Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Umvuzo

    Xa uKristu wayebiza abafundi baKhe ukuba bamlandele, akazange abanike amathemba okuphumelela ayinkohliso kobu bomi. Akazange abanike sithembiso sanzuzo okanye udumo lwehlabathi, nabo bengazange babeke miqathango yento abanga bangayizuza. KuMateyu ngexesha wayehleli esihlalweni serhafu, uMsindisi wathi, “Ndilandele. Washiya konke, wesuka wamlandela.” Luka 5:27. UMateyu akazange athi, phambi kokuba awenze umsebenzi, alindele ukuba afune umvuzo othile olingana nalowo wayewufumana kumsebenzi wakhe wangaphambili. Wathi engakhange enze mbuzo, engakhange azulazule, wasuka wamlandela uYesu. Kwakwanele kuye ukuba noMsindisi, ukuze aphulaphule amazwi waKhe azimanye naYe emsebenzini waKhe.UL 386.3

    Kwakunjalo ngabafundi ababebiziwe ngaphambili. Wathi uYesu akubiza uPetros namahlakani akhe ukuba bamlandele, bayishiya kwangoko imikhombe neeminatha yabo. Abanye baba bafundi babe nabahlobo ababexhomekeke kubo ngenkxaso; kodwa bathi bakusifumana isimemo soMsindisi, abaze bathandabuze babe bebuza, “Ndiya kuphila njani ndiluxhase njani usapho lwam?” baluthobela ubizo, wathi akubabuza uYesu emva koko, “Okuya ndanithuma ningenangxowa yamali, nangxowa yamphako, nazimbadada, khe naswela nto na?” bakwazi ukuphendula, “Nento le.” Luka 22:35.UL 387.1

    Namhlanje uThixo usibizela emsebenzini waKhe njengoko wabiza uMateyu noYohane noPetros. Ukuba iintliziyo zethu zichukunyisiwe luthando lwaKhe, ingxaki yembuyekezo ayiyi kuba yeyona nto iphezulu ezingqondweni zethu. Siya kukuvuyela ukuba ngabasebenzi kunye noKristu, kwaye asisayi koyika ukuthembela kwinkathalelo yaKhe. Ukuba uThixo simenze amandla wethu siya kuba neembono ezicacileyo ngomthwalo, nentshiseko engasekeleze nzuzo; ubomi bethu buya kukhuthazwa yinjongo eya kuthi isiphakamisele ngaphaya kweenjongo eziphantsi okanye ezinobubi.UL 387.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents