Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Imfundiso KaKristu

    Ngokunjalo uKristu wanika imithetho-siseko yenyaniso ezuzwa kwiindaba ezilungileyo. Kwimfundiso yaKhe, sinokusela kwimisinga enyulu empompoza iphuma etroneni kaThixo. UKristu wayenako ukubanika abantu ulwazi olwaluya kudlula konke okwakutyhiliwe ngaphambili, kubeke emva konke okunye okufunyenweyo. Wayenokuvula imfihlelo emva kwemfihlelo, enako ukuzinza kwezi zityhilelo zimangalisayo, ingcamango esebenzayo nenyanisekileyo yezizukulwana ezilandelelanayo kude kuse ekupheleni kwexesha. Sekunjalo, wayengasayi kuchitha nomzuzu ekufundiseni isayensi yosindiso. Ixesha laKhe, izakhono zaKhe, nobomi baKhe babuxabisekile busetyenziswa kuphela njengezixhobo zokusebenza ukusindiswa kwemiphefumlo yabantu. Wayeze ukuza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo, engayi kujikwa kwinjongo yaKhe . akazange avumele nantoni ukuba imjike.UL 359.1

    UKristu wagqithisa kuphela ulwazi olwalunokusetyenziswa. Imfundiso yaKhe ebantwini yaphelela kwizidingo zemeko zobomi babo obuphathekayo. Ukufuna ulwazi olwabenza beza kuYe benemibuzo yokungcothoza,akazangeakwanelise.Iimbuzwano ezinjalo zonke wazenza ithuba elizukisekileyo, elinokunyaniseka lemibuzo ebalulekileyo. Kwabo babenolangazelelo olukhulu ukuba bagqwathule kumthi wolwazi, wabanika isiqhamo somthi wobomi. Bazifumana zonke iinyoba zivalekile ngaphandle kwendlela ekhokelela kuThixo. Yonke imithombo yayitywiniwe ngaphandle komthombo wobomi obungunaphakade.UL 359.2

    UMsindisi wethu akazange akhuthaze namnye ukuba aye kwizikolo zoorabhi zemihla yaKhe, ngesizathu sokuba iingqondo zabo zazonakele yinto ababethanda ukuyiphinda, ethi, “Bathi,” okanye, “Kuthiwe.” Kungokuba kutheni, ke ngoko, kufuneka thina samkele amazwi angaqinisekanga abantu njengobulumko obuphezulu, kanti ubulumko obungaphezulu nobuqinisekileyo busemandleni ethu?UL 359.3

    Oko ndikubonileyo kwezinto zikanaphakade, noko ndikubonileyo kokungabi namandla koluntu kungene nzulu engqondweni yam kwanempembelelo emsebenzini wobomi bam. Andiboni nto umntu anganconywa okanye aphakanyiswe ngayo. Andisiboni isizathu sokuba kutheni iingcamango zamadoda alumkileyo ngokwehlabathi namadoda ekuthiwa makhulu zifanele ukuba kuthenjelwe kuzo ziphakanyiswe. Kwenzeka njani abo bangenako ukukhanya kwezulu babe neengcamango ezilungileyo ngamacebo neendlela zikaThixo? Basuka bamkhanyele ngokupheleleyo bangabunaki ubukho baKhe, okanye bawajikeleze amandla waKhe ngezabo iimbono eziphelelwayo.UL 359.4

    Kulungile ukuba ulutsha luzive ukuba lufuna ukufikelela kokona kukhula kuphezulu kwengqondo namandla wabo. Asingeke sikwazi ukuyibekela umda imfundo uThixo angabekanga mda kuyo. Kanti ke kunjalo, okwethu esifikelele kuko akwenzi nto xa kungasetyenziswa eluzukweni lukaThixo nokulungelwa koluntu.UL 360.1

    Akulunganga ukuyixinanisa ingqondo ngokufunda izifundo ezifuna ukusetyenziswa ngendlela enobushushu, kodwa zingasetyenziswa ebomini obuphathekayo. Imfundo enjalo iya kuba yilahleko kumfundi. Kaloku ezi zifundo ziyawuthothisa umnqweno nokuthambekela kwizifundo eziya kumenza akufanele ukuba lulutho nokuba akwazi ukufezekisa imithwalo yakhe. Ukuqeqeshwa ekwenzeni kunexabiso kakhulu kunokufunda okuninzi okucikozayo nje kuphela. Kanti ke, akwanelanga nokuba nolwazi nje kuphela. Kufuneka sikwazi ukulusebenzisa ulwazi ngendlela eyiyo.UL 360.2

    Ixesha, izakhono, nokufunda izinto abaninzi abaye bazichithe ngemfundo efumaniseka ingeyo nto zimelwe ukunikelwa ekuzuzeni imfundo ethi ibenze babe ngamadoda neentokazi ezisebenzayo ezifanele ukuthwala imithwalo yobomi. Imfundo enjalo ibinokuba yeyexabiso elilelona liphezulu.UL 360.3

    Into esiyidingayo lulwazi oluya komeleza ingqondo nomphefumlo, akakusenza amadoda neentokazi ezingcono. Imfundo yentliziyo ibaluleke kakhulu kunokufunda nje incwadi. Kulungile, kukwafuneka, ukuba nolwazi lwehlabathi esihlala kulo; kodwa ukuba simshiya ngaphandle unaphakade ekubaleni kwethu, siya kwenza umonakalo esingasokuze sibuye siwulungise.UL 360.4

    Umfundi angawanikela wonke amandla wakhe ekuzuzeni ulwazi; kodwa ngaphandle kokuba abe nolwazi ngoThixo, ngaphandle kokuba athobele imithetho elawula isiqu sakhe, uya kuzitshabalalisa ngokwakhe. Ngemikhwa engalunganga, ulahlekelwa ngamandla okuzixabisa, ulahlekelwa kukuzilawula. Akakwazi ukucinga ngendlela eyiyo ngemiba engaye ngokunzulu kakhulu. Akakhathali ekwenzeni kwakhe izinto, kwaye akanangqiqo ekuyiphatheni kwakhe ingqondo yakhe nomzimba wakhe. Ngokutyeshela kwakhe ukukhulisa imithetho-siseko elungileyo, wonakala kulo umhlaba onakalele nomhlaba ozayo.UL 360.5

    Ukuba ulutsha belubuqonda ubuthakathaka balo, beluya kuwafumana kuThixo amandla. Ukuba belukufuna ukufundiswa nguYe, beluya kuba nobulumko kubulumko baKhe, buze ubomi babo buthwale isiqhamo sentsikelelo emhlabeni. Ukuba ke bayinikela ingqondo yabo kwizinto zehlabathi nokufunda okuqashelisayo, baze ngoko bazahlule kuThixo, baya kulahlekwa kuko konke okunika ubomi ubutyebi.UL 361.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents