Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    19—Ukwayamana Nendalo

    UMdali wabanyulela abazali bethu bokuqala indawo eyilungele kakhulu mpilo yabo kunye nolonwabo lwabo. Akazane ababeke ebhotwe okanye abajikeleze ngobunewunewu obenziwe ngezandla zabantu abazixakekise ngokubuzuza abaninzi namhlanje. Wababeka ukuba basondele kakhulu kwindalo kwakunye noqhagamshelano nezidalwa zasemazulwini.UL 203.1

    Egadini awayilungisa ukuba ibe likhaya labantwana baKhe, amatyholo amahle neentyatyambo eziqhame kakuhle zazilibulisa iliso kuyo yonke indawo elalisiwa kuyo. Kwaye kukho imithi yeentlobo ngeentlobo, emininzi kuyo izele livumba elimnandi kwaneziqhamo ezikwanjalo. Emasebeni ayo iintaka zazitsholoza ngoncuthu lweengoma zokudumisa. Phantsi kwemithunzi yayo izidalwa zomhlaba zidakasa kunye kungekho koyika.UL 203.2

    UAdam noEva, kubunyulu babo obabungenabala, babevuyiswa yimibono kunye nezandi zase-Eden. UThixo wabanika umsebenzi wabo apho egadini, “ukuba bawusebenze bawugcine.” Genesis 2:15. Umsebenzi wemini nganye wawubazisela impilo nolonwabo, saza isibini esonwabileyo sakubulisa ngovuyo ukuhanjelwa nguMdali waso, xa wayesithi, ekupholeni okumnandi kwemini, ahambe encokola nabo. Mihla le, uThixo wayebafundisa izifundo zaKhe.UL 203.3

    Icebo lobomi uThixo awabunika abazali bethu bokuqala linesifundo esiza kuthi. Nangona isono senza kwakho ithunzi phezu komhlaba, uThixo ulangazelela ukuba abantwana baKhe bafumane ukonwaba emsebenzini wezandla zaKhe. Okona lilandelwa ngokusondele kakhulu iceo lobomi, okona uya kumangalisa ngakumbi umsebenzi waKhe ukubuyisela empilweni uluntu olugulayo. Abagulayo badinga ukuziswa kufutshane kwinkcukumiso yendalo. Ubomi baphandle phakathi kokujikelezileyo kwendalo kungasebenza imimangaliso kwabaninzi abangakwazi ukuzinceda nakwimilwelwe ekufuphi ukuphelelwa lithemba.UL 203.4

    Ingxolo nokuthabatheka nesiphithiphithi sezixeko, ubomi bazo obuxineneyo nobokwenziwa, zezona zinto zidinisayo nezigqiba amandla kubantu abagulayo. Umoya, ozele ngumsi nothuli, nemimoya enetyhefu, kwaneentsholongwane zesifo, ziyingozi ebomini. Abagulayo, abaye bavaleleke ixesha elide kakhulu phakathi kweendonga ezine, baye bafike kwindawo apho baye bazive ngathi bangamabanjwa emagumbini abo. Bakhangela phandle ezindlwini nasemigaqweni babone nezihlwele zingxamile zisihla zinyuka, mhlawumbi bengaboni nesuntwana lesibhakabhaka esiluhlaza okanye ukukhanya kwelanga, ingca okanye intyatyambo nomthi. Xa bevaleleke ngale ndlela bacinga kuphela ngentlungu nosizi abakulo, baze babe lixhoba leengcinga zabo ezilusizi.UL 204.1

    Kwabo babuthakathaka ngokwasemandleni okuziphatha, izixeko zizele ziingozi. Kuzo, abagula kukuthanda ukutya ngendlela engeyiyo eyendalo ekufuneka beyoyisile, basoloko bejongene nesihendo phambi kwabo lonke ixesha. Badinga ukuba babekwe phakathi kweendawo entsha yokuhlala apho umsinga wengcamango zabo uya kuthi uguquke; badinga ukubekwa phantsi kweempembelelo ezahluke kakhulu kwezo zonakalisa ubomi babo. Okwethuba elithile, mabasuswe kwezo mpembelelo esibakhokelela kude noThixo, baye apho kukho umoya ohlambulukileyo.UL 204.2

    Imizi yokukhathalela abagulayo ibingaba nempumelelo enkulu kakhulu ukuba ibingakhiwa kude nezixeko. Kanti ke, kangangoko kunako ukwenzeka, abo bagulayo bafuna ukuba impilo ibuye, kufuneka bazibeke phakathi kokujikelezwa ngamaphandle apho banokuba nethubalokuxhamla ubomi bangaphandle kwezindlu. Indalo ingugqirha kaThixo. Umoya ococekileyo, ilanga elivuyisayo, iintyatyambo nemithi, amabhoma nezidiliya, nokuzivocavoca phakathi kweendawo ezinje, kunika impilo, kunika ubomi.UL 204.3

    Hayi, ukuba nombulelo kwabayimilwelwe ediniweyo bubomi besixeko, ukuphandlwa zizibane ezininzi, nengxolo ezitratweni, kukuzola nenkululeko yasemaphandleni! Hayi indlela abazondelele ngayo ukubuya beze kwimiboniso yendalo! Hayi uvuyo abanalo ukuhlala apho kukho impepho emnandi, bonwabele ilanga, baphefumle ivumba elimnandi lomthi nentyatyambo! Kukho okuhle okunika ubomi kwivumba lentlaka yomthi wepayine, kwivumba lomsedare nazo zonke ezinye iindidi zepayine, kunye neminye imithi enamachiza ayibuyisayo impilo.UL 204.4

    Kumlwelwe onesifo esingapheliyo, ayikho into ekekelele ekubuyiseleni impilo nolonwabo njengokuhlala kwiindawo ezintle zasemaphandleni. Apha, noyena onganako ukuzinceda unokuhlala okanye angqengqe elangeni okanye emthunzini wemithi. Kufuneka nje baphakamise amehlo ngaphezu kwabo babone amagqabi amahle. Ukuziva bephumle kamnandi nokuhlaziyeka kuyabafikela ngexesha bemamele ukubetha kamnandi kwempepho. Imimoya ewileyo iyavuseleleka. Amandla aphelayo aya buya. Bathi bengaqondanga ingqondo ibe noxolo, ukungongoza okuthothoza nzima kuyazola kube nesingqi esifanelekileyo. Bathi xa besiya ngokomelela abagulayo, baya kukwazi ukuthabatha amanyathelo ambalwa beqokelela iintyatyambo, izithunywa ezixabisekileyo zothando lukaThixo kusapho lwaKhe olungcungcuthekayo.UL 205.1

    Kufaneleke ukuba kwenziwe amacebo amelwe ukwenziwa ukubagcina abagulayo bengaphandle kokuvaleleka emagumbini. Kwabo bakwaziyo ukusebenza, makuzanywe umsebenzi owonwabisayo nolula. Mabayiboniswe indlela owamkelekile noluncedo ngayo lo msebenzi waphandle. Mabakhuthazwe ukuba baphefumlo umoya omtsha. Mabafundiswe ukuphefumla ngokutsalaamathamoomoyaamakhulu, nokuba ekuphefumleni nasekuthetheni mabazame ukusebenzisa izihlunu zeziphika, isifuba Masiphakame ungene kanobom umoya. Yimfundo le exabiso layo lingenamda kubo.UL 205.2

    Ukuvocavoca kwimpepho kufunekwa kunikwe njengeyeza elifunekayo lokunika ubomi. Kanti ke, koko kusebenzisa umzimba, akukho okulunge kakhulu ukudlula ukulinywa komhlaba. Abagulayo mababe neendawana zokutyala iintyatyambo abaza kuzihoya, okanye umsebenzi amabawenze ebhomeni okanye egadini yemifuno. Xa bekhuthazwa ukuba bawashiye amagumbi wabo bachithe ixesha emoyeni okanye phandle, bekhulisa iintyatyambo okanye besenza omnye umsebenzi olula, owonwabisayo, ingqondo yabo iya kujikwa isuke eziqwini zabo nakwiintlungu zabo.UL 205.3

    Okona umguli enako ukuhlala ngaphandle, okona aya kufuna kancinane ukukhathalelwa. Okona ajikelezwe kokuchwayitisayo, kukona aya kuba luncedo ngakumbi. Evalelwe endlwini, nokuba seyintle kangakanani impahla yakhona, uya kukhulelwa kukukhalaza nokubanqungunqungu. Makajikelezwe zizinto ezintle zendalo; mbeke apho anokubona khona iintyantyambo zikhula, ave iintaka zicula, ize intliziyo yakhe idanduluke ngengoma ehambelana neengoma eziculwa zintaka. Ukukhululeka kuya kubakho emzimbeni nasengqondweni. Ingqondo iya kuphaphama, ingcinga ivuke, ize ingqondo ikulungele ukuncoma ubuhle belizwi likaThixo.UL 206.1

    Endalweni, kunokusoloko kufunyanwa into yokususa ingqalelo yabagulayo kubo, izikhokelele iingcinga zabo ekucingeni ngoThixo. Njengoko bejikelezwe yimisebenzi yaKhe emangalisayo, iingqondo zabo ziyaphakanyiswa kwizinto ezibonwayo ziye kwezingabonwayo. Ubuhle bendalo bubenza ukuba bacinge ngekhaya lasezulwini, apho kungayi kubakho nto iphazamisa ukuthandeka, kungekho nento eya kungcolisa okanye yonakalise, kungekho nto iya kwenza kubekho isifo nokufa.UL 206.2

    Oogqirha nabongikazi mabathabathe kwizinto zendalo, izifundo ezifundisa ngoThixo. Mababakhombise abagulayo kuLowo osandla saKhe senza imithi emide, nengca, kunye neentyatyambo, babenze ukuba babone kulo lonke ithupha nakwintyatyambo ukubonakala kothando lwaKhe ngakubantwana baKhe. Lowo ukhathalele iintaka neentyatyambo uya kubakhathalela abantu abenziwe ngokowaKhe umfanekiselo.UL 206.3

    Ngaphandle kokuba babe bevaleleke ezindlwini, phakathi kwezinto athe uThixo wazenza, ukuphefumla umoya ohlaziyekileyo, onika impilo, abagulayo bangaxelelwa kakuhle kakhulu ngobomi obutsha kuKristu. Apha, ilizwi likaThixo linokufundwa. Apha, ukukhanya kobulungisa bukaKristu kunokubengezela kungene ezintliziyweni ezenziwe mnyama sisono.UL 206.4

    O, ukuba bendingakwazi ukuba imihla ngemihla
    Ndibe kufuphi kuThixo wam,
    Iiyure zam bendingazigqiba kamnandi,
    Ndayame elizwini laKhe.
    UL 206.5

    Nkosi, ndinga ndingahlala nawe
    Ngokutsha imihla ngemihla,
    Kuvuyo olungeze lunikwe lihlabathi,
    Nolungeze lube nokususwa.

    Yesu omhle, yiza, ulawule intliziyo yam,
    Undenze ndibe ngowaKho ngokupheleleyo,
    Ndingaze ndimke kuwe,
    Ndingaze ndiluhlungise uthano lwaKho olungcwele
    UL 207.1

    --Benjamin Cleveland.

    Amadoda neentokazi abadinga impiliso yasemzimbeni nasemoyeni kufuneka baziswe ngoko ekuhlanganeni nabo bamazwi abo nezenzo zabo ziya kubatsalela kuKristu. Kufuneka babekwe phantsi kwempembelelo yoMvangeli omKhulu woNyango, onako ukuphilisa umphefumlo nomzimba. Kufuneka bave ibali lothando loMsindisi, lokuxolelwa ngesisa kwabo bonke abeza kuYe bezivuma izono zabo.UL 207.2

    Phantsi kweempembelelo ezinje ngezi, abaninzi abagulayo baya kukhokelelwa kwindlela yobomi. Iingelosi zezulu zisebenzisana nezixhobo ezingabantu ekuziseni inkuthazo nethemba kunye novuyo noxolo kwiintliziyo zabagulayo nabasebuhlungwini. Phantsi kweemeko ezinjalo, abafayo, besikeleleka ngokuphindwe kabini, baye bange bangayizuza impilo. Inyathelo elingenamandla lizuza ukucombuluka. Iliso libuyelwa kukukhanya. Ongenathemba uzaliswa lithemba. Obekade enenkangeleko yokuncama unxiba imbonakalo yovuyo. Iimvakalo zamazwi akade ekhalaza zidedela iimvakalo zochulumanco nokwaneliseka.UL 207.3

    Ithi xa impilo yomzimba ibuyela, amadoda neentokazi bakwazi ukulusebenzisa ngcono olo kholo kuKristu luze lubazuzele impilo yomphefumlo. Ekufikeni engqondweni kwezono ezixolelweyo kukho uxolo olungathethekiyo novuyo nokuphumla. Ithemba elisibekeleyo lomKristu liba nokukhanya. Amazwi abeka inkolo ethi, “UThixo ulihlathi, uligwiba kuthi; ezimbandezelweni ufumaneke eluncedo kunene.” “Nokuba ndihamba emfuleni wethunzi lokufa, andiyi koyika bubi; ngokuba unam wena; intonga yakho, umsimelelo wakho, uyandithuthuzela.” “Umnika otyhafileyo amandla, ongenakomelela amandisele ukuqina.” INdumiso 46:1; 23:4; Isaya 40:29.UL 207.4

    Lukhangele kuwe, Mvana yeKalvari, Ukholo lwam,
    Ndive ndithandaza, Susa ityala lam,
    Kususela namhla, Ndenz’ owakho.

    Ndinike amandla, Kwanenzondelelo, Solufefe;
    Uthando lwam kuwe Maluvuthe nene,
    Ekubeni wena Wandifela.

    Naxa kumnyama kum Ndiphanjwe zintsizi, Ndikhokele;
    Gxotha ubumnyama, Sula inyembezi;
    Mandingaze ndimke Kuwe Ndlela.
    UL 208.1

    --Ray Palmer.

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents