Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    2—Imihla Yolungiselelo

    Ekhayeni lomlobi, eKapernahum, umama wenkosikazi kaPetros wayelele egula “yicesina enkulu,” “bamxelela ngaye.” UYesu “wachukumisa isandla sakhe” wavuka wamlungiselela uMsindisi kunye nabafundi bakhe. Luka 4:38; Marko 1:30; Mateyu 8:15.UL 18.1

    Ngokukhawuleza, iindaba zathi ndii kuyo yonke indawo. Ummangaliso wawenziwe ngeSabatha, kwathi ngokoyika abafundisi [oorabhi] abantu abakwazi ukuza ukuba baphiliswe lingekade litshone ilanga. Kwaphuma emakhayeni, ezindaweni zokusebenza, nasezimarikeni, abahlali besixeko bangungelana kwixhobongwana apho uYesu wayehlala khona. Abagulayo baziswa bethwelwe ngamanqwanqwa, abanye besimelela, okanye bexhaswe ngabahlobo, betotoba bengenamandla, besiza phambi koMsindisi.UL 18.2

    Yaba ziiyure ngeeyure, besiza besimka, bephuma bengena; kuba bengazi ukuba angaba safumaneka na uMphilisi phakathi kwabo ngemini elandelayo. Ayizanga yabonwa ngaphambili imini exakeke njengale eKapernahum. Umoya wawuzaliswe lilizwi loloyiso nemikhwazo yokuhlangulwa.UL 18.3

    UYesu wayengawuyeki umsebenzi waKhe kude kube kukhululwe owokugqibela ogulayo. Babuqengqeleka ubusuku, sithabatha ithuba phambi kokuba siphele isihlwele, kwandule kuzole kwaSimon. Imini ende ezaliswe luvuyo yayiphelile, waye uYesu enga angaphumla. Kwathi kodwa, ngexesha isixeko sithe nzwanga sisebuthongweni, uMsindisi, “wavuka, watphuma waye endaweni eyintlango, wathandaza khona apho.” Marko 1:35.UL 18.4

    Kwasekuseni ngemini elandelayo, uPetros namaqabane wakhe beza kuYesu, besithi sekukho abantu abamfunayo. Bamangaliswa bakuva amazwi kaKristu xa ebaphendula esithi, “Ndimelwe kukuba ndizivakalise iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakweminye imizi, ngokuba ndithunywe oko.” Luka 4:43.UL 18.5

    Kuchulumanco olukhulu olwalugquba eKarpenahum, yayikho ingozi yokuba injongo yoko akuzeleyo uYesu ingalahleka ingaqondwa. UYesu wayenganeliswanga kukutsalela ingqalelo kuYe kuphela njengomsebenzi wemimangaliso kunye nomphilisi wezifo zasenyameni nje kuphela. Wayefuna ukutsalela abantu kuYe njengoMsindisi. Lo gama abantu bexunele ukukholelwa ukuba uze njengokumkani ukuba amisele ulawulo lwasemhlabeni, Yena wayenga angazisusa iingqondo zabo kwinto yasemhlabeni ziye kweyasemoyeni. Impumelelo nje yasemhlabeni kuphela yayiza kuphazamisana nomsebenzi waKhe.UL 19.1

    Umbono wesihlwele esithabathekileyo wawungangqinelani nomoya waKhe. Kwakungekho ukuziphakamisa okuphithikeza ubomi baKhe. Imbeko enikwa lihlabathi kwisikhundla, ubutyebi, okanye italente yayikude le kuNyana woMntu. UYesu akazange asebenzise nanye kwiindlela ezisetyenziswa ngabantu ukuzuza ukuthotyelwa okanye intlonipho. Kwiinkulungwane ezingaphambi kokuzalwa kwaKhe, kwakuprofetiwe ngaYe, “Akayi kunkqangaza, aliphakamise, alivakalise ezitratweni ilizwi lakhe. Ingcongolo evikivekileyo akayi kuyaphula, umsonto oqhumayo akayi kuwucima; uya kukuphumelelisa okusesikweni ngokwenyaniso.” Isaya 42:2, 3.UL 19.2

    AbaFarisi babefuna ukubaluleka ngeenkonzo zabo ezinobugocigoci nokutshawuza konqulo lwabo nobuhle bezipho zobubele babo. Babe bonakalalisa ukutshiseka kwabo lunqulo ngokuhamba bethetha ngalo. Ukungqubana phakathi kwamaqela enkolo ezichaseneyo kwakuyinto eyaziwayo nekukade iqhuba, kwaye kwakungeyonto ingaqhelekanga ukuva ezitratweni amazwi empikiswano aphuma kwizifundiswa zomthetho.UL 19.3

    Ubomi bukaYesu babungafani nayo yonke le nto. Kobo bomi yayingekho ingxolo yokuphikisana, kungekho lunqulo lutshawuzayo, zingekho nezenzo zokufuna ukunconywa. UKristu wayefihlwe kuThixo, waza uThixo watyhilwa esimilweni soNyana waKhe. Kukwesi sityhilelo apho uYesu wayefuna ukukhokelela khona iingqondo zabantu.UL 19.4

    ILanga loBulungisa alizange lidubule ngobumenyemenye emhlabeni, ukuze liziphandle iingqondo ngokubengezela kwalo. Kubhalwe kwathiwa ngoKristu, “Ukuphuma kwakhe kuqinisekile njengokuphuma kwesifingo.” Hoseya 6:3. Ukuqhekeka kokukhanya kwemini kuza phezu komhlaba kuzolile nangobunono, kubugxothe ubumnyama bulivusele ebomini ihlabathi. Laya lenza njalo iLanga loBulungisa ukuphuma kwalo, “linophiliso emaphikweni alo.” Malaki 4:2.UL 19.5

    “Mboneni ke umkhonzi wam endimxhasayo;
    Umnyulwa wam, okholwa nguye umphefumlo wam.”
    UL 20.1

    Isaya 42:1.

    “Ngokuba waba ligwiba kwisisweli,
    Igwiba kwihlwempu ekubandezelweni kwalo,
    Ihlathi esiphangweni, umthunzi lakubalela.”
    UL 20.2

    Isaya 25:4

    “Utsho uThixo yena, uYehova,
    Udala alaneke izulu, alaneke;
    Utwabulula umhlaba neziveliso zawo;
    Unika abantu abaphezu kwawo ukuphefumla,
    Unika abahamba kuwo umoya:
    Ukuthi, Mna, Yehova, ndikubizile ngokobulungisa,
    Ndakubamba ngesandla;
    Ndiya kukulondoloza, ndikwenze umnqophiso wabantu,
    Isikhanyiselo seentlanga;
    Ukuba uvule amehlo eemfama,
    Ukuba ukhuphe abakhonkxiweyo ekuvalelweni,
    Abahleli ebumnyameni ubakhuphe entolongweni.”
    UL 20.3

    Isaya 42:5-7.

    “Ndozihambisa iimfama ngendlela ezingayaziyo,
    Ndizinyathelise kwiingqushu ezingazaziyo;
    Ubumnyama ndibenza ukukhanya phambi kwazo,
    Iindawo ezimagqagala zibe zithabazi.
    Zizo ezo izinto endiya kuzenza, ndingazishiyi.”
    UL 20.4

    Indima 16.

    “Vumani kuYehova ingoma entsha,
    Indumiso yakhe kwaseziphelweni zehlabathi,
    Nina bahla baye elwandle, nenzaliseko yalo,
    Nina ziqithi nabemi bazo.
    Mayiphakamise izwi intlango, nemizi yayo,
    Nemizana ehleli amaKedare;
    Mabamemelele abemi bengxondorha,
    Batsholoze ezincotsheni zeentaba.
    Mabamzukise uYehova,
    Baxele indumiso yakhe eziqithini.”
    UL 21.1

    Iindima 10-12.

    “Memelelani, mazulu, ngokuba uYehova ekwenzile;
    Dumani, zinzulu zehlabathi;
    Gqabhukani nimemelele, zintaba
    Hlathi, nani nonke mithi ekulo;
    Ngokuba uYakobi, ezihombisile ngoSirayeli.”
    UL 21.2

    Isaya 44:23

    Ekwisisele esimnyama sikaHerode, apho ukutyhafa nokudideka ngokubhekiselele kumsebenzi woMsindisi, uYohane umBhaptizi wayekhangele elindele, wathumela abafundi bakhe ababini kuYesu ebaphathise isigidimi esithi:UL 21.3

    “Wena ungulowo uzayo na, silinde wumbi, kusini na? ” Mateyu 11:3.UL 21.4

    UMsindisi akazange awuphendule kwangoko umbuzo wabafundi. Ngeli xesha babemi bemangalisiwe kukuthula kwaKhe, kwaye kusiza ababandezelekileyo kuYesu. Ilizwi loMphilisi onaMandla lagqobhoza ezindlebeni. Izwi, ukuchukumisa kwesandla saKhe, kwavula amehlo angaboniyo ukuba akubone ukukhanya kwemini, imibono yendalo, ubuso babahlobo, kwakunye nobuso boMhlanguli. Ilizwi lafikelela kwiindlebe zabafayo, baza bavuka besempilweni nasemandleni. Abafe amalungu bephethwe ziidemon balithobela izwi laKhe, impambano yemka kubo, baza bamnqula. Abahlali kwakunye nabasebenzi abahluphekileyo, nababebukulwa ngoorhabhi kusithiwa abangahlambulukanga, babuthelana kuYe waza wathetha amazwi obomi obungunaphakade.UL 21.5

    Kwaba njalo ukuhamba kwemini, abafundi bakaYohane bebukele besiva konke. Ekugqibeleni, uYesu wababizela kuYe, wabayalela ukuba bahambe bamxelele uYohane oko bakubonile nabakuvileyo, esongeza ngelithi, “Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim.” Indima 6. Abafundi bahamba naso isigidimi saye sanele.UL 22.1

    UYohane wasikhumbula isiprofeto esingoMesiya, “UYehova undithambisele ukuba ndishumayeze abalulamileyo, iindaba ezilungileyo. Undithume ukubopha abantliziyo zaphukileyo, ukumemeza inkululeko kwabathinjiweyo, ukuvulwa kwamehlo kwabakhonkxiweyo; ukumemeza umnyaka wetarhu likaYehova, . . . ukuthuthuzela bonke abanesijwili.” Isaya 61:1, 2. UYesu waseNazarete kwakuthenjswe ngaYe. Ubungqina bobuThixo baKhe babubonwa kulungiselelo lwaKhe kwizidingo zoluntu. Uzuko lwaKhe lwaboniswa ngokuhla kwaKhe afikelele kwimeko yethu ephantsi.UL 22.2

    Umsebenzi kaKristu awuzange wanele kuphela ukumazisa ukuba unguMesiya, kodwa wabonisa nokuba buya kumiswa njani ubukumkani baKhe. UYohane watyhilelwa kwayona loo nyaniso eyafika kuEliya esentlango, [uYehova wadlula] “nomoya omkhulu onamandla uzikrazula iintaba, uziqhekeza iingxondorha phambi koYehova, engekho uYehova emoyeni lowo. Emveni komoya kwakho inyikima, akabakho uYehova enyikimeni. Emveni kwenyikima kwabakho umlilo. Akabakho uYehova emlilweni:” kwathi emva komlilo, uThixo wathetha kumprofeti ngelizwi eliphantsi nelizolileyo. 1 Kumkani 19:11, 12. Ngokunjalo, uYesu wayeza kuwenza umsebenzi waKhe, kungengakubhukuqa iitrone nezikumkani, kungengamivuyo nokuqhayisa kwangaphandle, kodwa ngokuthetha kwiintliziyo zabantu ngobomi benceba nokuzincama.UL 22.3

    Ubukumkani bukaThixo abuzi bunokuzibabaza. Buza ngobulali bempefumlelo yelizwi laKhe, ngokusebenza kwangaphakathi koMoya waKhe, ubudlelane bomphefumlo kunye naLowo ububomi. Okona kubonakalaliswa kukhulu kwamandla abo kubonwa kwindalo yomntu ethi ifikelele kwingqibelelo yesimilo sikaKristu.UL 22.4

    Abalandeli bakaKristu kufuneka babe kukukhanya kwehlabathi, kodwa uThixo akaze athi mabazame ukuba bakhanye. Akavumelani nayo nayiphi imigudu yokuveza ukulunga okuphezulu. Ulangazelela ukuba imiphefumlo yabo izaliswe yimithetho-siseko yezulu; kuthi emva koko, bathi xa behlangana nehlabathi, baveze ukukhanya okungaphakathi kwabo. Ukunyaniseka kwabo okuzinzileyo kuko konke abakwenzayo ebomini kuya kuba yindlela yokukhanyisa.UL 22.5

    Ubutyebi okanye isikhundla esiphezulu, izixhobo ezinexabiso elikhulu, izakhiwo okanye iimpahla, asinto zifunekayo ekuhambiseleni phambili umsebenzi kaThixo. Kanti ke, nokwenza okuhle kakhulu okuzisa ukudunyiswa ngabantu, akuzi nanto kuThixo. Ubunewunewu behlabathi, nokuba buhle kangakanani, abunaxabiso phambi kukaThixo. Ngaphaya kokubonwayo nokwexeshana, uxabise okungabonwayo nobukanaphakade. Okuhle kunexabiso kuphela xa kubabaza unaphakade. Okuhle kakhulu okwenziwa ngobuchule abunabo ubuhle obunokuthelekiswa nobuhle besimilo, obusisiqhamo sikaMoya Oyingcwele osebenza emphefumlweni.UL 23.1

    Xa uThixo wayenikela uNyana waKhe kweli hlabathi lethu, wabazalisa abantu ngobutyebi obungenakonakala—ubutyebi obenza ukuba ubutyebi bezona zityebi ezakha zakho emhlabeni bungabi nto. UKristu weza emhlabeni wema phambi kwabantwana babantu ezaliswe luthando olungenasiphelo, ubutyebi obo esithi, ngokwayama kuYe, sibuzuze, sibutyhile, siphise ngabo nakwabanye.UL 23.2

    Ilinge lomntu linokuba nempumelelo emsebenzini kaThixo kanye ngokokuzinikela komsebenzi lowo kuThixo—ngokuveza amandla obabalo lukaKristu ekuguquleni ubomi. Kufuneka sahluke ehlabathini kuba uThixo ebeke itywina laKhe phezu kwethu, kuba esibonakalalisa kuthi isimilo sothando lwaKhe. UMhlawuleli wethu usigquma ngobulungisa baKhe.UL 23.3

    Ekunyuleni amadoda nabafazi emsebenzini waKhe, uThixo akabuzi ukuba bangaba banobutyebi behlabathi na, imfundo, okanye ubuciko. Into ayibuzayo, “Bangaba bahamba ngentobeko na ukuba ndingabafundisa indlela yaM? Ndingawabeka na amazwi waM emilebeni yabo sini na? Baya kundimela na?”UL 23.4

    UThixo unokusebenzisa nawuphi umntu kanye ngokulingana noko anokufaka uMoya waKhe etempileni yomphefumlo. Umsebenzi aya kuwamkela ngumsebenzi obonakalalisa umfanekiselo waKhe. Abalandeli baKhe kufuneka bazithwale, njengamaphepha-mvume ehlabathini, iimpawu ezingenakucima zemithetho-siseko yaKhe engunaphakade.UL 23.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents