Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukonga Kwimizi Yabagulayo

    Kwiisanitariyam nezibhedlela, apho abongikazi basoloko bephakathi kwamanani amakhulu abantu abagulayo, kufuneka ilinge elicacileyo lokuhlala bonwabile, bechulumancile, nokubonisa ukuqaphela okucingisisiweyo kwilizwi ngalinye nakwisenzo ngasinye. Kula maziko kubaluleke kakhulu ukuba abongikazi bazame ukuwenza umsebenzi wabo ngobulumko nakakuhle. Badinga ukuba bahlale bekhumbula ukuba, ekuwenzeni umsebenzi wabo wemihla ngemihla, bakhonza iNkosi uKristu.UL 169.4

    Abagulayo badinga ukuba kuthethwe amazwi obulumko kubo. Abongikazi bafanele ukuyifunda yonke imihla iBhayibhile, ukuze bakwazi ukuthetha amazwi aya kuthi akhanyisele ancede abasebuhlungwini. Iingelosi zikaThixo zisemagumbini apho aba bagulayo balungiselelwa khona, kwaye umoya ojikeleze umphefumlo walowo unika uncedo umele ube nyulu ube nevumba elimnandi. Oogqirha nabongikazi kufuneka bayonwabele imithetho-siseko kaKristu. Ebomini babo, ubuhle baKhe kufuneka buboniwe. Emva koko, oko bakwenzayo nabakuthethayo, kuya kubatsalela abagulayo kuMsindisi.UL 170.1

    Umongikazi ongumKristu, lo gama ehambisa amayeza okubuyisela impilo, uya kuthi, ngolonwabo nempumelelo, ayitsalele ingqondo yogulayo kuKristu, ophilisa umphefumlo kunye nomzimba. Iingcamango azibekayo, intwana apha nentwana phaya, ziya kuba nempembelelo yazo. Abongikazi asebe khulile akufuneki balahlekwe lithuba elihle lokutsalela ingqalelo yabagulayo kuKristu. Kufuneka basoloko bekulungele ukuhlanganisa impiliso yasemoyeni nempiliso yasenyameni.UL 170.2

    Ngendlela enobubele kunye nothando olukhulu, abongikazi kufuneka babafundise ukuba, onga angaphiliswa kufuneka ayeke ukugqitha umthetho kaThixo. Kufuneka ayeke ukukhetha ubomi besono. UThixo akanako ukumsikelela lowo uqhubeka nokuzisa phezu kwakhe isifo nembulaleko ngokuthanda ukwaphula imithetho yezulu. Yena uKristu, ngoMoya Oyingcwele, uza njengamandla aphilisayo kwabo bayekayo ukwenza ububi baze bafunde ukwenza okulungileyo.UL 170.3

    Abo bangamthandiyo uThixo baya kusebenza rhoqo ukuchasa ezona zinto zintle ezifanele umphefumlo nomzimba. Bona abo bakubonayo ukubaluleka kokuphila ngokuthobela uThixo kobu bubi bukhoyo ehlabathini baya kuba nentumekelelo ukuzahlula kuko konke okumkhwa ongalunganga. Umbulelo nothando luya kuzizalisa iintliziyo zabo. Bayazi ukuba uKristu ungumhlobo wabo. Kwiimeko ezininzi, ukuyiqonda kwabo into yokuba banomhlobo onje kuthetha okukhulu kwababulalekayo ekuphileni kwabo kunalo lonke unyango olunokunikwa. Xa kunjalo ke, onke amacandelo olungiselelo ayafuneka. Kufuneka ahambe ebambene.UL 171.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents