Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Amacebo Ekamva

    Abaninzi abakwazi ukwenza amacebo acacileyo ngekamva. Ubomi babo abuzinzanga. Abakwazi ukusiqonda isiphumo semicimbi, kuze oku kubazalise ngexhala nokungazoli. Masikhumbule ukuba ubomi babantwana bakaThixo kulo mhlaba bubomi bokuphambukela. Asinabulumko bokuceba obethu ubomi. Asikokwethu ukubumba ikamva lethu. “Ngokholo uAbraham wathi, akubizwa, wakululamela ukuba aphume, aye kuloo ndawo abeza kuyamkela ukuba ibe lilifa; waphuma ke, engazi kakuhle nalapho aya khona.” Hebhere 11:8.UL 386.1

    UKristu, kubomi baKhe emhlabeni, akazange enze macebo ngesiqu saKhe. Wamkela amacebo kaYise ngaYe, waza uYise, imihla ngemihla, wawatyhila amecebo angaYe. Ngokunjalo, nathi simele ukuxhomekeka kuThixo, ukuze ubomi bethu bube kukusebenza okulula kwentando yakhe. Xa sizinikela kuYe iindlela zethu, uya kuwakhokela amanyathelo ethu. Baninzi kakhulu abathi, ekucebeni ikamva eliqhakazileyo, basuke basilele kakhulu. Mvumele uThixo ukuba akucebele. Njengomntwana omncinane, thembela kwinkokelo yaKhe oya “kuzigcina iinyawo zabakhe benceba.” 1 Samuweli 2:9. UThixo abakhokele abantwana baKhe ngenye indlela kunokuba bebeya kukhetha ukuba bakhokelwe, ukuba bebengasibona isiphelo kwasekuqalekeni baze babuqonde ubuhle benjongo abayizalisekisayo njengabasebenzi kunye naYe.UL 386.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents