Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isiseko Esibanzi

    Olona lwazi luphezulu kulo lonke olunye olukhoyo, lulwazi lokusindiswa kwemiphefumlo. Owona msebenzi mkhulu abafanele ukuxunela kuwo abantu ngumsebenzi wokuhlangula abantu esonweni basiwe ebungcweleni. Ukuze ufezwe lo msebenzi, kufuneka kubekwe isiseko esibanzi. Imfundiso epheleleyo iyadingeka—imfundo eza kufuna kubazali nakootitshala ingcinga nomzamo engafunwayo yimfundiso nje yeesayensi. Kufunwa into engaphezulu kunokukhuliswa nje kobuchopho. Imfundo ayiphelelanga ngaphandle kokuba umzimba, ingqondo, nentliziyo zifundiswe ngokulinganayo. Isimilo kufuneka sifumane ukuqeqeshwa okukuko ukuze sifikelele kokupheleleyo nokuphezulu kakhulu ukukhula. Wonke amandla engqondo nomzimba kufuneka akhuliswe aqeqeshwe ngendlela eyiyo. Ngumthwalo ukukhulisa nokusebenzisa wonke amandla aya kusenza ukuba sibe ngabasebenzi bakaThixo abanempumelelo kakhulu.UL 314.1

    Imfundo eyinene iquka umntu ephelele. Ifundisa ukusetyenziswa ngendlela elungileyo isiqu somntu. Yenza ukuba sikwazi ukusebenzisa ngendlela elunge kakhulu ingqondo, ithambo, nesihlunu, umzimba, nentliziyo. Amandla engqondo, njengoko engamandla angentla, kufuneka alawule ubukumkani bomzimba. Ukuthandwa kokutya neenkanuko zemveli kufuneka zilawulwe sisazela nokuchukumisa kwasemoyeni. UKristu umi phambili eluntwini, kwaye iyinjongo yaKhe ukusikhokela, emsebenzini waKhe, ukuba singene kwiindlela eziphakamileyo nezingcwele zobunyulu. Ngokusebenza ngokumangalisayo kobabalo lwaKhe, siya kwenziwa siphelele kuYe.UL 314.2

    UYesu wayizuza imfundo yaKhe ekhaya. Umama waKhe waba ititshala yaKhe yokuqala engumntu. Kwimilebe yakhe, nakwiincwadi ezisongwayo zabaprofeti, wafunda ngezinto zasezulwini. Waphila kwikhaya lomsebenzi womhlaba, waza wayenza indawo yaKhe ngokuthembeka nangokonwaba ekuthwaleni imithwalo yasekhaya. Lowo wayengumkhokeli wezulu waba ngumkhonzi onentumekelelo, unyana onothando nothobelayo. Wafunda ukushishina waza wathi, ngezaKhe izandla, wasebenza kwishishini lomchweli, enoYosefu. Enxibe impahla yomsebenzi oqhelekileyo, wahamba izitrato zedolophana, esiya ebuya kumsebenzi waKhe othobekileyo.UL 314.3

    Kubantu bala ntanga, ixabiso lezinto laliqikelelwa ngembonakalo yangaphandle. Njengoko inkolo yayihlile emandleni, yayinyukile ngobuyokoyoko. Abafundisayo belo xesha babezama ukuba banikwe imbeko ngokubonisa ubuqhawe. Kuko konke oku, ubomi bukaYesu banika umahluko obonakalayo. Ubomi baKhe babonakalalisa ukungabi nto kwezo zinto abantu babezibona zizizinto ezifuneka kakhulu ebomini. Izikolo zexesha laKhe, nokubaxa kwazo izinto ezincinane nokwenza kwazo ncinane izinto ezinkulu, akazange azifune. Imfundo yaKhe wayizuza kumajelo anyulwe lizulu, emsebenzini olulutho, ekufundeni iziBhalo, endalweni, nakumava obomi—iincwadi zokufundwa zikaThixo, ezizele yimfundiso kubo bonke abazisa kuzo [okanye abathi bazichukumise] isandla esinentumekelelo, iliso elibonayo, nentliziyo eqondayo.UL 315.1

    “Wakhula umntwana, waya esomelela emoyeni, ezele bubulumko; lwaye nobabalo lukaThixo luphezu kwakhe.” Luka 2:40.UL 315.2

    Elungiswe ngaloo ndlela, waphuma waya kumsebenzi awayezele wona, ngawo wonke umzuzu wokuhlangana kwaKhe nabantu, wayebeka phezu kwabo impembelelo yokusikelela, amandla okuguqula, nto leyo elingazanga layibona ihlabathi. Ikhaya lisisikolo sokuqala somntwana, kwaye kulapha apho isiseko kufuneka sibekiwe sobomi bokusebenza. Imithetho-siseko yalo ifanele ukufundiswa inganeli nje ukucikozwa. Kufuneka iyibumbe yonke ingqeqesho yobomi.UL 315.3

    Isifundo sokuba luncedo kufuneka asifundiswe kwasebuncinaneni kakhulu umntwana. Ngako nje ukuba ukuqina namandla okucinga kukhule ngokwaneleyo, kufuneka anikwe imisebenzi amakayenze ekhaya. Ufanele ukuba akhuthazwe ekuzameni ukunceda uyise nonina, akhuthazwe ukulandula nokuzilawula, ukubeka ukonwaba kwabanye nokulungelwa kwabo ngaphambi kokwakhe, ukukhangela amathuba okuvuyisa nokunceda abantakwabo noodade nadlala nabo, kwanabo bangenazinto. Okona kuthi umoya onguwo wokulungiselela ungene ngokuzeleyo ekhaya, okona uya kukhula ngokuzeleyo ebomini babantwana. Baya kufunda ukufumana uvuyo ekusebenzeleni nasekuncameleni ukulungelwa kwabanye.UL 315.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents