Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    22—Isinxibo

    IBhayibhile ifundisa isidima ekunxibeni. “Kwangokunjalo mabathi nabafazi banxibe iingubo ezifanelekileyo” (1 Timoti 2:9). Oku kwalela ukudlisela ngempahla, imibala egqamileyo, nezihombiso ezibaxiweyo. Yonke into elungiselwe ukutsalela amehlo okanye ingqalelo kulowo uyinxibileyo okanye ukuvusa umtsalane, ingaphandle kwesinxibo esifanelekileyo esikhuthazwa lilizwi likaThixo.UL 223.1

    Impahla yethu kufuneka ingabi yeyexabiso—igolide neeperile, nesambatho esixabiso likhulu.” Indima 9.UL 223.2

    Imali iyinto esiyigcinisiweyo nguThixo. Asikokwethu ukuyichithela ukwaneliswa kwekratshi okanye umnqweno. Ezandleni zabantwana bakaThixo ikukutya kwabalambileyo, imphahla kwabaze. Iyinkuseleko kwabacinezelweyo, nendlela yempilo kwabagulayo, isixhobo sokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo kumahlwempu. Unganako ukuzisa ulonwabo kwiintliziyo ezininzi ngokuyisebenzisa ngendlela enobulumko, indyebo echithwa ngokwenza umboniso ngoku. Cinga ngobomi bukaKristu. Funda isimilo saKhe, ube lidlelane naYe ekuzincameni.UL 223.3

    Kwilizwe elizibiza ngoKristu kwanele okuchithwa ngezihombiso neengubo ezingadingekiyo ukuba bekungondla bonke balambileyo nokunxiba abaze. Izinto zexesha eli kwakunye nokubonisa kufunxa konke okunokusetyenziselwa ukuvisa kamnandi abangamahlwempu nabatsala nzima okanye abagulayo. Kuvinjwa ihlabathi iindaba ezilungileyo zothando loMsindisi. Uvangelo lutsala nzima. Izihlwele ziyatshabalala kukuswela imfundiso. Apha ecaleni kweyethu iminyango nakumazwe angaphandle, abangazi nto ngoThixo abafundiswa kwaye abasindiswa. Njengokuba uThixo ewuzalise umhlaba ngobutyebi baKhe, wazalisa oovimba bawo ngezinto zokubenza bube lulonwabo ubomi, waza thina wasinika, ngesisa esikhulu, ulwazi lwenyaniso yaKhe, singanika isizathu esithini ngokuvumela izikhalo zomhlolokazi nenkedama, ogulayo notsala nzima, ongafundanga nongasindiswanga, ukuba zinyuke ziye ezulwini? Ngemini kaThixo, siya kujongana naYe owanikela ubomi baKhe ngenxa yaba basweleyo, baya kuzithethelela bathini abo bachitha ixesha labo nemali yabo ngokuziyekela kwizinto aye wazalela uThixo? Kwabanjalo akayi kuthi na uYesu, “Ndalamba, anandipha kudla; ndanxanwa, anandiseza; . . . ndandize, anandambesa; ndandisifa, ndandisentolongweni, anandivelela?” Mateyu 25:42, 43.UL 223.4

    Kodwa ke impahla yethu kufuneka ibe yefanelekileyo nelula, kufuneka ibe yeyexabiso elilungileyo, nemibala enesidima, nefanele inkonzo. Kufuneka ikhethelwe ukuhlala ixesha elide kunokudlisela. Kufuneka inike ukufudumala nokukhuseleka okukuko. Umfazi onengqiqo ochazwe kwiMizekeliso “indlu yakhe akayoyikeli, mhlana ngekhephu, kuba yonke indlu yakhe yambethe ezisithileyo, [eziphindiweyo].” IMizekeliso 31:21, margin.UL 224.1

    Isinxibo sethu kufuneka sicoceke. Ukungacoceki kwempahla akunampilo, kwaye kungcolisa umzimba nomphefumlo. “Niyitempile kaThixo. . . . Ukuba umntu uyayonakalisa itempile kaThixo, uThixo womonakalisa lowo.” 1 Korinte 3:16, 17.UL 224.2

    Ngazo zonke iindlela, impahla kufuneka inike impilo. “Ngaphezu kwento zonke,” uThixo unqwenela ukuba “sibe nempilo”—impilo yomzimba neyomphefumlo. Kuyafuneka sibe ngabasebenzi kunye naYe kwimpilo yokubini-umoya nomzimba. Kokubini kuyakhuthazwa yimpahla enika impilo.UL 224.3

    Kufuneka ibe nesidima, ubuhle, umfaneleko wobulula bendalo. UKristu usilumkisile ngakwikratshi lobomi, kodwa hayi ngakwisidima nobuhle bendalo. Walatha kwiintyatyambo emathafeni, kwinyibiba kubuhle bayo, wathi, “noSolomon kubo bonke ubunewunewu bakhe, wayengavathiswanga nanjenganye kuzo ezi.” Mateyu 6:29. Ngoko ke, ngezinto zendalo, uKristu ubonisa ubuhle obuxatyiswe lizulu, ubuhle obunesidima, obulula, obunyulu, ukufaneleka, okwenza ukuba isinxibo sethu simkholise uThixo.UL 224.4

    Eyona ngubo intle uthi uThixo kufuneka siyinxibe emphefumlweni. Akukho ukuhonjiswa kwangaphandle okunokuthelekiswa nexabiso okanye nokuthandeka “[ko]moya onobulali, ozolileyo,” kokwaKhe ukubona, “oxabiso likhulu.” 1 Petros 3:4.UL 224.5

    Kwabo bayenza imithetho-siseko yoMsindisi isikhokelo sabo, axabiseke kangakanani amazwi esithembiso, athi:UL 225.1

    “Yini na ukuba nixhalele into yokwambatha? . . . Ukuba ke ingca leyo yasendle, ethi namhla ibekho, ize ngomso iphoswe eziko, wenjenjalo uThIxo ukuyambathisa, akayi kunambathisa kakhulu ngakumbi na? . . . Musani ukuxhala ngoko, nisithi, . . . Siya kwambatha ntoni na? . . . kuba uYihlo wasemazulwini uyazi ukuya ezo zinto zonke ziyafuneka kuni. Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.” Mateyu 6:28-33.UL 225.2

    “Intliziyo ezimasekileyo uyayilondoloza, ixole ixolile; ngokuba ikholose ngawe.” Isaya 26:3.UL 225.3

    Hay’ indlela okwahluke ngayo oku ekudinweni, ekungaphumlini, kwisifo nokuxhwaleka, konke okusisiphumo sokulawulwa lixesha! Indlela okuchasene ngayo nemithetho-siseko enikwe eziBhalweni yeendlela zokunxiba elithi ixesha lizibeke! Cinga ngeendlela ezithe zakho kumakhulu eminyaka edlulileyo okanye kumashumi nje adlulileyo. Zingakanani ukuba zininzi, ezithi xa zingahambelani nexesha, kuthiwe azinasidima; zingaphi ekuya kuthiwa azifanelekanga kumfazi ochubekileyo, omoyikayo uThixo, nozihloniphayo!UL 225.4

    Ukutshintsha-tshintsha impahla ngenxa yexesha nje kuphela yinto engavumelekanga elizwini likaThixo. Iintlobo eziguquguqukayo neziciciyelweyo, izihombiso ezidla imali eninzi, zichitha ixesha nemali yabazizityebi, zichithe namandla engqondo nomphefumlo. Zibeka umthwalo onzima kubantu abangenazinto kangako nabahluphekayo. Abaninzi abangakwaziyo ukuzuza ukuphila, nabanokuthi ngemalana abanazo bazenzele eyabo impahla, banyanzeleka ukuba babhenele kubathungi ukuze nabo bahambelane nexesha. Iintwazana ezihluphekayo, ngokufuna ukuzuza ilokhwe yohlobo lwexesha, izivimba impahla efudumeleyo yangaphantsi, ize ihlawule isohlwayo sokwenza oko ngobomi bayo. Abanye abaninzi, ngokubawela ukubonisa nobuhle babatyebileyo, bathi batsalelwe kwiindlela zokungathembeki nokuhlazeka. Amakhaya amaninzi aphelelwe lulonwabo, amadoda amaninzi angenwa kukuyiba imali okanye ukutshona, kuba kufuneka anelise iimfuno zokuthsafaza komfazi okanye abantwana.UL 225.5

    Oomama abaninzi, abanyanzelekileyo ukuba alungiselele yena okanye abantwana bakhe iimpahla zohlobo oluthile olusemgceni ngokufunwa lixesha, basengxakini yendinisa engenasiphelo. Oomama abaninzi banemithamboluvo ebethayo neminwe engcangcazelayo basebenza nzima kude kube sebusuku besongeza izihombiso kwiimpahla zabantwana babo izinto ezo ezingongezi kwanto empilweni nasekonwabeni, okanye kubuhle benene. Ngenxa yefashoni, umama uncama impilo nokuzola komphefumlo izinto ezifuneka kakhulu ekukhokeleni abantwana bakhe ngendlela eyiyo. Ukwakheka kwengqondo nentliziyo kuyatyeshelwa. Umphefumlo uyadodobala.UL 226.1

    Umama akanalo ixesha lokufunda imithetho-siseko yokukhulisa umzimba, ukuze akwazi ukukhathalela impilo yabantwana bakhe. Akanalo ixesha lokulungiselela kwingqondo yabo okanye kwizidingo zabo zasemoyeni; akanaxesha lokuvelana nabo kwiimpoxo nezilingo ezincinane, okanye lokuba nesabelo kwizinto abazithandayo nekufuneka bezenzile ebomini.UL 226.2

    Phantse kuthi ngako nje ukuba bafike emhlabeni, abantwana baba ngamakhoboka empembelelo yefashoni. Beva kakhulu ngempahla kunokuva ngoMsindisi wabo. Babona oomama babo beqwalasela amacwecwe efashoni ngenzondelelo enkulu lee kuneBhayibhile. Ukubonisa ngempahla kuphethwe njengokubaluleke kakhulu kunokukhuliswa kwesimilo. Abazali nabantwana bahluthwe okona kulunge kakhulu nokona kumnandi nokuyinyaniso ebomini. Ngenxa yefashoni baqhathwe nokulungiselela ubomi obuzayo.UL 226.3

    Yayingumchasi wako konke okulungileyo owakhuthaza ukudalwa kweefashoni eziguquguquka okoko. Akukho nto ayilangazelela kakhulu ukudlula ukuzisa ukukhala nokungahlonelwa kukaThixo ngokusebenzisa ukuhlupheka nentshabalalo ebantwini. Enye yeendlela athi abe nempumelelo ngayo ukufeza oku ngamacebo efashoni abulala umzimba nokudodobalisa ingqondo kwanokucutha umphefumlo.UL 226.4

    Amakhosikazi angaphantsi kwezigulo ezibi, kwaye ukugula kwawo kukhuliswa kakhulu yindlela anxiba ngayo. Kunokuba alondolozele impilo yawo iingxaki ezifana zivele eziqinisekileyo ukuba ziza kuza, ngemikhwa yawo engalunganga aye akholise ukuncama, kungekuphela impilo yawo kodwa nobomi, aze ashiye ebantwaneni bawo ilifa lezikhalo emizimbeni eyonakeleyo, imikhwa egqwethekileyo, neengcamango zobuxoki ngobomi.UL 227.1

    Okunye ukuceba okunenkcitho nokukhohlakeleyo kwefeshoni ngumbhinqo [isikeyiti] otshayela umhlaba. Ukungacoceki, kukungonwabisi, ukuba yingxaki nokungakhuthazi mpilo—konke oku nangaphezulu kunjalo kumbhinqo orhuqayo. Uyinkcitho, ngendlela ezimbini-kuba lininzi ilaphu elifunekayo nokungadingeki kokunxitywa okulolu hlobo ngenxa yobude bawo. Nabani na obone umfazi enxibe umbhinqo orhuqayo, izandla zizele yimithwalo, ezama ukuhla enyuka kwizinyathelo, ukungena enqweleni, ukuthubeleza phakathi kwabantu abaninzi, ukuhamba emvuleni okanye endleleni enodaka, akasidingi esinye isiqinisekiso sokuxakekisa nokungabi nakonwabisa kwawo lo mbhinqo.UL 227.2

    Enye into embi kukunxitywa kwemibhinqo buze ubunzima bazo bungathwalwa ngamahleza [esinqe]. Obu bunzima, xa bucinezele amalungu angaphakathi emzimbeni, ewatsalela phantsi esenza ukuphelelwa ngamandla kwesisu nokuba umntu azive ediniwe, kuquka nokumenza owunxibileyo ukuba agobe, nokuthi ukudlula apho kuxinanise imiphunga, kwenze ukuba kube nzima kakhulu ukuphefumla ngendlela eyiyo.UL 227.3

    Kule minyaka yamva nje, iingozi ezibangwa kukucinezelwa kwamanqe kuxoxwe ngokupheleleyo kangangokuba bambalwa abangaziyo ngokubhekiselele kuko; kanti sekunjalo, makhulu kakhulu amandla efashoni kangangokuba ububi busaqhubeka. Ngokwenza oku, amakhosikazi nabanwana abangamantombazana bazonakalisa ngendlela engathethekiyo. Kubalulekile empilweni ukuba isifuba sibe negumbi lokuba sivuleke ngokupheleleyo ukuze imiphunga ikwazi ukungenisa umoya omninzi xa umntu ephefumla. Xa imiphunga ixinekile, ubuninzi bomongo-moya obungenayo kuyo buyacutheka. Igazi alivuselelwa ngokwaneleyo, kuze ukungcola okunetyhefu okumele ukulahlelwa ngaphandle ngemiphunga kugcinwe. Ukongeza koku, ukujikeleza [kwegazi] kuyaphazamiseka, aDe amalungu angaphakathi agogeke exinene ada asukE endawe yawo aze angakwazi ukuwenza ngendlela eyiyo umsebenzi wawo.UL 227.4

    Ukuziqamangela ngokuqinileyo akukuphuhlisi ukumila. Esinye isakhi esiphambili kubuhle bomzimba kukumila, ukuhambelana kokulingana kweendawo zomzimba. Isibonelo esilungileyo sokukhula komzimba sinokufumaneka, hayi kwimiboniso yabantu ababoniswa koonobuhle bamaFrentshi, kodwa kwimo yomntu njengoko ikhule ngokwemithetho kaThixo endalweni. UThixo ungumqali wabo bonke ubuhle, kwaye kuphela kuxa sivumelana nomgangatho owamiswa nguYe esinokuthi sifike kumgangatho wobuhle.UL 228.1

    Obunye ububi obukhuthazwa lisiko kukungalingani kokunxityiswa komzimba, ukuze lo gama ezinye iindawo zinxitywe ngaphezu kokuba kufuneka, ezinye zinxitywe ngokunganelanga. Iinyawo neengalo, njengoko zikude kumalungu abalulekileyo, zimele ukukhuselwa ngendlela eyodwa kwingqele ngokunxitywa impahla eziliqela. Ayikwazi ukubakho impilo xa iinyawo nezandla zihlala zibanda; kuba xa lilincinane igazi kuzo liya kuba lilininzi kakhulu kwezinye iindawo zomzimba. Impilo entle ifuna ukuhamba kwegazi okuhle; kodwa oku akunakubakho xa umzimba unxitywe kakhulu ngokuphindwe kathathu okanye kane kuneenyawo neengalo.UL 228.2

    Imfumba yamakhosikazi akhathazekile ephethwe ngamaxhala kuba azivimba umoya ococekileyo obuya kulenza igazi lihlambuluke, kwanenkululeko yokuhamba okanye ukushukuma ebiya kulithumela igazi lidloba ngemithambo, linike ubomi, impilo, namandla. Amakhosikazi amaninzi aba yimilwelwe eqinisekileyo ngoku ebemele ukonwabela impilo, aye emaninzi afileyo sisisu nezinye izifo nangona ngewayephile ixesha alinikiweyo lobomi ukuba ayenxibe ngokwendlela yemithetho-siseko yempilo avocavoca imizimba ngokukhululekileyo kwimpepho ephaya phandle.UL 228.3

    Ukuze kufumaneke ezona mpahla zisempilweni, izidingo zazo zonke iindawo zomzimba kufuneka zifundwe ngononophelo. Imo yezulu, okusijikelezileyo, imeko yempilo, nomsebenzi kufuneka zonke ezo zinto zithathelwe ingqalelo. Yonke into enxitywayo kufuneka ingene lula, ingakuphazamisi ukujikeleza kwegazi okanye ukuphefumla kwendalo ngokukhululekileyo, nangokuzeleyo. Yonke into enxityiweyo kufuneka ibe nokukhululeka ukuze xa iingalo ziphakanyiswa nempahla inyuke ngokulula ngokufanayo.UL 228.4

    Oomama abanempilo ekekeleyo bangazenzela okukhulu ngokunxiba ngokusezingqondweni nokuvocavoca umzimba. Xa benxibe ngokufanele ukonwaba phandle, mabasebenze emoyeni oyimphepho elungileyo, ngokuqaphelisisa kuqala, kodwa bamane bewunyusa umgangatho wokuthamba kangangokuba bekwazi ukuwunyamezela. Ngokuthabatha eli khondo, baninzi abangayizuza kwakhona impilo baze baphilele ukuba nenxaxheba emsebenzini wasemhlabeni.UL 229.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents