Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Uxanduva Lwebandla

    Umdla etywaleni unamandla ehlabathini. Kwicala lawo kuhlangene amandla emali, umkhwa, ukuthanda ukubusebenzisa. Amandla abo avakala nasebandleni. Amadoda amali yawo ephuma ngokuphandle nangezinye iindlela, ekuthengisweni kotywala, angamalungu amabandla, “afanelekileyo nathembekileyo.” Amaninzi kuwo anikela ngesisa kumabandla awaziwayo. Iminikelo yawo lixhasa imisebenzi yebandla kwakunye nabafundisi. Ayalawula koko kwenziwa ngamandla emali. Amabandla awamkela amalungu anjalo ngokuqinisekileyo axhasa ukuthengiswa kotywala. Amaxesha amaninzi umfundisi akanaso isibindi sokumela okulungileyo. Akabaxeleli abantu bakhe oko uThixo akuthethileyo ngomsebenzi womthengisi wotywala. Ukuthetha ngokuphandle kuya kuba kukukhubekisa ibandla, ukuncama ukuthandwa kwakhe, nokulahlekwa ngumvuzo wakhe.UL 265.1

    Kanti ke, ngaphezu kwenkundla yamatyala ebandla kukho ekaThixo. Lowo wathi kumbulali wokuqala, “Izwi legazi lomninawa wakho liyakhala emhlabeni kum” (Genesis 4:10), akasokuze amkele kwisibingelelo saKhe izipho zomthengisi wotywala. Ingqumbo yaKhe ikwabo bazama ukugquma ubutyala babo ngengubo yokunikela ngesisa. Imali yabo idyojwe ligazi. Iqalekisiwe.UL 265.2

    “Yeyani na kum le mibingelelo mininzi kangaka?
    Utsho uYehova. . . .
    Xa niza kubonakala ebusweni bam,
    Ngubani na okufunileyo oko esandleni senu,
    ukugqusha iintendelezo zam? . . .
    Ekoluleni kwenu izandla zenu,
    Ndiya kuwafihla amehlo am kuni;
    Nokuba nandise ukuthandaza, andiyi kuva;
    Izandla zenu zizele ngamagazi.”
    UL 265.3

    Isaya 1:11-15.

    Inxila lingumntu onako ukwenza izinto ezilungileyo. Unikwe iitalente anokuthi ngazo amzukise uThixo asikelele nehlabathi; kodwa abantu bawubekela umphefumlo wakhe isibatha baza bakha phezu kokuhlela kwakhe phantsi. Baphile ubomi obuntofo-ntofo lo gama amaxhoba alusisi abawaqhathileyo ephila ubuhlwempu nentlupheko. UThixo Yena uya kubuza ngenxa yoku esandleni salowo uthe wancedisa ekukhawuleziseni inxila ukuba litshabalale. Lowo ulawula amazulu akalahlekwanga kukusibona isiqalo okanye isiphelo sefuthe lokunxila. Lowo ukhathalela ungqatyana, avathise utyani basemathafeni, akayi kudlula kwabo benziwa ngokomfanekiselo waKhe, baza bathengwa ngegazi laKhe, angakunanzi ukukhala kwabo. UThixo uphawula yonke inkohlakalo endlondlobalisa ukwaphulwa komthetho nentlupheko.UL 265.4

    Ihlabathi nebandla lingavumelana ngomntu ozuze ubutyebi ngokuthobela phantsi umphefumlo womntu. Bangamncumela lowo ekuthe ngaye uluntu lwarhuqelwa phantsi inyathelo ngalinye kwindlela yehlazo nokuba phantsi. Noko kunjalo, uThixo uyakubala konke aze anike isigwebo esifaneleyo. Umthengisi wotywala lingathetha kakuhle ngaye ihlabathi ngokuthi ungusomashishini olungileyo; kodwa iNkosi ithi, “Yeha! kulowo.” Uya kubekwa ityala ngokungabi nto, ngenkxwaleko, ngokutsala nzima, okuziswe ehlabathini kukuthengiswa kotywala. Akayi kukwazi ukuphendula ngentswelo nezikhalo zoomama kunye nabantwana abaye baswela ukutya, nempahla yokunxiba, kwakunye nendawo ekhuselekileyo, nabathe bawangcwaba wonke amathemba novuyo. Kuya kufuneka aphendule ngemiphefumlo ayithumele kunaphakade ingakhange izilungiselele. Kanti ngokunjalo, nabo baxhasa umthengisi wotywala emsebenzini wakhe, banesabelo kwityala lakhe. Kubo uThixo uthi, “Izandla zenu zizele ligazi.”UL 266.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents