Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukusindiswa Ngethemba

    “Sasindiselwa ethembeni.” Roma 8:24. Abawileyo kufuneka bakhokelelwe ekuqondeni ukuba akukho mva kakhulu kubo ukuba babe ngabantu. UKristu wamnika imbeko umntu ngokuthemba kwaKhe waza waba umbeka kwisidima sakhe. Nabo bawela kowona mgangatho uphantsi wabaphatha ngembeko. Yaba yintlungu eqhubekayo kuKristu ukuhlanganiswa notshaba, nendlala, nokungahlambuluki; kodwa akazange wathetha nanye into ukubonisa ukuba imvakalelo zaKhe zazothukile okanye ukuthanda kwaKhe okuchubekileyo kwakukhubekile. Nokuba yayiyeyiphi imikhwa yobubi, iintiyo ezimbi kakhulu, okanye iimvakalelo zabantu ezinganyamezelekiyo, wahlangana nazo zonke ngothando olunovelwano. Xa sithi sibe noMoya waKhe, siya kubathabatha bonke abantu njengabazalwana, abanezihendo nezilingo ezifanayo [nezethu], abakholisa ngokuwa baphinde bazame ukuphakama kwakhona, besilwa nezityhafiso neenzima, bebawela imfesane noncedo. Siya kuthi ngoko sihlangane nabo ngendlela engasayi kubatyhafisa okanye ibagxothe, kodwa eya kuthi ivuselele ithemba ezintliziyweni zabo. Bakuba bekhuthazwe ngolo hlobo, banako ukuthi ngesibindi, “Musa ukundivuyelela, lutshaba lwam; kuba, ndiwile nje, ndiya kubuya ndivuke; kuba ndihleli emnyameni nje, uYehova uya kuba kukukhanya kum.” Uya kuthi “andithethelele etyaleni lam, andilungisele; uya kundikhuphela ekukhanyeni; ndiya kububona ubulungisa bakhe.” Mika 7:8, 9.UL 120.1

    UThixo “wondele kubemi bonke behlabathi.
    Ulobumba ngakunye intliziyo yabo.”
    UL 120.2

    INdumiso 33:14, 15.

    Uyasiyalela, ekuphatheni abahendwayo nabonayo, “Zilumkele, ukuba ungahendwa nawe.” Galati 6:1. Sakuba siziva sinobulwelwe nathi, siya kuba novelwano ngobulwelwe babanye.UL 120.3

    “Ngubani na okubalulayo kwabanye? Yintoni na ke onayo ongayamkeliswanga?” “Mnye uMkhokeli wenu, . . . nina ke nonke ningabazalwana.” “Wena, yini na ukuba umgwebe umzalwana wakho? Hi wena, yini ukuba umenze into engeyakonto umzalwana wakho?” “Masingabi sagwebana: . . . kanye yithini ukugweba, makungabekwa siwiso, nasikhubekiso, phambi komzalwana.” 1 Korinte 4:7; Mateyu 23:8; Roma 14:10, 13.UL 120.4

    Ngamaxesha wonke, kumenza iintloni umntu ukukhonjwa kweziphoso zakhe. Makungabikho othi awenze mabi kakhulu loo mava ngokungxolisa okungadingekiyo. Akakho owakha wahlangulwaUL 121.1

    ngokungxoliswa; kodwa abaninzi ngokwenziwa njalo bayemka basuke baziqinise iintliziyo zabo ekwenzeni oko kungalunganga. Ukuziphatha okunenzuzo komoya wothando, nobubele, kungamsindisa owonayo, kugubungele inkitha yezono.UL 121.2

    Umpostile uPawulos wakufumana kubalulekile ukukuthethisa ukwenziwa kokungalunganga, kodwa, ngononophelo, wayezama ukubonisa ukuba wayengumhlobo kowonileyo! Indlela awayezondelela ngayo ukusichaza kubo isizathu sokwenza kwakhe! Wabenza baqonda ukuba kumenze buhlungu ukwenza bona buhlungu. Wabonisa ukuthemba novelwano ngakwabo babezamana nokuba boyise.UL 121.3

    “Ekubandezelekeni nasekuxinzelekeni okukhulu kwentliziyo yam, wathi, “ndanibhalela ndineenyembezi; ndingenzeli ukuze nenziwe buhlungu, ndisenzela ukuze nilwazi uthando endinithanda ngalo ngokugqithisileyo.” 2 Korinte 2:4. “Kuba nakuba ndikhe ndanenza nabuhlungu ngencwadi leyo, andizohlwayi, nakuba ndikhe ndazohlwaya; . . . ngoku ke ndiyavuya, ndingavuyeli kuba neenziwa buhlungu, ndivuyela ukuba nenziwa buhlungu ngokwasinga enguqukweni. . . . Kuba, yabonani, kwaoko kwenziwa kwenu buhlungu ngokukaThixo, kwanisebenzela ukunyameka okungakanana; nasuka naziphendulela, nasuka nacaphuka, nasuka noyika, nasuka nalangazelela, nasuka nazondelela, nasuka naphindezela! Ngeendawo zonke niziqondakalisile, ukuba kulo mcimbi nimsulwa nina okwenu. . . . Ngenxa yoko, sithuthuzelekile.” 2 Korinte 7:8-13.UL 121.4

    “Ndiyavuya ngoko, kuba ndomelezekile kuni ezintweni zonke.” Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam, ekunikhumbuleni kwam konke ekukhungeni kwam konke ndikhunga ngenxa yenu nonke, ndivuyile, ngenxa yobudlelane benu obubhekisele kuzo iindaba ezilungileyo kususela kwimini yokuqala kude kube ngoku.” “Ekubeni ndikholose ngayo le nto, yokuba lowo wawuqalayo ngaphakathi kwenu umsebenzi olungileyo, wowufeza, ide ibe yiloo mini kaYesu Kristu; njengokuba ndilungisa ukucinga oko ngani nonke, ngenxa yokuba nikum entliziyweni.” “Ngoko ke, bazalwana bam abaziintanda, balangazelelwayo, luvuyo lwam, sithsaba sam yimani ngokunjalo eNkosini, zintanda.” “Ngoku siphilile, ukuba nina nithi nime eNkosini.” Indima 16; Filipu 1:3-5; 1:6, 7; 4:1; 1 Tesalonika 3:8.UL 121.5

    UPawulos wababhalela aba bazalwana nje“ngabangcwele kuKristu Yesu;” kodwa wayengabhaleli kwabo babegqibelele esimilweni. Wabhalela kubo njengamadoda nabafazi ababezamana nesihendo nababesengozini yokuwa. Wabalathisa kuye “uThixo woxolo, lowo wavusa kwabafileyo uMalusi oMkhulu wezimvu.” Wabaqinisekisa ngelithi, “Ngegazi lomnqophiso ongunaphakade” “[uya kuni]lungisa nigqibelele emisebenzini yonke elungileyo, ukuze nikwenze ukuthanda kwakhe, esenza ngaphakathi kwenu oko kukholekileyo emehlweni akhe, ngoYesu Kristu.” Hebhere 13:20, 21.UL 122.1

    Xa athe owonileyo wayiqonda imposiso yakhe, kulumkeleni nina ukukutshabalalisa ukuzihlonipha kwakhe. Musani ukumtyhafisa ngokungamhoyi okanye ukungamthembi. Musani ukuthi, “ngaphambi kokuba mna ndimthembe, ndiza kulinda ndibone ukuba uza kubambelela na.” Amaxesha amaninzi, kanye oku kungathembi kwenza ukuba lowo uhendiweyo akhubeke.UL 122.2

    Kufuneka sizame ukubuqonda ubuthakathaka babanye. Sazi kancinane ngezilingo zentliziyo yabo bakhonkxwe ngamatyathanga obumnyama abaswele amandla okwenza isigqibo nawokuziphatha. Okona kulusizi yimeko yalowo ugula phantsi kokuzisola; ufana nodidekileyo, ogxadazelayo, otshone eluthulini. Akukho nto ayibona ngokucacileyo. Ingqondo isibekele, akawazi amanyathelo amakawathabathe. Imiphefumlo emininzi ayiqondwa, ayixatyiswa, izele luxinzelelo nentlungu—imvu elahlekileyo ebhadulayo. Akakwazi ukumfumana uThixo, nangona enolangazelelo olukhulu lokuxolelwa noxolo.UL 122.3

    Owu, makungabikho lizwi lithethwayo ukwenza nzulu intlungu! Kumphefumlo odiniweyo bubomi besono, kodwa ungazi apho unokufumana khona uncedo, beka uMsindisi onovelwano. Mbambe ngesandla, mphakamise, thetha kuye amazwi enkuthazo nethemba. Wuncede ukuba ubambe isandla soMsindisi.UL 122.4

    Sityhafiswa lula kakhulu yimiphefumlo engakhawuleziyo ukusabela kumalinge ethu. Akufuneki size siyeke ukusebenzela umphefumlo lo gama kusekho ufifana lwethemba. Imiphefumlo exabisekileyo ixabisa idla uMsindisi wethu ozicamayo ixabiso elikhulu kakhulu ukuba lingayekelwa kwigunya lomlingi.UL 123.1

    Sidinga ukuba sizibeke kwindawo yabo bahendwayo. Masiqaphele emandla emfuzo, impembelelo yamaqabene angalunganga nokusijikelezileyo, amandla emikhwa engalunganga. Ingaba kuyamangalisa ukuba phantsi kweempembelelo ezinjalo abaninzi baphalale? Ingaba siyamangala ukuba bahambe kade ukusabela kumalinge ethu okubaphakamisa?UL 123.2

    Amaxesha amaninzi, bakuba bezuziwe ziindaba ezilungileyo, abo babebonakala berhabaxa bengathembisi baba yinxalenye yamalungu nabasasazi bazo iindaba ezilungileyo. Abonakalanga ngokupheleleyo. Ngaphantsi kwembonakalo egxothisayo kukho ukubetha kwentliziyo okunokufikelelwa. Ngaphandle kwesandla esincedayo abaninzi bebengasayi kuze bazibuyise, kodwa ngomonde, umzamo ozingisileyo banako ukuphakanyiswa. Abanjalo badinga amazwi othando, ukuqatshelwa ngobubele, noncedo olubambekayo. Badinga uhlobo lokululekwa olungayi kulicima ilangatye elilozisayo lesibindi emphefumlweni. Abasebenzi abangenayo mabakuqaphele oku.UL 123.3

    Abanye baya kufunyanwa abangqondo zabo kukudala zonakala ngangangokuba abasokuze kobu bomi babe yinto ababeya kuba yiyo phantsi kweemeko ezivumayo. Sekunjalo, ukukhanya kweLanga loBulungisa linako ukubengezela emphefumlweni. Lilungelo labo ukuba nobomi obulinganiswa nobomi bukaThixo. Tyala ezingqondweni zabo iingcinga ziphakamisayo nezinika isidima. Ubomi bakho mabucacise kubo umahluko phakathi kwenkohlakalo nobunyulu, ubumnyama nokukhanya. Kumzekelo wakho, mabafunde ukuba kukuthini ukuba ngumKristu. UKristu unako ukuphakamisa nabona bazaliswe zizono ababeke apho baya kwaziwa njengabantwana bakaThixo, iindlalifa kunye noKristu kwilifa elingenakonakala.UL 123.4

    Ngommangaliso wenceba kaThixo, abaninzi bangenziwa babufanele ubomi bokuba luncedo. Bedeliwe beshiyiwe, besuke baphelelwa lithemba ngokupheleleyo; banokubonakala bebengathi abakhathalele zintlungu naziyolo, belukhuni. Kuthi kodwa phantsi kolungiselelo lukaMoya Oyingcwele, ubudenge obenza ukuba ukuphakanyiswa kwabo kubonakale kunganiki themba, budlule. Ingqondo edodobeleyo, nemnyama ivuke. Ikhoboka lesono likhululwe. Inkohlakalo ithi shwaka, ukungazi koyiswe. Ngokholo olusebenza ngothando, intliziyo ihlanjululwe ize yona ingqondo ikhanyiselwe.UL 124.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents