Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ulwazi Olufunekayo

    35—Ukumazi Ngenene UThixo

    NjengoMsindisi wethu, sikulo mhlaba ukuba sisebenzele uThixo. Silapha ukuba sifane noThixo ngesimilo, nangobomi bokusebenza ukuba simtyhile uThixo ehlabathini. Ukuze sibe ngabasebenzi kunye noThixo, ukuze sifane naYe nokuba sisityhile isimilo saKhe, kufuneka simazi kakuhle. Kufuneka simazi njengoko azityhilayo.UL 323.1

    Ukumazi uThixo kusisiseko sayo yonke imfundo eyinyaniso nako konke ukusebenza okanye ukukhonza okuyinene. Kuphela kwesikhuselo esiqinisekileyo kwisilingo. Kuphela kwako oku okunokusenza sifane noThixo ngesimilo.UL 323.2

    Olu lulwazi oludingwa ngabo bonke abasebenzela ukuphakamisa uluntu. Ukwenziwa kumila kumbi kwesimilo, ubunyulu bobomi, ukubalasela emsebenzini, ukubambelela kwimithetho-siseko elungileyo, konke kuxhomekeke ekumazini ngendlela eyiyo uThixo. Olu lwazi lulungiselelo olufunekayo kumacala omabini, kobu ubomi nakubomi obuzayo.UL 323.3

    “Yingqalo yokululmka ukoyika uYehova.” Imizekeliso 9:10.UL 323.4

    Ngokumazi Yena, sonke siphiwe “zonke izinto ezisingise ebomini nasekuhloneleni uThixo.” 2 Petros 1:3.UL 323.5

    “Bubo ke obu ubomi obungunaphakade,” watsho uYesu, “ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.” Yohane 17:3.UL 323.6

    “Utsho uYehova ukuthi,
    Isilumko nasingaqhayisi ngobulumko baso,
    Igorha malingaqhayisi ngobugorha balo,
    Isityebi masingaqhayisi ngobutyebi baso.
    Oqhayisayo makaqhayise ngale nto yokuba endiqiqa,
    Endazi mna ukuba ndinguYehova, Owenza inceba, nesiko, nobulungisa, ehlabathini;
    Ngokuba ndinanze ezo zonto, utsho uYehova.”
    UL 323.7

    Yeremiya 9:23, 24.

    Siyakudinga ukuzifunda izityhilelo ezingaYe athe uThixo wazinika.UL 324.1

    “Khawenze ubuhlobo naye, ube noxolo;
    Ngaloo nto wozelwa kokulungileyo.
    Khawamkele umyalelo emlonyeni wakhe,
    Ubeke iintetho zakhe entliziyweni yakho. . . .
    USomandla woba lilitye legolide kuwe. . . .

    Ngokuba uya kwandula ukuziyolisa ngoSomandla,
    Ubuphakamisele kuThixo ubuso bakho.
    Wothandaza kuye, eve,
    Uzizalise izibhambathiso zakho;
    Usongele into, ifezeke kuwe;
    Ezindleleni zakho kukhanye, kube mhlophe.
    Xa zithe zehla, wothi, Phezulu!
    Amsindise omehlo aqondele phantsi.”
    UL 324.2

    Yobhi 22:21-29.

    “Iindawo zakhe ezibe zingenakubonwa zibonwa kakuhle, ziqondeke, ngezinto ezenziweyo, kwanamandla akhe angunaphakade, nobuThixo bakhe, ukuze bangabi nako ukuziphendulela.” Roma 1:20.UL 324.3

    Iznto zendalo esizibonayo ngoku zisinika umbono omfiliba kakhulu wobuqaqawuli be-Eden. Isono sibonakalisile ubuhle bomhlaba; kwizinto zonke iyabonakala imida yomsebenzi wobubi. Noko kunjalo, kuninzi okuhle okuseleyo. Indalo iyangqina ukuba Onamandla angenasiphelo, omkhulu ngokulunga, inceba nothando, wawudala umhlaba, wawuzalisa ngobomi nolonwabo. Nakwimeko yazo etshazileyo, zonke izingo zityhila umsebenzi wezandla zeGcisa eliyiNtloko. Kuyo yonke indawo esiya kuyo, siva ilizwi likaThixo, sibone ubungqina bokulunga kwaKhe.UL 324.4

    Ukususela kumgqumo osandi sinzulu sendudumo nomgqumo omdala ongayekiyo wolwandle, kuse kwiingoma zovuyo ezenza amahlathi abe nentsholo emnandi, amazwi endalo azizigidi avakalisa indumiso yaKhe. Emhlabeni naselwandle nasesibhakabhakeni, kuhonjiswe ngemibala eyahlukene ngokhuphikiswano oluhle, okanye ehlangene ngokuhambelanayo, sibona ubuqaqawuli baKhe. Iinduli ezingunaphakade zisibalisela ngamandla aKhe. Imithi ejiwuzisa iimbasa yazo eziluhlaza ekukhanyeni kwelanga, neentyatyambo ngobuhle bazo obucekethekileyo, zalatha kuMdali. Utyani oluluhlaza oluphilileyo olwandlaliweyo lulukhuko kumhlaba omdaka luxela ngenkathalo kaThixo nakwezona ziphantsi izidalwa zaKhe. Imiqolomba yolwandle neenzulu zomhlaba zityhila amagugu waKhe. Lowo wabeka iiperile elwandle namatye angamagugu phakathi kwamawa, ungumthandi wokuhle. Ilanga eliphuma emazulwini lingummeli waKhe obubomi nokukhanya kwako konke awakwenzayo. Konke ukubengezela nobuhle obuhombisa umhlaba, bukhanyise amazulu, kuthetha ngoThixo.UL 324.5

    “Igubungele amazulu indili yakhe,
    Ihlabathi lizele yindumiso yakhe.”

    “Hayi, ukuba zininzi izenzo zakho, Yehova!
    Zonke ziphela uzenze ngobulumko;
    Uzele umhlaba zizidalwa zakho.”

    “Imini impompozela imini intetho,
    Ubusuku buxelela ubusuku ukwazi.
    Akukho ntetho, akukho mazwi,
    Apho singavakaliyo isandi sawo.
    Intambo yawo yokulinganisa
    iphume yaya ehlabathini lonke,
    Kwaba seziphelweni zelimiweyo
    ukukhuluma kwawo.”
    UL 325.1

    Habhakuki 3:3; INdumiso104:4; Ndumiso 19:2-4.

    Zonke izinto zibalisa ngenkathalo yaKhe enothando lomzali nangomnqweno waKhe wokwenza abantwana baKhe bonwabe.UL 325.2

    Amandla amakhulu asebenza kuyo yonke indalo aze axhase zonke izinto awanguwo umthetho-siseko ogquba kuyo yonke indawo, namandla awenza izinto, njengoko abesayensi becinga. UThixo unguMoya; kanti ungu“Mntu” onobuqu; ngenxa yoko, wazityhila.UL 326.1

    “UYehova nguThixo oyinyaniso,
    NguThixo ophilileyo, ngukumkani ongunaphakade; . . .
    Bona oothixo abangalenzanga izulu nehlabathi,
    Baya kudaka ehlabathini, naphantsi kwezulu.”

    “Akanjengazo yena uSahlulelo sikaYakobi,
    Ngokuba ngumbumbi weento zonke yena.”

    “Yena ngulowenza ihlabathi ngamandla akhe;
    Ulozinzisa elimiweyo ngobulumko bakhe;
    Waneka izulu ngengqondo yakhe.”
    UL 326.2

    Yeremiya 10:10, 11, 16, 12.

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents