Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Umhendi Ekhalinyelwa

    USatana wagcoba akuba uYesu elibeke bucala igunya lakhe nobuqaqauli bakhe, walishiya izulu. Wacinga ukuba uNyana kaThixo uza kubekwa egunyeni lakhe. Isihendo sasebenza ngokulula kwisibini esingcwele eEden ngangokuba athembhe ngamandla akhe obusatana nobuqhetseba bakhe ukumoyisa noNyana kaThixo, aze ngako oko asindise ubomi bakhe nobukumkani bakhe. Ukuba ebe ngamhendayo uYesu ukuba ashenxe entandweni kaYise, ebeya kuba uyizuzile injongo yakhe. Kodwa uYesu wamhlangabeza umhendi ngokumkhalimela okuthi, “Suka umke, uye emva kwam, Satana.” Wayeza kuqubuda kuYise kuphela.IL 179.3

    USatana wabubanga ubukumkani bomhlaba ukuba bobakhe wazindla kuYesu ukuba iimbhandezelo zakhe zonke zingasuswa ; nokuba akufuneki ukuba afe ukuze azuze izikumkani zalomhlaba; ukuba nje ebe ngaqubuda kuye ebengazizuzayo zonke izinto zalomhlaba kunye nozuko lokulaula phezu kwazo zonke. Kodwa uYesu wayomelele nkqi. Wayesazi ukuba ixesha liza kufika xa ayakuthi, ngobomi bakhe, abuhlangule ngentaulelo ubukumkani kuSatana, nokuba, emva kwethuba, konke okusezulwini nasemhlabeni kuya kuthobela yena. Wanyula ubomi bakhe bokubandezeleka nokufa kwakhe okoyikekayo njengendlela eyalathwe nguYise ukuze abe yindla-lifa ngokusesikweni yezikumkani zomhlaba zinikelwe kuye ukuba zibe lilifa elingunaphakade. USatana naye ngokwakhe uya kunikelwa ezandleni zakhe ukuba atshatyalaliswe ngokufa, engasayi kuze kwakhona amkhathaze uYesu okanye abangcwele abasebuqaqaulini.IL 180.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents