Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Izithembiso ZikaThixo

    Ugqirha unamathuba amahle kakhulu okukhokelela izigulana zakhe kwizithembiso zelizwi likaThixo. Kufuneka akhuphe kuvimba izinto ezintsha nezindala, athethe apha naphaya amazwi entuthuzelo nemfundiso elangazelelwayo. Ugqirha makayenze ingqondo yakhe uvimba weengcinga ezintsha. Makalifunde ngenkuthalo ilizwi likaThixo, ukuze aqhelane nezithembiso zalo. Makafunde ukuwaphindaphinda amazwi athuthuzelayo awathethwa nguKristu ngexesha lolungiselelo lwaKhe lwasemhlabeni xa wayenika izifundo zaKhe ephilisa abagulayo. Kufuneka athethe ngemisebenzi yokuphilisa eyenziwa nguKristu, ngobubele kunye nothando. Akufuneki aze akutyeshele ukuzikhokelela iingqondo zezigulana zakhe kuKristu, uGqirha oyiNtloko.UL 82.2

    Kwawona la mandla uKristu wawasebenzisayo xa wayehamba ebonwa phakathi kwabantu aselizwini laKhe. Kwakungelizwi laKhe awathi uYesu waphilisa isifo wakhupha iidemon; ngelizwi laKhe wathulisa ulwandle wavusa abafileyo, baza abantu bangqina ukuba ilizwi laKhe lalinamandla. Wathetha ilizwi likaThixo, njengoko wayethethile kubo bonke abaprofeti nabafundisi beTestamente eNdala. IBhayibhile yonke isisityhilelo sikaKristu.UL 82.3

    IziBhalo kufuneka zamkelwe njengelizwi likaThixo eliza kuthi, lingabhalwanga nje kuphela, kodwa likwathethiwe. Xa abo babandezelweyo babesiza kuKristu, akazange abone kuphela abo bacela uncedo, kodwa bonke abo bathi, kuwo onke amaphakade beze kuYe benentswelo efanayo kwanokholo olufanayo. Xa wayesithi kongumlwelwe, “Mntwana wam, yomelela; zixolelwe izono zakho;” xa wayesithi kwintokazi yaseKarpernahum, “Yomelela, ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile; hamba ngoxolo,” wayethetha nakwabanye ababandezelweyo, abanomthwalo wesono, ababeya kufuna uncedo lwaKhe. Mateyu 9:2; Luka 8:48.UL 83.1

    Kunjalo ngazo zonke izithembiso zelizwi likaThixo. Kuzo uthetha nathi ngabanye, ethetha ngokutsolileyo ngokungathi sinako ukuliphulaphula ilizwi laKhe. Zezi zithembiso athi uKristu azidlulisele ngazo kuthi ubabalo namandla waKhe. Zingamagqabi asuka emthini “engawokuphilisa iintlanga.” IsiTyhilelo 22:2. Xa athe afunyanwa, etyiswa, aya kuba ngamandla esimilo, impembelelo nenkxaso yobomi. Ayikho enye into enamandla anjalo okuphilisa. Ayikho ngaphandle kwawo enokunika ukuqina nokholo okunika amandla empiliso kumzimba uwonke.UL 83.2

    Komi engcangcazela kukoyika elungqamekweni lwengcwaba, kumphefumlo odiniweyo ngumthwalo wokubulaleka nesono, ugqirha makathi, njengoko enethuba, awaphinde la mazwi oMsindisi—kuba onke amazwi omBhalo Ongcwele ngawaKhe:UL 83.3

    “Musa ukoyika; ngokuba ndikukhulule ngokukuhlawulela, ndikubizile ngegama lakho, ungowam. Xa uthi uwele emanzini, ndoba nawe: nasemilanjeni, ayisayi kukuntywilisela; xa uthi uhambe emlilweni, akuyikurhawuka, nelangatye lingakutshisi. Ngokuba mna, Yehova, ndinguThixo wakho, mna, Ngcwele kaIsrayeli, ndingumsindisi wakho. . . . ngenxa yokuba unqabile emehlweni am, uzukile, mna ke ndikuthandile.” “Mna ndinguye ocima izikreqo zakho ngenxa yam, ndingazikhumbuli izono zakho.” “Musa ukoyika, ngokuba ndinawe.” Isaya 43:1-4, 25, 5.UL 83.4

    “Kunjengokusikwa yimfesane koyise kubantwana, ukusikwa yimfesane kukaYehova kwabamoyikayo. Ngokuba uyakwaziyena ukubunjwa kwethu; ekhumbula ukuba siluthuli.” INdumiso 103:13, 14.UL 83.5

    “Buvume kodwa ubugwenxa bakho; ngokuba ukreqile kuYehova uThixo wakho.” “Ukuba sithi sivume izono zethu, uthembekile ulilungisa, ukuba asixolele konke ukungalungisi.” Yeremiya 3:13; 1 Yohane 1:9.UL 84.1

    “Ndilucimile njengelifu elingqingqwa ukreqo lwakho, nezono zakho njengelifu elisibekeleyo; buyela kum, ngokuba ndikukhulule ngokukuhlawulela.” Isaya 44:22.UL 84.2

    “Khanize sibonisane, utsho uYehova; nokuba izono zenu zide zavela zanjengengubo ebomvu, zoba mhlophe njengekhephu; nokuba zide zayingqombela njengebala elibomvu, zovela zinjengoboya begusha. Ukuba nithe navuma naphulaphula, nodla izinto ezilungileyo zelizwe.” Isaya 1:18, 19.UL 84.3

    “Ndikuthandile ngothando olungunaphakade; ngenxa yoko ndikolulele inceba.” “Ndabufihla ubuso bam kuwe okwephanyazo; ndiya kuba nemfesane kuwe nenceba engunaphakade.” Yeremiya 31:3; Isaya 54:8.UL 84.4

    “Intliziyo yenu mayingakhathazeki.” “Ndishiya uxolo kuni; ndininika uxolo lwam; andininiki njengokunika kwehlabathi. Mayinga- khathazeki intliziyo yenu, mayingabi nabugwala.” Yohane 14:1, 27.UL 84.5

    “Umntu abe njengendawo yokuzimela umoya, neyokusithela esiphangweni; abe njengemijelo yamanzi emqwebedwini, njengomthunzi wengxondorha enkulu ezweni elibharhileyo.” Isaya 32:2.UL 84.6

    “Ke abazintsizana nabangamahlwempu baya kufuna amanzi, angabikho, ulwimi lwabo lome linxano; mna Yehova ndiya kubaphendula; mna, Thixo kaIsrayeli, andiyi kubashiya.” Isaya 41:17.UL 84.7

    “Utsho uYehova uMenzi wakho”: “Ndiya kugalela amanzi phezu kwabanxaniweyo, nemiqukuqela yamanzi phezu kwelizwe elomileyo. Ndiya kugalela uMoya wam phezu kwembewu yakho, nentsikelelo yam phezu kwenzala yakho.” Isaya 44:2, 3.UL 84.8

    “Bhekani kum nisindiswe nonke ziphelo zehlabathi.” Isaya 45:22.UL 84.9

    “Yena ngokwakhe wabuthabatha ubulwelwe bethu, wazithwala izifo zethu.” “Yena uhlatywe ngenxa yezikreqo zethu, watyunyuzwa ngenxa yezenzo zethu ezigwenxa; ubetho lokuba sibe noxolo thina lube luphezu kwakhe; siphiliswe ngemivumbo yakhe.” Mateyu 8:17; Isaya 53:5.UL 85.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents