Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukujikeleza Kwegazi Emzimbeni

    Ukuze sibe nempilo entle, kufuneka igazi elilungileyo; kuba igazi ngumsinga wobomi. Lilungisa umonakalo londle umzimba. Xa linikwa izakhi ngokutya okufanelekileyo lize lihlanjululwe linikwe amandla ngokuhlangana nomoya ococekileyo, lithwalela ubomi nodlamko kuzo zonke iindawo zomzimba. Okona kukuhle ukuhamba kwalo, okona kulunge kakhulu ukuba lomsebenzi wenzeke.UL 210.2

    Kuko konke ukubetha kwentliziyo, igazi kufuneka lihambe ngokukhawuleza nalula ukuya kuwo wonke umzimba. Ukuhamba kwalo akufuneki kuphazanyiswe kukuqiniswa kweempahla okanye izinto eziqanyangelweyo okanye ngokungambathiswa ngokwaneleyo kwezandla neenyawo. Nantoni na ephazamisa ukujikeleza, inyanzela igazi ukuba libuye umva liye kumalungu abalulekileyo, lenze kubekho ukuxinana. Intloko ebuhlungu, ukukhohlela, ukubetha ngamandla kwentliziyo, okanye ukuqunjelwa, konke oko kuba sisiphumo [sokungahambi kakuhle kwegazi].UL 210.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents