nto ngaphambhi kwabo ngaphandle kokufa. “Lonke ibandla loonyana bakaSirayeli labakrokrela ooMoses noAron apho entlango. Bathi oonyana bakaSirayeli kubo, Akwaba be sife sisandla sikaYehova ezweni laseJiputa, xa sasihleli ngasezimbhizeni zenyama, sisidla isonka sada sahlutha; ngokuba nisikhuphele kulentlango, ukuze nisibhubhise sonke esi sikhungu ngendlala.”IL 112.2

    Babe ngakhange ngenene badliwe liphango. Babe senokudla, kodwa boyikela ixesha elizayo. Babe ngayiboni indlela umkhosi wooSirayeli owawuza kuphumelela ngayo, eluhambheni lwabo olude lokuphumela entlango, ngokukutya kungaqondakaliyo babe nako, kwaza ekungakholweni kwabo bababona abantwana babo besifa yindlala. UYehova wayefuna ukuba baphelelwe kukudla, kwa nokuba bahlangane neenzima, ukuze iintliziyo zabo zibuyele kuye owaye bancedile ngaphambhili, ukuze bakholelwe kuye. Waye kulungele ukubanika uncedo lwangoko. Ukuba, entswelweni yabo, babengabiza kuye, wayeza kubabonisa imi- qondiso yothando lwakhe nenkathalelo yakhe ethe roqo.IL 112.3

    Kodwa babangathi abasafuni ukumthembha uYehova ngaphandle kokuba basoloko bebubona phambhi kwabo ubunqhina bamandla akhe. Ukuba babe nokholo lwenene nenkoloseko eyomeleleyo kuThixo, iingxaki nezithintelo, okanye nokubandezeleka kwenene, nge kwathwalwa ngokuchwayita, emva kokuba uYehova waye bakhulule ebukhobokeni ngendlela emangalisa kangaka. Ngokungakumbhi, uYehova waye badinge ngokuthi, ukuba bayayigcina imithetho yakhe, akukho sifo siya kuhlala phezu kwabo, kuba wathi, “NdinguYehova igqira lakho.”IL 113.1

    Emva kwelidinga liqinisekileyo livela kuThixo yayi kukungakholwa okusisoono kubo ukuba bacinge ukuba bona nabantwana babo bangafa yindlala. Babebandezeleke kakhulu eJiputa ngokusindekiswa ngomsebenzi. Abantwana babo babulawa, kwaza ukuphendula imithandazo yabo yeentlungu, uThixo wabahlangula ngenceba. Wadinga ukuba uya kuba nguThixo wabo, abathabathele kuye babe ngabantu bakhe abakhokelele elizweni elibanzi nelilungileyo.IL 113.2

    Kodwa kwakulula kubo ukutyhafa nabobuphina ubunzima ekwafuneka ukuba bahlangane nabo endleleni yokusinga kwelo zwe. Babe nyamezele lukhulu ekukhonzeni kwabo amaJiputa, kodwa ngoku ababi nako ukubuthwala ubunzima enkonzweni kaThixo. Kwakulula kubo ukuncamela ezintandabuzweni ezidakumbhisayo bawe betyhafile bakulingwa. Bamkrokrela umkhonzi kaThixo othembhekileyo uMoses bambeka ityala ngazo zonke izilingo zabo, bavakalisa umnqweno okhohlakeleyo wokunga ngebehleli eJiputa, apho babe nokuhlala ngasezimbhizeni zenyama badle isonka bahluthe.IL 113.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents