Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    I-England neScotland Zikhanyiselwa

    Logama uLuther wayevula iBaibile evaliweyo ebantwini baseJamani, uTyndale waqhutywa nguMoya kaThixo ukuba enze kwa oko eEngland. Waye ngumfundi onyamekileyo weziBhalo ezishumayela ngokungoyiki izimvo zakhe zayo inyaniso, efundisa ukuba zonke iimfundiso mazicikidwe ngeliZwi likaThixo. Uzondelelo lwakhe lwaba nokuvuselela inkcaso kuphela kwiqela lobu-popi. Ichule elifundileyo lomKatolika elaphikisana naye, lathi, “Bekungasilungela kanye ukuba singabi nawo umthetho kaThixo kunokuba singabi nawo oka-popi.” U-Tyndale uphendule ngokuthi, “Ndiyamphikisa u-popi yonke imithetho yakhe; kwaye ukuba uThixo uya bugcina ubomi bam, kungabanga minyaka mininzi ndiyakwenza ukuba inkwenkwe elandela emva kwekhuba ibe nolwazi ngeziBhalo ngaphezu kokuba uzazi wena.”IL 315.1

    Injongo awayeqalise ukuyondla, leyo yokunikela abantu iziBhalo zeTestamente Entsha ngolwimi lwabo, yaqinisekiswa ngoku, waza kwa oko wazinikela kulomsebenzi. Yonke iEngland yabangathi ivaliwe ngakuye, waza wazimisela ukuya kufuna indawo ekhuselekileyo eJamani. Wakuqalisa apho ke ukushicilelwa kweTestamente Entsha ngesiNgesi. Yahle yagqitywa imiqulu engamawaka amathathu eTestamente Entsha, kwa landela olunye uhlelo kwa ngawo lonyaka.IL 315.2

    Ekugqibeleni wanika ubunqhina benkolo yakhe ngokufa njengefela-nkolo, kodwa izixhobo aazenzayo zibange amanye amasoldati ukuba ayilwe imfazwe kuzo zonke izizukulwana kude kube lelixesha lethu.IL 315.3

    KwelaseScotland i-gospile yafumana ummeli ngendoda enguJohn Knox. Lomhlaziyi onyaniseke entliziyweni waye ngoyiki buso bamntu. Imililo yobumfeli-nkolo eyayivutha macala onke kuye, yanela nje ukulomeleza uzondelelo lwakhe ukuba lube nga- kumbhi. Izembhe lombandezeli noxa lalijinga ngokoyikekayo phezu kwentloko yakhe, wema endaweni yakhe, ebetha izithonga ezomeleleyo ngasekunene nangasekhohlo, zokudiliza unqulo lwezithixo. Wayiqhuba ngalendlela ke injongo yakhe, ethandaza esilwa amadabi kaYehova, lada elaseScotland lakhululeka.IL 315.4

    KwelaseEngland, uLatimer wazingisa eseqongeni ukuthi iBaibile ifanelwe kukufundwa ngolwimi lwabantu. ImBhangi yeziBhalo eziNgcwele, watsho yena, “nguThixo ngokwakhe;” sibe ke esisiBhalo sixhamla amandla nobunaphakade bemBhangi yaso. “Akukho kumkani, namgwebi, namphathi . . . kodwa bonke banyanzelwe ukulithobela . . . iliZwi lakhe elingcwele.” “Masingakhe siphume ngeendlela ezisemacaleni, kodwa ma sivumele iliZwi likaThixo lisikhokele; ma singalandeli oo-mawokhulu . . . singafuni kananjalo oko baakwenzayo, kodwa sifune oko babefanele ukukwenza.”IL 316.1

    U-Barnes noFrith, abahlobo abathembhekileyo bakaTyndale, nabo bavuka bayimela inyaniso. AbakwaRidley noCranmer balandela. Ezinkokeli eluhlaziyweni kwelamaNgesi zazi ngamadoda emfundo, yaye inkoliso yawo yayixatyisiwe kakhulu ngenxa yozondelelo lwawo okanye ukuhlonela kwawo uThixo xa zazi phakathi komzi wobuRoma. Ukubuchasa kwabo ubu-popi kwakusisiphumo sokuzazi kwabo iimposiso zeBandla lobuPopi. Ukwazana kwabo neemfihlelo zaseBabeli kwanika igunya elingaphezulu ebunqhineni babo obuchasene nayo.IL 316.2

    Umgangatho ophakamileyo owagcinwa nguTyndale, Frith, Latimer, nabakwaRidley wawuligunya likaThixo nokuphelela kweziBhalo eziNgcwele. Baligiba igunya lokuzenzela loo-popi, namaqumru, noo-bawo, nookumkani lokulaula isazela ezintweni ezibhekisele enkolweni yonqulo. I-Baibile yayi ngumgangatho wabo, baza zonke iimfundiso namabango abo onke bawazisa kuyo. Ukholo kuThixo naseliZwini lakhe lwawaxhasa lamadoda angcwele xa aye bunikela ubomi bawo endaweni yokubulawa.IL 316.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents