Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Okwatyhilwa Kubafundi

    Masifundisise amazwi uKristu awawathetha kwigumbi eliphezulu ngobusuku obuphambi kokubethelelwa kwaKhe. Wayesondele kwiyure yokulingwa, waza wazama ukuthuthuzela abafundi baKhe, ababehendeke balingeka kakhulu.UL 332.5

    “Intliziyo yenu mayingakhathazeki,” watsho. “Kholwani kuThixo, nikholwe nakum. Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala: ukuba bekungenjalo, ngendanixelelayo. Ndiyemka, ndiya kunilungisela indawo. . . .UL 332.6

    “Uthi uTomas kuye, Nkosi, asazi apho uya khona; singathini na ke ukuyazi indlela? Uthi uYesu kuye, Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam. Ukuba benindazile mna, ninge nimazile noBawo; ngoku ke niyamazi, nimbonile nokumbona. . . .UL 332.7

    “Nkosi sibonise uYihlo,” watsho uFilipu, “kosanelisa. Uthi uYesu kuye, Ndinaxesha lingakanana ndinani nje, akukandazi na, Filipu? Lowo undibonileyo mna umbonile uBawo; utsho ngani na ke wena ukuthi, Sibonise uYihlo? Akukholwa na ukuba mna ndikuye uBawo, abe ke uBawo ekum? Amazwi endiwathethayo mna kuni, andiwathethi ephuma kum; uBawo ke ohleli kum, nguye oyenzayo imisebenzi le.” Yohane 14:1-10.UL 333.1

    Abafundi babengekawaqondi amazwi kaKristu mayela nolwalamano noThixo. Okuninzi kwimfundiso yaKhe, kubo kwakusemnyama. UKristu wanqwenela ukuba babe nolwazi olucace kakhulu, nolubonakalayo ngaye uThixo.UL 333.2

    “Ezi zinto ndizithethile kuni ngokuntsonkotha,” watsho; “kuza ilixa endingasayi kuba sathetha kuni ngokuntsonkotha; ndiya kunibikela ngokusekuhleni ngaye uBawo.” Yohane 16:25.UL 333.3

    Ngemini yePentekoste, xa uMoya Oyingcwele wayethululwa phezu kwabafundi, baziqonda ngokupheleleyo iinyaniso uKristu awayezithetha ngemizekeliso. Imfundiso eninzi eyayiyimfihlelo kubo yenziwa yacaca. Phofu nangoko abafundi abazange bakufumane ukuzaliseka okupheleleyo kwesithembiso sikaKristu. Balufumana lonke ulwazi lukaThixo ababenako ukuluthwala, kodwa ukuzaliseka okupheleleyo kwesithembiso sikaKristu kwakuya kubabonisa ngokucacileyo ukuba uYise wayesaza kuza. Kukwanjalo nanamhla. Ulwazi lwethu ngoThixo luyinxalenye kwaye alugqibelelanga. Yakuba imbambano iphelile, noMntu uKristu Yesu ebavumile phambi kukaYise abasebenzi baKhe abanyanisekileyo, abathe ehlabathini lesono babuthwala ubungqina benyaniso ngaYe, baya kukuqonda ngokucacileyo oko ngoku kuziimfihlelo kubo.UL 333.4

    UKristu wemka ukuya kwiinkundla zasezulwini ambethe ubuntu obuzukisiweyo. Kwabo bamamkelayo ubanika igunya lokuba ngoonyana bakaThixo, ukuze ekugqibeleni uThixo abamkele njengabaKhe, ukuba bahlale kunye naYe ngonaphakade. Ukuba bathe kobu bomi banyaniseka kuThixo, baya kuthi ekugqibeleni “babubone ubuso bakhe; negama lakhe libe semabunzini abo.” IsiTyhilelo 22:4. Luya kuba yintoni uvuyo lweZulu xa ingekuko ukubona uThixo? Loluphi uvuyo oluya kuba lukhulu kakhulu kumoni osindiswe ngobabalo lukaKristu ukudlula ukukhangela ebusweni bukaThixo nokumazi njengoBawo?UL 333.5

    IziBhalo zabubeka bacaca ubudlelane phakathi kukaThixo noKristu, zaye zibutyhila ngokucacileyo ubuqu nokuzimela yedwa ngamnye kubo.UL 334.1

    “UThixo wayethethile nje kudala ngeendawo ezininzi, nangeendlela ezininzi, koobawo ngabo abaprofeti, uthethe ngale mihla yokugqibela kuthi ngoNyana; . . . othe, elubengezelo lobuqaqawuli bakhe, nombhalo wenkqu yakhe, ezithwele nokuzithwala zonke izinto ngalo ilizwi lamandla akhe, wesuka, akuba eyenzile ngokwakhe intlambululo yokusihlambulula ezonweni, wahlala ngasekunene kobuKhulu, enyangweni; ethe waba ngonamandla ngaphezu kwezithunywa zezulu, ngangoko azuze ilifa legama eligqithiseleyo kunelazo. Kuba sisiphi na isithunywa, awakha wathi kuso,UL 334.2

    “UnguNyana wam wena,
    Mna ndikuzele namhla?
    Nokuthi,
    Mna ndiya kuba nguYise wakhe,
    Yena abe nguNyana wam?”
    UL 334.3

    Hebhere 1:1-5.

    Ubuqu bukaYise noNyana, kwanobunye obukhoyo phakathi kwaBo, bunikwe kwisahluko seshumi elinesixhenxe sikaYohane, ekuthandazeleni kukaKristu abafundi baKhe:UL 334.4

    “Andiceleli ke aba bodwa,ndicelela nabo baya kukholwa kum ngelizwi labo; ukuze bonke babe banye; njengokuba wena, Bawo, ukum, mna ndikuwe, ukuze nabo babe banye kuthi; ukuze ihlabathi likholwe ukuba wena wandithuma.” Yohane 17:20, 21.UL 334.5

    Ubunye obukhoyo phakathi kukaKristu nabafundi baKhe abubuchithi ukuba ngabantu ngabanye ngabanye. Banye kwinjongo, engqondweni, nasesimilweni, kodwa abamntu mnye. Kunjalo ke ukuba banye kukaThixo [uYise] noKristu.UL 334.6

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents