Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    “Ndininika Igunya”

    Kwanjengabapostile abalishumi elinambini, amashumi asixhenxe abafundi awabathumayo uKristu kamva bazuza izipho ezingaphezu kwendalo njengetywina lomsebenzi abawuthunyiweyo. Wakuba ugqityiwe umsebenzi, babuya benovuyo, besithi, “Nkosi, needemon ezi zisithobele egameni lakho.” UYesu waphendula, “Bendimbona uSathana njengombane esiwa ezulwini.” Luka 10:17, 18.UL 61.1

    Ukususela ngoko, abalandeli bakaKristu kufuneka bambone uSathana njengotshaba oloyisiweyo. Emnqamlezweni, uYesu wayeza kubazuzela uloyiso; uloyiso awayenqwenela ukuba bangalwamkela njengolwabo. “Niyabona,” watsho, “Ndininika igunya lokunyathela phezu kweenyoka noonomadudwane, naphezu kwawo onke amandla alo utshaba; kananjalo akukho nto ingakhe inenzakalise.” Indima 19.UL 61.2

    Amandla anako konke kaMoya Oyingcwele alukhuselo kuwo wonke umphefumlo otyumkileyo. Akakho oya kuthi ekuguqukeni nasekukholweni abange inkuseleko aya kuthi uKristu amvumele ukuba adlule phantsi kwamandla otshaba. Kuyinyaniso ukuba uSathana usisidalwa esinamandla; kodwa, makubulelwe kuThixo, sinoMsindisi oligorha, owamlahlela ngaphandle kwezulu ongendawo. USathana uyaneliswa xa siwenza makhulu amandla akhe. Kutheni singathethi ngoYesu? Kutheni singawenzi makhulu amandla aKhe nothando lwaKhe?UL 61.3

    Umnyama wesithembiso ojikeleze itrone ezulwini ungumnqophiso ongunaphakade wokuba “uThixo wenjenje ukulithanda kwaKhe ihlabathi, ude wancama uNyana waKhe ekuphela kwamzeleyo ukuze bonke abakholwayo kuYe bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.” Yohane 3:16. Ungqina kwindalo yonke ukuba uThixo akasokuze abashiye abantwana baKhe kwidabi lobubi.UL 61.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents