Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukukhathalela Iimveku

    Obona bomi buzolileyo bulula emntwaneni, bobona bufanelekileyo ekukhuleni okanye ekuphuhleni komzimba nengqondo. Ngalo lonke ixesha umama kufuneka azame ukuzola, ukuphola, nokuzibamba. Iimveku ezininzi zichukumiseka kakhulu kukunyuswa kwemvakalelo yemithambo-luvo yazo, kanti ke ukuziphatha kukamama ngendlela enobubele, engenakungxama kunganempembelelo ethuthuzelayo neyenza okuhle ngendlela engathethekiyo emntwaneni.UL 299.1

    Iintsana zifuna ukufudumala, kodwa kuye kwenziwe impazamo enkulu ngokuzigcina kumagumbi ashushu kakhulu, zize zivimbeke kakhulu umoya ohlaziyekileyo. Ukuthanda ukuzigquma ubuso iimveku xa zilele kuyingzi, njengoko kuxinanisa ukuphefumla okukhululekileyo.UL 299.2

    Usana kufuneka lugcinwe lukhululekile kuyo yonke impembelelo ekekelele ekudodobaliseni okanye ekonakaliseni umzimba. Eyona nkathalelo emayenziwe ngenyameko kukuqinisekisa ukuba yonke into ilungile kwaye icocekile. Nangona kufuneka zikhuselwe iintsana kwinguquko ekhawulezileyo okanye enkulu yobushushu, makubonwe ukuba xa zilala okanye zivuka, emini okanye ebusuku, ziphefumla umoya omhle, ovuselela amandla.UL 299.3

    Ekulungiseleleni impahla yokunxiba usana, ukufanela ukuba luncedo, ukonwaba kuyo, nempilo kufuneka ezo zinto kuqala ngaphambi kokulandela ifashoni okanye ukufuna ukutsala ukunconywa. Umama kufuneka angachithi ixesha esonta esenza izinto ezintle ukwenza iimpahlana ezincinane ezintle, abe ngelo xesha eziqoba eyakhe impilo nempilo yomntwana wakhe. Akufuneki asoloko egobile phezu komthungo osebenzisa nzima amehlo wakhe nemithambo-luvo yakhe, ngexesha adinga kakhulu ukuphumla nokwenza umsebenzi owonwabisayo. Kufuneka akuqonde oko kuza kunyanzelisa ukuba onwabele amandla anawo, ukuze akwazi ukuba nokuhlangabezana noko kusaza kufuneka kuye [ekukhuliseni nasekuqeqesheni].UL 299.4

    Ukuba isinxibo somntwana sihlanganise ubushushu, ukhuseleko, nokonwaba, omnye unobangela wokuthukuthezelwa nokungonwabi uya kuba ususiwe. Usana luya kuba nempilo entle, aze nomama angabi nobunzima emandleni nakwixesha lakhe.UL 300.1

    Iintambo eziqinisiweyo ezingalweni okanye ezinqeni ziphazamisa intliziyo nemiphunga, ngoko kufuneka zingabikho. Ayikho indawo yomzimba ekufuneka nangaliphi ixesha yenziwe ingazisi konwaba ngesinxibo esicinezela ilungu okanye ngokuphazamisa ukushukuma ngokulula. Impahla yabo bonke abantwana kufuneka ibe nobuwaku-waku obaneleyo ukuba ivumele ukuphefumla ngokukhululekileyo nangokulula kakhulu, nelungiswe ukuze amagxa akwazi ukubuthwala ubunzima bayo.UL 300.2

    Kwamanye amazwe isiko lokuwayeka eze amagxa neengalo zabantwana abancinane lisekho. Kunzima ukungaligxeki kakhulu eli siko. Iingalo njengoko zikude kubushushu bomzimba apho kusuka khona ukuhamba kwegazi, zifuna ukhuseleko olukhulu kunezinye iindawo zomzimba. Imithambo esa igazi ezinyaweni nasezandleni mikhulu, ukwenzela ukuba ithwale igazi elininzi khon’ ukuze kwanele igazi kunye nesondlo. Kanti ke xa iingalo ziyekwe zingakhuselekanga okanye zinganxitywanga ngokwaneleyo, imithambo esa igazi nelibuyisayo iyacutheka, zize iindawo zomzimba ezivakalelwa lula zibande ceke, kuphazamiseke nokujikeleza kwegazi.UL 300.3

    Kubantwana abasakhulayo, onke amandla endalo adinga konke okuhle khon’ ukuze awakhe ame kakuhle amathambo omzimba. Ukuba iingalo azikhuselwa ngokwaneleyo, abantwana, ngakumbi amantombazana, awakwazi ukuba ngaphandle kwezindlu ngaphandle kokuba imo yezulu ifudumele. Ngoko ke, bagcinwa ngaphakathi ngokoyika ingqele. Ukuba abantwana banxitywe kakuhle, kuya kuba yingeniselo kubo ukuvonyavonya umzimba ngokukhululekileyo phandle, ehlotyeni okanye ebusika.UL 300.4

    Oomama abafuna amakhwenkwe kwanamantombazana abo abe nempilo edlamkileyo kufuneka babanxibe ngokufanelekileyo baze babakhuthaze ukuba ngazo zonke imozulu ezifanelekileyo bathande ukuba phandle emoyeni. Kuse nokuba ngumgudu ukuqhawula amatyathanga esithethe, kunxitywe kufundiswe abantwana ngempilo; kodwa isiphumo siya kuwuhlawula kakhulu loo mzamo.UL 300.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents