Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ubungcathu Nokuzilawula

    Inkathalo ekufuneka umama eyaluse ngayo imikhwa yobomi bakhe ifundisiwe eziBhalweni. Ngexesha uYehova wayeza kukhulisa uSamson njengomhlanguli kaIsrayeli, “isithunywa sikaYehova” sabonakala kumama, sinomyalelo owodwa ngokubhekiselele kwimikhwa yakhe, kwanendlela yokuphatha umntwana wakhe. “Uyabona,” satsho, “uze ungaseli wayini nasiselo sinxilisayo, ungadli nanye into eyinqambi.” Abagwebi 13:13, 7.UL 292.1

    Ifuthe leempembelelo zaphambi kokuba abekho umntwana libonwa ngabazali abaninzi njengento yomzuzwana omncinane; kodwa iZulu lona aliyithabathi njalo. Isigidimi esathunyelwa sisithunywa sikaThixo, saza saphindwa kabini ngendlela enendili, sibonisa ukuba sifanele ukuba thina sisithabathele eyona ngqalelo inkulu.UL 292.2

    Kumazwi awathethwa kumama womHebhere, uThixo uthetha nabo bonke oomama kuzo zonke izizukulwana. “Kuko konke endikuthethileyo kumfazi makazigcine kuko.” Impilo entle yomntwana iya kuchukumiseka yimikhwa kamama. Ukuthanda kwakhe ukutya neemvakalelo kufuneka zilawulwe ngomthetho-siseko. Ikho into ekufuneka eyiphephile, into ekufuneka asebenzele ukuyichasa, ukuba uza kuyizalisa injongo kaThixo ngokumnika umntwana. Ukuba kuthe ngaphambi kokuba azalwe umntwana uye waziyekela, ukuba ufuna akufunayo, akakwazi kulinda, enyanzelisisa, [xa efuna into] , ezi mpawu ziya kubonakala kwimo yomntwana. Ngaloo ndlela abantwana abaninzi bazuze njengelifa ukukekelela kububi obuphantse kube nzima ukuboyisa.UL 292.3

    Kanti ke, ukuba umama uye akagungqa ekunamatheleni kwimithetho-siseko elungileyo, ukuba unobungcathu nokuzoyisa, ukuba unobubele nobulali, nokungafuni okukokwakhe, unokumnika umntwana wakhe ezimpawu zinye zibalulekileyo zesimilo. Wawucace ngokuphandle, umyalelo owalela ukusetyenziswa kwewayini ngumama. Lonke ithontsi lesiselo esinxilisayo elithatyathwa ukwanelisa ilithe libeka engozini umzimba, ingqondo nempilo yokuziphatha komntwana wakhe, kwaye oko kusisono esichasene ngokuphandle noMdali wakhe.UL 292.4

    Amacebisi abaninzi baye bakhuthaze ukuba wonke umnqweno kamama kufuneka waneliswe; nokuba, xa enqwenela into ekukutya, nokuba iyingozi kangakanani, umele ayitye ngokukhululekileyo. Icebiso elinjalo libubuxoki kwaye alilunganga. Izidingo zomzimba zikamama akufuneki zityeshelwe xa likho ithuba. Kuxhomekeke kuye ubomi obubini, kwaye iminqweno yakhe ifanele ukuphathwa ngothando, izidingo zakhe zinikwe ngobubele. Sekunjalo, ngeli xesha, ngaphezu kwawo onke amanye, umele ayiphephe, ekutyeni kwakhe, yonke enye into enokuthothisa amandla omzimba okanye engqondo. Ngomyalelo kaThixo ngokwaKhe, ubekwe phantsi kokona kunyanzeleka kungqongqo kokuzilawula.UL 293.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents