Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ilungelo Lomthandazo

    Thina ngokwethu, kufuneka sibeke bucala amaxesha okucamngca nokuthandaza, nokwamkela ukuhlaziyeka kwasemoyeni. Asiwaxabisi amandla nokusebenza komthandazo njengoko besifanele ukwenza. Umthandazo nokholo zinokwenza oko kungekho mandla emhlabeni anokukufeza. Kunqabile ukuba sibekwe kabini kwindawo enye ngandlela zonke. Sithi rhoqo siba nemiboniso emitsha nezilingo ezitsha ekufuneka sidlule kuzo, apho amava adlulileyo angakwazi ukwanela ukuba akhokele. Kufuneka sibe nokukhanya okuhlala kuhleli okuvela kuThixo.UL 412.1

    UKristu uhleli ethumela izigidimi kwabo baliphulaphulayo izwi laKhe. Ngobusuku bentlungu eGetsemane, abafundi ababelele abazange balive izwi likaYesu. Baba nembono emfiliba ngobukho bengelosi, kodwa abakwazi ukuwabona amandla nobuqaqawuli bomboniso. Ngenxa yokozela nokutyhafa kwabo, basilela ukubufumana ubungqina obabuya kuyomelezela imiphefumlo yabo ngemiboniso ekhohlakeleyo eyayiphambi kwabo. Ngokukwanjalo nanamhla, amadoda akudingayo kanye ukufundiswa lizulu akholisa ukusilela ukukwamkela, kuba awazibeki kuqhagamshelwano nezulu.UL 412.2

    Izihendo esijongana nazo yonke imihla zenza ukuba umthandazo ube yinto edingekayo. Iingozi zifumaneka kuzo zonke iindlela. Abo bazama ukuhlangula abanye kwinkohlakalo nentshabalalo basisisulu esihendo ngendlela eyodwa. Njengoko besoloko begilana nobubi, badinga ukubambelela ngokuqinileyo kuThixo hleze bona ngokwabo bonakaliswe. Mafutshane kodwa aqinisekile amanyathelo atsala abantu ukuba basuke kumgangatho ophezulu nongcwele baye kosezantsi. Ngomzuzwana nje, izigqibo ziyenziwa ezithi ziyimilisele imeko yomntu ngonaphakade. Ukusilela okunye ukoyisa kuwushiya umphefumlo ungenalo ukhuselo. Umkhwa omnye ombi, ukuba awaliwanga ngamandla, uya kunika amandla etyathanga lentsimbi, omqamangela umntu ephelele.UL 412.3

    Isizathu sokuba abaninzi bayekwe ukuba bazibonele kwiindawo zezihendo kungokuba abayibeki phambi kwabo iNkosi ngamaxesha onke. Xa siluvumela uqhagamshelwano lwethu noThixo ukuba luqhawuke, ukhuselo lwethu luyemka kuthi. Asizizo zonke iinjongo zenu ezilungileyo neminqweno emihle enokunenza ukuba nikwazi ukumelana nobubi. Kufuneka ukuba nibe ngamadoda neentokazi zomthandazo. Izibongozo zenu kufuneka zingadinwa, zinqaphaze, zimana ukothuka, kodwa kufuneka zinyaniseke, zizingise, zithi rhoqo. Akusoloko kudingeka ukuba niguqe ngamadolo ukuze nithandaze. Ziqhelise ukuba nomkhwa wokuthetha noMsindisi xa uwedwa, xa uhamba, naxa uxakekile ngumsebenzi wemihla ngemihla. Intliziyo mayihlale iphakanyiswe ngomthandazo othe cwaka ifuna uncedo, ukukhanya, amandla, nolwazi. Konke ukuphefumla makube ngumthandazo.UL 412.4

    Singabasebenzi bakaThixo, kufuneka sifikelele ebantwini apho bakhona, bejikelezwe bubumnyama, bezikile ebubini, bedyobhekile yinkohlakalo. Xa iingqondo zethu sizimilisele kuLowo olilanga nekhaka lethu, ububi obusijikelezileyo abusayi kubeka nechaphaza kwiingubo zethu. xa sisebenzela ukusindisa imiphefumlo elungele ukufa, asisayi kudaniswa xa uThixo simenza ithemba lethu. UKristu entliziyweni, uKristu ebomini, yinkuseleko yethu leyo. Umoya wobukho baKhe uya kuwuzalisa umphefumlo ngokukuthiya konke okubi. Umoya wethu uya kufaniswa kakhulu nowaKhe side sithi kwingcinga nenjongo sibe banye kunye naYe.UL 413.1

    Kwakungokholo nomthandazo awathi uYakobi, kususela ekubeni ngumntu ongenamandla nesono, waba litshawe likaThixo. Kwangokunjalo nani ningangamadoda neentokazi, abantu abanokuba nenjongo ephezulu nengcwele, ubomi obunendili, amadoda neentokazi angasokuze awexuleke asuke kwinyaniso, kokulungileyo, nasebulungiseni. Wonke umntu ucinezelwe ngamaxhala, imithwalo noxanduva , kodwa okona sinzima isikhundla sakho nemithwalo yakho kukona inzima kakhulu, kokona umdinga uYesu. Yimpazamo embi kakhulu ukutyeshela unqulo lukawonke wonke. Amalungelo enkonzo kaThixo akufuneki ukuba athatyathwe kancinane. Abo bajongene nabagulayo baye bakholise ukungakwazi ukubakho kula malungelo, kodwa kufuneka balumke bangazivimbi ngaphandle kwesizathu amathuba okuba sendlwini yonqulo.UL 413.2

    Ekulungiseleleni kwabagulayo, ngaphezu kwayo nayiphi into engumcimbi nje wasemhlabeni, impumelelo ixhomekeka kumoya wokuzinikela nokuzincama owenziwa ngawo umsebenzi. Abathwele uxanduva badinga ukuba bazibeke apho baya kuthi baqhutywe kakhulu nguMoya kaThixo. Kufuneka nixunele kakhulu kunabanye ekuncedweni nguMoya Oyingcwele kwakunye nokumazi uThixo njengoko isikhundla senu esibalulekileyo sinomthwalo ongaphezulu kunesabanye.UL 413.3

    Akukho into idingeka kakhulu emsebenzini wethu ngaphezu kweziphumo eziphathekayo zoqhagamshelano noThixo. Kufuneka sibonise ngobomi bethu bemihla ngemihla ukuba sinoxolo nophumlo kuMsindisi. Uxolo lwaKhe entliziyweni luya kubengezela kwinkangeleko. Luya kulinika ilizwi igunya lokutsalela kulo. Ukuqhagamshelana noThixo kuya kusinika indili isimilo nobomi. Abantu baya kusazi, njengabafundi bokuqala, ukuba sibe sikunye noYesu. Oku kuya kumnika umsebenzi amandla angenakunikwa nayeyiphi enye into. Akufuneki ke avume ukuba angawanikwa la mandla.UL 414.1

    Kufuneka siphile ubomi obuntlantlu-mbini—ubomi bengcinga nokwenza, bomthandazo nokusebenza ngokunyaniseka. Amandla afunyanwa ngoqhagamshelano noThixo, emanyene nomzamo ngenene ekuqeqeshweni kwengqondo ekucingeni nasekukhathaleni, amlungisela umntu imisebenzi yemihla ngemihla, iwugcine umoya useluxolweni phantsi kwazo zonke iimeko, nokuba zinzima kangakanani.UL 414.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents