Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Umsebenzi Womthengisi Wotywala

    Esi sibhalo sizoba umsebenzi wabo badidiyela baze bathengise isiselo esinxilisayo. Ishishini labo libubuqhetseba. Ngemali abayizuzyo akukho nto iyilingeneyo abayibuyisayo. Yonke imali abayongezayo kwingeniso yabo izise isiqalekiso kulowo uyikhuphileyo eyichitha.UL 262.2

    Ngesandla esikhululekileyo esinobubele, uThixo uyazithulula iintsikelelo zaKhe phezu kwabantu. Ukuba izipho zaKhe bezisetyenziswa ngobulumko, athi ukuba kuncinane kokwaziwa kobuhlwempu okanye uxinzelelo emhlabeni! Yinkohlakalo yabantu ejika iintsikelelo zaKhe zibe sisiqalekiso. Kungenxa yokubawela inzuzo nokunyoluka okwenza ukuba ukutya okuziinkozo kunye neziqhamo ezinikelwe ukuxhasa okanye ukondla kusuke kwenziwe iityhefu ezizisa intlupheko nentshabalalo.UL 262.3

    Iminyaka ngeminyaka, izigidi ngezigidi zemigqomo yotywala iyaselwa. Izigidi ngezigidi zemali zichithelwa ukuthenga inkxwaleko, ubuhlwempu, isifo, ukuhlazeka, inkanuko, ukwaphulwa komthetho kwakunye nokufa. Ngenxa yenzuzo, umthengisi wotywala unika amaxhoba akhe oko konakalisa kutshabalalise ingqondo nomzimba. Ulubophelela usapho lwenxila kubuhlwempu nentlupheko.UL 263.1

    Xa ixhoba lakhe lifile, umthengisi wotywala akayeki ukulucinezela usapho. Uthabatha kumhlolokazi, abenze abantwana bakhe bangqibe. Akalibazisi ukuthabatha konke abanako ebomini ukuhlawula ityala lomyeni noyise wabantwana. Isikhalo sabantwana abatsala nzima, iinyembezi zikamama onesingqukru, zisuka zimkhuthaze. Kuyintoni kuye ukulamba kwaba babulalekayo? Kuyintoni kuye, ukuba benziwe behlele kumgangatho ophantsi nokuba batshabalale? Yena uyatyeba kokuncinane kwabo abakhokelela entshabalalweni.UL 263.2

    Izindlu zabathengisa ngemizimba, imihadi yentlondi, iinkundla zolwaphulo lomthetho, izindlu zamalizo, iindawo zabaphambeneyo, izibhedlela, zizonke, kakhulukazi, zizaliswe ziziphumo zomsebenzi womthengisi wotywala. NjengeBhabheli eyimfihlelo yesiTyhilelo, ushishina “ngamakhoboka, nemiphefumlo yabantu.” Emva komthengisi wotywala kumi umtshabalalisi oligorha wemiphefumlo, kwaye bonke ubuchule nobunokucetywa ngumhlaba okanye isihogo buyasetyenziswa ukutsalela abantu phantsi kwegunya lakhe. Esixekweni nasemaphandleni, koololiwe, nakwizikhitshane ezikhulu, kwiindawo zamashishini, eziholweni zolonwabo, kumaziko awenza amayeza, nasebandleni, kwiitafile ezingcwele zomThendeleko, imigibe yakhe ibekiwe. Akukho nto ingenziwanga ukudala nokukhuthaza ulangazelelo lwezinxilisi neziyobisi. Phantse kuyo yonke ikona kumi indlu yasesidlangalaleni, inezibane ezibengezelayo, ulwamkelo lwayo nokuvuyisa kwayo okuhle, kumema umntu ongumsebenzi, ongenzinto osisityebi, nolutsha olungacingelanga nto imbi.UL 263.3

    Kumagumbi abucala ekutyiwa kuwo neendawo zokuphumla ezihamba nexesha, amanenekazi anikwa iziselo ezithandwayo, phantsikwegama elivakala kamnandi, nezinxilisayo ngokwenene. Abagulayo nabadiniweyo, bathengiselwa ezikrakrayo ezinealkhohol.UL 263.4

    Ukudala ukunxanelwa utywala ebantwaneni abancinane, isiyobisi ialkhohol sifakwe kwiilekese ezimungunywayo. Ezo zithengiswa ezivenkileni. Uthi ngesipho sezi lekese, umthengisi wotywala abatsalele abantwana kwiindawo zakhe zophumlo.UL 264.1

    Imihla ngemihla, inyanga ngenyanga, umnyaka ngomnyaka, umsebenzi uyaqhubeka. Ootata nabayeni noobhuti, ixhadi nethemba kwanekratshi lesizwe, badlula kancinane besiya kwiindawo ekuquqelwa kuzo zomthengisi wotywala, apho babuya khona bezingxwelerha bonakele.UL 264.2

    Kanti ke, okubi ngaphezulu, isiqalekiso sibetha kanye embindini wekhaya. Baya besanda oomama abenza umkhwa wokusela utywala. Kumakhaya amaninzi, abantwana abancinane, kanye kubumsulwa nokungabi nako ukuzinceda kobusana, bakwingozi yemihla ngemihla yokungahoywa, ukuphatheka kakubi, nobundlobongela boomama abanxilayo. Oonyana neentombi bakhula phantsi kwethunzi lobu bubi boyikekayo. Ukubonakala okunjani kona kwekamva labo xa kucaca ukuba baya kutshona ezantsi kunabazali babo!UL 264.3

    Kumazwe abizwa ngokuba angawamaKristu, kuthwalwa isiqalekiso sisiwe kwimimandla yonqulo lwezithixo. Abahluphekileyo, abangazi nto nabangenayo impucuko, bafundiswa ukusebenzisa utywala. Naphakathi kwabangakholwayo, amadoda obuchopho ayabona abulwe njengetyhefu ebulalayo; kodwa kuba lilize ukuzama ukukhusela umhlaba wabo ekudlavulweni. Abantu abanenkcubeko banyanzelisa phezu kwezizwe zabangakholwayo icuba, utywala, nesiyobisi iopiyam. Iinkanuko ezingalawulwayo zabangaphucukanga, ngokuvuselelwa sisiselo, umntu zimtsalela phantsi ekuhlazekeni phambi kwabantu abangaziwayo, kuze kuphantse ukungabi lulutho ukuthumela abavangeli kule mihlaba.UL 264.4

    Ngokuhlangana kwabo naba bantu bebemele ukubanika ulwazi ngoThixo, abangakholwayo benziwa ukuba bangene kwiinkohlakalo ezibonakala ziyitshabalalo kuzo zonke iintlanga nezizwe. Kuthi kwiindawo ezimnyama zomhlaba, abantu bezizwe zempucuko bangathandwa ngenxa yale nto bayenzayo.UL 264.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents