Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Imithetho-siseko YeBhayibhile Yonyango

    Kwabo banga bangabuyelwa okanye bagcine impilo, sikho isifundo emazwini esiBhalo, “Musani ukunxila yiwayini, ekukhoyo kuloo nto ukuzibhubhisa; manizaliswe nguMoya.” Efese 5:18. Akubi ngokuthabatheka okanye ngokungabikho zingqondweni okubanwa zizinto ezivuselelayo ezingenampilo; kungekuko nangokuziyekela ekuthandenzi komzimba okanye iinkanuko, apho kunokufunyanwa khona ukuphiliswa okanye ukuhlaziywa komzimba okanye umphefumlo. Phakathi kwabagulayo, baninzi abangenaye uThixo, abangenalo nethemba. Bagula yiminqweno enganeliswanga, iinkanuko ezingamanga kakuhle, nokugwetywa zizazela zabo; balahlekelwa kukubambelela kobu bomi, baye bengenathemba lobomi obuzayo. Abo bajongene nabagulayo mabangathembi ukuba bangabanceda aba bagulayo ngokuba babanike izinto ezonwabisayo nezithabathekisayo. Zibe sisiqalekiso ezi ebomini babo. Umphefumlo olambileyo, onxaniweyo uya kuqhubeka ulamba unxanwa lo gama usafuna ukwaneliseka apha. Abo basela emthonjeni weziyolo zokubawa bakhohlisekile. Baphazamisa ukuthabatheka namandla, kuthi kwakuphela ukuthabatheka oko, uphele umfutho wabo, bashiyeke benganelisekanga koko bephelelwe lithemba.UL 190.2

    Uxolo oluhlala luhleli, uphumlo oluyinene lomoya, luphuma kuMthombo omnye kuphela. Nguwo lo wayethetha ngawo uKristu xa wayesithi, “Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla.” Mateyu 11:28. “Ndishiya uxolo kuni; ndininika uxolo lwam, andininiki njengokunika kwehlabathi.” Yohane 14:27. Olu xolo alunto ayinika ithe qelele kuYe. LukuKristu, kwaye singalufumana kuphela ngokwamkela Yena.UL 191.1

    UKristu ulithende lobomi. Into edingwa ngabaninzi kukuba nolwazi olucace kakhulu ngaYe; badinga ukuba kuthi ngomonde nobubele, kodwa ngokunyanisekileyo, bafundiswe indlela ekunokuthi umzimba wonke unikelwe kwizenzeleleli zezulu eziphilisayo. Xa ilanga lothando lukaThixo lukhanyisa kumagumbi amnyama omphefumlo, ukudinwa okungenakuphumla nokunganeliseki kuya kuphela, ukuze imivuyo eyanelisayo inike udlamko ingqondo nempilo namandla emzimbeni.UL 191.2

    Sisemhlabeni wembulaleko. Ubunzima, ukulingwa, nentlungu zisilindele endleleni yonke esinga ekhaya ezulwini. Eyona ngxaki yeyokuba kukho abaninzi abayenza imithwalo yobomi ibe nzima ngokuphindiweyo ngokuhlala belindele inkathazo. Xa behlangana nenkcaso okanye into ebaphoxayo baye bacinge ukuba yonke into iza konakala, nokuba okwabo kokona kunzima ukudlula konke, nokuba ngokuqinisekileyo baza kuswela. Ngaloo ndlela bazizisela inkxwaleko phezu kwabo, bazijikeleze ngethunzi elimnyama. Ubomi ngokwabo bungumthwalo kubo. Kanti ke, akumele kube njalo. Kuya kufuneka babe nomzamo onzima ukuze bayiguqule indlela abacinga ngayo. Yona inguquko inako ukubakho. Ukonwaba kwabo, kobu ubomi nakobuzayo, kuxhomekeka ekumiliseleni kwabo iingqondo zbo kwizinto ezonwabisayo. Mabakhangele kude le kumfanekiso omnyama, oyinto phofu abayicingayo, bajonge kwizinto ezintle azisasaze endleleni yabo, nangaphaya kwazo, ukuze babone okungabonwayo nokwaphakade.UL 191.3

    Kuzo zonke izilingo, uThixo unomphako woncedo. Wathi uIsrayeli entlango akufika kumanzi akrakra aseMara, uMoses wakhala kuYehova. UYehova akazange amnike ichiza elitsha; wayitsalela ingqondo yakhe kwinto eyayikufutshane kuye. Ityholo awayelidalile kwakufuneka liphoswe emthonjeni ukuze amanzi ahlambuluke abe mnandi. Kwathi kwakwenziwa oku, abantu bawasela amanzi aye ehlambulukile. Kuko konke ukulingwa, ukuba sithi sibize Yena, uKristu uya kusinika uncedo. Amehlo wethu aya kuvuleka ukuba siziqonde izithembiso zempiliso ezibhaliweyo elizwini laKhe. UMoya Oyingcwele uya kusifundisa indlela esingathabathela kuthi ngayo yonke intsikelelo enokuthi ibe lichiza kwintlungu. Kuko konke okuselwayo okukrakra esikubeka emilebeni yethu, siya kulifumana isebe lempiliso.UL 192.1

    Masingawayeki amangomso, neenkathazo zawo ezinzima, kunye nokulindelekileyo okunganelisiyo, ukuba azenze zityhafe iintliziyo zethu, namadolo agevezele. izandla zethu ziwe. “Mababambelele egwibeni lam,” utsho uSomandla, “baxolelane nam, ewe, baxolelane nam.” Isaya 27:5. Abo babunikela ubomi babo kwinkokelo yaKhe nasemsebenzini waKhe abasayi kuze babekwe kwimeko angakhange enze msindleko ngayo. Nokuba ithini na imeko yethu, ukuba, singabenzi belizwi laKhe, sinoMkhokeli wokusibonisa indlela yethu; nokuba zithini iingxaki, sinoMcebisi oqinisekileyo; nokuba zinjani iintsizi zethu, ukukhala, okanye ubulolo, sinoMhlobo ovelana nathi.UL 192.2

    Ukuba sithe ekungazini kwethu, sagqwidiza, uMsindisi akasishiyi. Masingaze sizive sisedwa. Iingelosi zingamaqabane ethu. Umthuthuzeli awathembisa ngaYe uKristu ukuba uya kumthumela egameni laKhe uhleli nathi. Endleleni eya eMzini kaThixo akukho zinzima abo bathembele kuYe bangayi kuzoyisa. Akukho zingozi abangafanele kusinda kuzo. Akukho lusizi, kungekho zikhalo, nabuthakathaka bomntu, ezizizinto angazilungiselelanga chiza.UL 192.3

    Makungabikho bantu baziyekela ekutyhafeni nasekuphelelweni lithemba. USathana angeza kuwe necebiso elikhohlakeleyo, esithi, “Imeko yakho ayinathemba. Akunako ukuhlangulwa.” Nokuba angatsho, wena unalo ithemba kuKristu. UThixo akathi masoyise ngamandla wethu. Uyasicela ukuba sisondele ecaleni kwaKhe. Nokuba bunjani ubunzima esisebenza phantsi kwabo, obuthi budobelele phantsi umphefumlo nomzimba, ulindile ukuba asikhulule.UL 193.1

    Lowo wathabathela ubuntu phezu kwaKhe, uyakwazi ukuba novelwano nezigulo zoluntu. UKristu akaneli nje ukuyazi yonke imiphefumlo, nezidingo kunye nezilingo ezizodwa zomphefumlo ngamnye, kodwa wazi zonke iimeko eziwukhathazayo ziwudide umoya. Isandla saKhe usolule esivule ngothando olunovelwano kuye wonke umntwana obulalekayo. Abo bagula kakhulu banolukhulu uvelwano nemfesane yaKhe. UKristu uyachukunyiswa yimvakalelo yobulwelwe bethu, ekwalangazelela ukuba sizibeke ezinyaweni zaKhe zonke iingxaki neenkathazo zethu.UL 193.2

    Asibubo ubulumko ukukhangela kwiziqu zethu sifune iimvakalelo zethu. Ukuba siyakwenza oku, utshaba luya kusibekela iinzima nezihendo eziyakulweza buthakathaka ukholo lwethu, lukubhangise ukuqina kwethu. Kwayame kakhulu ekufundeni kwethu iimvakalelo zethu nokuyekela kwizivozethu kukondla intandabuzo nokuzifaka ezingxakini. Kufuneka siwasuse amehlo kuthi sikhangele kuYesu. UL 193.3

    Xa izihendo zikuhlalela, xa ixhala ukudideka, nobumnyama bungathi buwurhangqile umphefumlo wakho, khangela kwindawo owagqibela kuyo ukubona ukukhanya. Phumla eluthandweni lukaKristu naphantsi kwenkathalo yaKhe ekhuselayo. Xa isono silwela ukugunya entliziyweni yakho, xa ubutyala buwucinezele umphefumlo nomthwalo ucinezele isazela, xa ukungakholwa kuyenze yamnyama ingqondo yakho, khumbula ukuba ubabalo lukaKristu lwanele ukoyisa isono nokugxotha ubumnyama. Xa singena kuqhagamshelano noMsindisi, singena kummandla woxolo.UL 193.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents