Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Umsebenzi Wesikolo

    Ingqeqesho yasekhaya kufuneka yongezwe ngumsebenzi wesikolo. Ukukhula komntu aphelele, emzimbeni, engqondweni, nasemoyeni, nemfundiso yomsebenzi nokuzincama, zimele ukugcinwa zisoloko zisemehlweni.UL 316.1

    Ngaphezu kwazo zonke ezinye izenzeleleli, ukusebenza, ngenxa kaKristu, kwizinto ezincinane zokuphila imihla ngemihla kunamandla okubumba isimilo nokukhokelela ubomi kwiindlela zolungiselelo olungajonge nzuzo. Ukuvusa lo moya, ukukhuthaza nokuwukhokela ngendlela eyiyo, ngumsebenzi wabazali netitshala. Awukho umsebenzi obaluleke ukuwudlula abawunikiweyo. Umoya wolungiselelo ngumoya wezulu, kwaye, kulo lonke ilinge lokuwukhulisa nokuwukhuthaza, iingelosi ziya kubakho ukuncedisa.UL 316.2

    Imfundo efana nale kufuneka yakhelwe phezu kwelizwi likaThixo. kulapha kuphela apho imithetho-siseko yalo inikwe ngokupheleleyo. IBhayibhile kufuneka yenziwe isiseko sesifundo nesokufundisa. Ulwazi olufunekayo lulwazi lukaThixo naLowo wamthumayo.UL 316.3

    Wonke umntwana nalo lonke ulutsha kufuneka babe nokuzazi. Kufuneka elowo ayazi indawo yokuhlala engumzimba athe uThixo wamnika yona, kwanemithetho ethi ngayo igcinwe isempilweni. Bonke kufuneka bazinze ngokupheleleyo kumasebe aqhelekileyo emfundo. Kukwafuneka babe nokuqeqeshwa emsebenzini oya kubenza babe ngamadoda namakhosikazi anesakhono sokwenza, baze bafanele imisebenzi yobomi yemihla ngemihla. Kufuneka kongezwe koku ingqeqesho namava aphathekayo kwimiba eyahlukeneyo yelinge lokuvangela.UL 316.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents