Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukukhethwa Kokutya

    Oko kutya kusetyenziswa ngumzimba kufuneka kunyulwe phakathi kweziqalelo ezidingekayo ekuwakheni umzimba. Koku kunyula, ukuthanda ukutya okuthile okanye incasa ethile akusiso isikhokelo esilungileyo. Ngemikhwa engalungileyo yendlela yokutya, ukuthanda kuye kwagqwetheka. Kukholisa ukufuna ukutya okuyiphazamisayo impilo, kwenze kubeko ubuthakathaka endaweni yamandla. Asikwazi ukukhokelwa ngokukhuselekileyo ziindlela zokutya zasekuhlaleni. Isifo nokungaphatheki kakuhle okukho kuyo yonke indawo kukholisa ukubangelwa ziimposiso eziqhelekileyo nezithandwayo zendlela yokutya.UL 230.2

    Ukuze sikwazi okona kutya kulunge kakhulu, kufuneka sifunde icebo lasekuqalekeni likaThixo ngokutya okufanele ukondla umntu.UL 230.3

    Lowo okwaziyo okudingwa ngumntu wamnyulela uAdam ukutya kwakhe. “Yabonani,” watsho, “ndininikile yonke imifuno evelisa imbewu, . . . nayo yonke imithi eneziqhamo zemithi evelisa imbewu; yoba kukudla kuni.” Genesisi 1:29. Ekuyishiyeni kwakhe iEden ukuya kufuna intlalo yokulima umhlaba phantsi kwesiqalekiso, umntu wanikwa imvume yokutya “umfuno wasendle.” Genesis 3:18.UL 230.4

    Ukutya okuziinkozo zodidi lombona, iziqhamo, nazo zonke iinkozo zodidi lwamandongomane, nemifuno konke kuquke isondlo esanyulelwa sona nguMdali wethu. Oku kutya, xa kuthe kwalungiswa ngendlela elula nehambelana nendalo kangangoko, kokona kunesona sondlo nempilo. Kusinika amandla, ukukwazi ukunyamezela, namandla nokudlamka kwengqondo, izinto ekunzima ukuba zenziwe kukutya okuhlanganiswe kwayimixube elungiselelwe ukuwunika udlamko umzimba.UL 231.1

    Kanti ke, asikuko konke ukutya okunento yonke efanelekileyo okuzilungeleyo izidingo zethu phantsi kwazo zonke iimeko. Kufuneka kubekho ubulumko ekukhethweni kokutya. Esikudlayo kufuneka kulungele ixesha lomnyaka, imozulu esiphila phantsi kwayo, kwanomsebenzi esiphila ngawo. Okunye ukutya okulungele ukuba kutyiwe ngexesha elithile [umzekelo—amaorenji ebusika] okanye phantsi kwemozulu ethile kunokungafaneleki kwenye. Ngenxa yoko, kukho ukwahluka kokutya okulunge kakhulu kubantu abasebenza imisebenzi eyahlukeneyo. Kukholisa ngokuba, ukutya okunokuba kulungele ukusetyenziswa ngabantu abasebenza nzima ngomzimba kungabafaneli abamsebenzi wabo uhlalisa phantsi okanye abadinga ukuba basebenzise ingqondo kakhulu. UThixo usinike iindidi ezahlukene kakhulu zokutya okunempilo, kwaye umntu ngamnye ufanele ukuba akhethe izinto athi amava nengqondo ephilileyo abone ukuba zifaneleke kakhulu kwezabo izidingo.UL 231.2

    Indalo inokutya okuninzi ekuvezayo okuquke ukutya okuziinkozo zodidi lombona, iziqhamo, nazo zonke iinkozo zodidi lwamandongomane, kwaye minyaka le iimveliso zayo yonke imihlaba zabelwa bonke abantu jikelele, ngakumbi njengoko kukho iindlela zokuzihambisa. Isiphumo soku kukuba ukutya okwakubonwa kukokweengcungcu kwiminyaka embalwa eyadlulayo ngoku kulula ukuba kufikelelwe ngumntu wonke yonke imihla. Kunjalo ngakumbi ngokutya okomisiweyo nokunkonkxiweyo.UL 231.3

    Ukutya okuziinkozo zodidi lwamandongomane noko kwenziwe ngazo kuye kuthabathe indawo enkulu yokutya kwenyama. Ezi iinkozo ziyahlanganiswa nezinye, neziiqhamo, nezinye iingcambu, ukwenza ukutya okunempilo nokunesondlo. Kufuneka, kodwa, kubekho ukuqaphelisisa ukuba zingasetyenziswa kakhulu ezi nkozo [iinuts]. Abo bafumanisa ukuba azibalungelanga kufuneka benako ukufumanisa ukuba ingxaki yabo inokusonjululwa ngokuqaphela esi silumkiso. Kufuneka kukhunjulwe ukuba nazo ezi nkozo ziyahlukana ngesondlo. Umzekelo ngulo, iialmonds ziyakhetheka kuneenuts, kanti wona la mandongomane xa ehlangene nezinye iinkozo zodidi lombona zibanesondlo kwaye zisetyenzwa lula sisisu.UL 231.4

    Iiolives ezilungiswe kakuhle, njengeenkozo zodidi lweepinatsi, ziyithabatha lula indawo yebotolo nenyama. Ioyile njengoko ityiwa kwiiolives ikhetheka kakhulu kuneoli okanye amafutha. Iyasikhulula isisu. Ukusetyenziswa kwayo kungafumaniseka kukuhle ukulungisa ezinye izinto ezityiwayo, kwaye ifumaneka inokusinyanga isisu esiqunjelweyo nesiphazamisekileyo.UL 232.1

    Abantu abaziqhelanise nokutya okutyebileyo, okubavuselelayo banelithe elingelilo elendalo, baye abakwazi ukuva ubumnandi kwangoko kukutya okunganongwanga kakhulu nokulula. Kanti ke, abo bazingisayo ekusebenziseni ukutya okwakhayo baya kuthi, emva wexesha, bakufumane kunencasa kusihla. Ubumnandi nezongo zako buya kuthandwa, kuze kutyiwe ngolonwabo olukhulu kunolo luthi lubekho xa kutyiwa izibiliboco ezingenasondlo. Isisu esisempilweni, esingaguliyo nesingasetyenziswa ukudlula emgceni, siwenza ngokulula umsebenzi waso.UL 232.2

    Ukugcina impilo entle, kufuneka ukutya okwaneleyo, okulungileyo nokondlayo.UL 232.3

    Ukuba sithi sikucebe ngobulumko, oko kulunge kakhulu empilweni kunako ukufunyanwa phantse kuyo yonke indawo. Ukulungiswa okwahlukeneyo kwerayisi, ingqolowa, umbona, neowuthsi kuthunyelwa kuzo zonke iindawo, ngokunjalo neembotyi, nezinye izinto ezizinkozo. Zonke ezi, zikunye neziqhamo zasekhaya okanye ezithengwa kwezinye iindawo, ziyalinika ithuba lokuba kukhethwe into emayityiwe ngaphandle kokusetyenziswa kwenyama.UL 232.4

    Kuyo yonke indawo apho kunokulinywa iziqhamo kakhulu, kufuneka zibe zininzi ukulungiselela ubusika, ngokunkonkxwa okanye ukuqwayitwa. Iziqhamo ezincinane njengeerasentyisi, nazo zonke iintlobo zebherizi [gooseberries, strawberries, raspberries, and blackberries] zinako ukukhuliswa kwiindawo ezilunge kakhulu apho zingaye zisetyenziswe kakhulu kuthi nokukhuliswa kwazo kungakhathalelwa.UL 232.5

    Xa kunkonkxwa kulungiselelwa ikhaya, kufuneka, kangangoko kunokwenzeka, kusetyenziswe izitya zeglasi, kuneenkonkxa zenkcenkce. Kubaluleke kakhulu ukuba iziqhamo zokunkonkxwa zibe kwimeko elunguleyo. Makusetyenziswe iswekile kancinane, ziphekwe iziqhamo ixesha elingelide kangako ukuba kuqinisekiswe ukugcinakala kwazo. Xa zilungiswe ngaloo ndlela, zikufanele kakhulu ukusetyenziswa endaweni yeziqhamo ezitsha.UL 233.1

    Ngalo lonke ixesha iziqhamo eziqwayitiweyo, iirasentyisi, iiplam ezomisiweyo, ama-apile, amapere, iipesika, iiaprikoti, nezinye, zinokufumaneka ngexabiso elifaneleyo, kungafunyaniswa ukuba zinokusetyenziswa njengokutya kwemihla ngemihla kakhulu kunoko kuqhele ukuba njalo, zize neziphumo zibe zezona zilungileyo empilweni nasekunikeni amandla kuzo zonke iindidi zabasebenzi.UL 233.2

    Makungatyiwa iindidi ezininzi ezahlukeneyo ngexesha elinye, kuba oku kukhuthaza ukutya kakhulu side singemi kakuhle isisu.UL 233.3

    Akulungile ukutya isiqhamo nemifuno ngexesha elinye. Ukuba ukucolwa kokutya akusebenzi ngamandla ngokwaneleyo, ukusebenzisa kokubini, isiqhamo nemifuno, kuye kwenze uxinzeleko nokungakwazi ukusebenzisa amandla engqondo. Kulungile kanye ukutya isiqhamo kwisidlo sokuqala, ukuze ibe yimifuno kwesinye.UL 233.4

    Ukutya kufuneka kuguquguquke kube zindidi ngeendidi. Ukutya okunye, okulungiswa ngendlela enye, akufuneki kubonakale etafileni okunye emva kokunye, usuku emva kolunye. Ukutya kukholisa ukutyiwa ngolangazelelo olukhulu, kwaye umzimba wondleka kakuhle, xa ukutya kuguquguqulwa. UL 233.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents