Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukufunda Ngokudlulisela Kwabanye

    Ulutsha maluqhubele phambili ngokukhawuleza kangangoko lunako ukuzuza ulwazi. Umhlaba amaluwufunde kufuneka ube banzi kangangoko amandla wabo enokuwufikelela. Kwaye, ngexesha lufunda, maluludlulise ulwazi lwalo. Yiloo ndlela eya kwenza ukuba iingqondo zizuze ukuqeqesheka namandla. Yindlela abasebenzisa ngayo ulwazi exela ixabiso lemfundo yabo. Ukuchitha ixesha elide kufundwa, kungekho linge lokudlulisa oko kuzuziweyo, kukholisa ukuba sisiphazamiso kunokuba luncedo ekukhuleni kwenene. Kuzo zombini ezi ndawo, ekhaya nasesikolweni, kufuneka ibe ngumzamo womfundi ukufunda indlela yokufunda nokudlulisela kwabanye olo lwazi lufunyenweyo. Nokuba luthini ubizo lwakhe, kufuneka abe ngumfundi kwanetitshala lonke ixesha asenobomi esaphila. Unako ukuluqubela phambili angayeki, ethembele kuThixo, ebambelele kuLowo unobulumko baphakade, onako ukutyhila iimfihlakalo ezafihlwa iminyaka, onako nokusombulula nezona ngxaki zinzima kwiingqondo ezikholelwayo kuYe.UL 316.5

    Ilizwi likaThixo licinezela kakhulu kwimpembelelo yamahlakani, naphezu kwamadoda namakhosikazi. Yek’ ukuba makhulu kwamandla awo [amahlakani] kwingqondo nesimilo ezikhulayo zabantwana nolutsha. Iqela abahlala nalo, imithetho-siseko abayamkelayo, imikhwa abayenzayo, konke kuya kuba nesigqibo ngokuba luncedo apha nokwexesha elizayo abakuthandayo.UL 317.1

    Yinyaniso eyoyikekayo, nemele ukuzenza iintliziyo zabazali zingcangcazele, le yokuba kwizikolo neekholeji ezininzi apho kuthunyelwa khona abantwana ukuba kuyokwakhiwa ingqondo nesimilo, iimpembelelo ezigqubayo zisibumba ngendlela engeyiyo isimilo, ziyigwethe ingqondo kwiinjongo eziyinyaniso zobomi, ziyihlise imigangatho yokuziphatha. Ngokuba luhlangana nabangakholwayo, nabathanda iziyolo, nabonakeleyo, ulutsha oluninzi lulahlekwa kukuba ngabantu abakhethekileyo nobunyulu, ukukholelwa kuThixo, nomoya wokuzincama abathe ootata noomama abangamaKristu bawukhuthaza bawalusa ngokufundisa ngononophelo nomthandazo onyanisekileyo.UL 317.2

    Abaninzi abangena isikolo benenjongo yokuzilungisela ikhondo lolungiselelo olungasekeleze nzuzo baginywa zizifundo zehlabathi. Kunyuka ibhongo lokugqwesa ekufundeni nokuzuza isikhundla nokuhlonitshwa ehlabathini. Injongo ababengenela yona esikolweni iyalahleka, buze ubomi bunikelwe ekulandeleni izinto zokufuna inzuzo nokukthanda ihlabathi. Kuyakholisa ukuba kuqalwe imikhwa eyonakalisa ubomi beli hlabathi nobelizwe elizayo.UL 317.3

    Ngokomthetho, amadoda namabhinqa abaneengcinga ezibanzi, iinjongo ezingabawiyo, amabhongo anendili, ngabo ezathi kubo ezi mpawu zakhuliswa ngabo babehlangana kunye nabo kwasebutsheni babo. Kuko konke ukuhamba kwaKhe noIsrayeli, uThixo wakubeka phezu kwabo ukubaluleka kokwalusa amaqabane abantwana bawo. Onke amalungiselelo omsebenzi, enkolo, nawobomi basekuhlaleni ayenziwe kukho umbono wokugcinwa kwabantwana kubudlelane obuyingozi nokubenza, kwakwiminyaka yasekuqaleni, ukuba baqhelane nemiyalelo nemithetho-siseko yomthetho kaThixo. Isifundo ngomzekelo esasinikwa ekuzalweni kwesizwe sasiluhlobo lokubetheleleka kuzo zonke iintliziyo. Ngaphambi kokuba umgwebo wokugqibela owoyikekayo uwafikele amaYiputa ngokufa kwamazibulo, uThixo wabayalela abantu baKhe ukuba bahlanganise abantwana babo emakhayeni abo. Umgubasi wendlu nganye wawuza kuphawulwa ngegazi, ukuze bonke bahlale ngaphakathi kwenkuseleko eqinisekiswa ngulo mqondiso. Ngokukwanjalo namhla, abazali abamthandayo nabamoyikayo uThixo kuza kufuneka babagcine abantwana babo ngaphantsi “kweqhina lomnqophiso”—ngaphakathi kwenkuseleko yezo mpembelelo zingcwele ezinako ukufumaneka ngegazi likaKristu elihlangulayo.UL 318.1

    Ngabafundi baKhe, uKristu wathi, “Mna ndibanike ilizwi laKho; . . . [baye] bengengabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.” Yohane 17:14.UL 318.2

    “Kanjalo ningamilisi okweli phakade;” uThixo uyasiyala; “manibe kumila kumbi ngokuhlaziyeka kwengqiqo yenu.” Roma 12:2.UL 318.3

    “Musani ukunxulumana nabolunye uhlobo, abangakholwayo ke; kuba kunakwabela kuni na ubulungisa nokuchasa umthetho? Kunabudlelane buni na ke ukukhanya nobumnyama? . . . Inakudibana kuni na ke itempile kaThixo nezithixo? Kuba nina niyitempile kaThixo ophilileyo; njengokuba watshoyo uThixo ukuthi, Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo; ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona. Kungoko ndithi,UL 318.4

    “Phumani phakathi kwabo, nizahlule, . . .
    Nento engcolileyo ningayichukumisi; . . . Ndandiya kunamkela,
    Ndibe nguYihlo,
    Nina nibe ngoonyana neentombi kum
    Itsho iNkosi uSomandla.
    UL 318.5

    2 Korinte 6:14-16.

    “Hlanganisani abantu.” “Ndibazise imimiselo kaThixo nemiyalelo yakhe.” Yoweli 2:16; Eksodus 18:16.UL 319.1

    “Mabalibeke ke igama lam phezu koonyana bakaIsrayeli; mna ndiya kubasikelela.” Numeri 6:27.UL 319.2

    “Zibone zonke izizwe zehlabathi, ukuba igama likaYehova libizwe phezu kwakho.” Duteronomi 28:10.UL 319.3

    “Amasalela akwaYakobi aya kuba
    phakathi kwezizwe ezininzi
    Njengombethe ophuma kuYehova,
    Njengamathontsi emvula ebutyanini;
    Engathembele mntwini,
    Engalindele koonyana babantu.”
    UL 319.4

    Mika 5:7.

    Sibandakanywa noIsrayeli. Yonke imfundiso eyanikwa uIsrayeli wakudala ngokubhekiselele kwimfundo noqeqesho lwabantwana, zonke izithembiso zentsikelelo ngokuthobela, zezethu.UL 319.5

    Ilizwi likaThixo kuthi lithi, “Ndikusikelele, . . . ube yintsikelelo.” Genesis 12:2.UL 319.6

    Ngabafundi bokuqala nangabo bonke abaya kukholelwa kuYe ngenxa yelizwi labo, uKristu uthi, “Uzuko owandinika lona, ndilunike bona; ukuze babe banye, njengokuba thina sibanye; mna ndikubo, wena ukum, ukuze babe ngabazalisekileyo ntweninye; ukuze liqonde ihlabathi ukuba wena undithumile, wabathanda, njengokuba wandithandayo nam.” Yohane 17:22, 23.UL 319.7

    Amazwi amangalisa ngeyona ndlela iyodwa, phantse kube nzima ukuwakholelwa! UMdali wawo wonke amazwe ubathanda abo bazinikela emsebenzini waKhe, ngohlobo athanda uNyana waKhe. Kanti apha nangoku, usinika uthando lwaKhe oluzaliswe yinceba lufikelele kulo mgangatho umangalisayo. Usinike ukuKhanya nobuNgangamsha bezulu, wathi kunye nabo wasithululela yonke indyebo yasezulwini. Ukongeza phezu kokuba esithembise ubomi obuzayo, usinika nezipho ezifanele iinkosi kobu bomi. Njengokuba singamalungu eenceba zaKhe, ulangazelela ukuba sonwabele zonke izinto eziya kusenza sibe nesidima, sixande, ziphakamise izimilo zethu. ulindele ukukhuthaza ulutsha ngamandla avela ngasentla, ukuze lukwazi ukuma phantsi kwebhanile edyojwe ligazi kaKristu., ukuze lusebenze njengoko wasebenzayo, ukukhokelela imiphefumlo kwiindlela ezikhuselekileyo, ukumisa iinyawo zabaninzi phezu kweLiwa lamaPhakade.UL 319.8

    Bonke abafuna ukusebenza ngemvisiswano necebo likaThixo ngemfundo baya kuba nobabalo olubaxhasayo, ubukho baKhe obuhlala buhleli, namandla waKhe awomelezayo. Kuye wonke ubani uthi:UL 320.1

    “Yomelela, ukhaliphe. Musa ukunkwantya, ungaqhiphuki umbilini: ngokuba uYehova uThixo wakho unawe.” “Andiyi kukuyekela, andiyi kukushiya.” Yoshuwa 1:9, 5.UL 320.2

    “Kuba njengokuba kusihla imvula nekhephu ezulwini,
    Ingabuyeli kulo
    Ingathanga iwunyakamise umhlaba uvunde,
    Iwuhlumise, iwenze untshule,
    Imnike imbewu umhlwayeli,
    Imnike isonka odlayo;
    Liya kuba njalo ilizwi lam
    eliphuma emlonyeni wam;
    Aliyi kubuyela kum lilambatha,
    Lingakwenzanga endikuthandayo,
    Lingakuphumelelisanga oko ndilithumela kuko.
    Kuba niya kuphuma ninovuyo,
    Nithundezwe, ninoxolo.
    Iintaba neenduli ziya kugqabhuka
    zimemelele phambi kwenu,
    Imithi yasendle ibethe izandla. Esikhundleni somqaqoba kuya kuphuma umsedare,
    Esikhundleni serhawu kuya kunyuka imimirtile;
    Oko kube ligama kuYehova,
    Nomnqondiso ongunaphakade ongayi kunqanyulwa.”
    UL 320.3

    Isaya 55:10-13.

    Kuwo wonke umhlaba, umphakathi ukwisiphithiphithi, kwaye kudingeka inguqulelo yenene. Imfundo enikwa ulutsha yeyokuqulunqa ingubo owenziwe ngayo umphakathi uphela.UL 321.1

    “Baya kwakha amanxuwa angunaphakade,
    Bavuse iindawo ezichithakeleyo zangaphambili,
    Bahlaziye imizi engamanxuwa,
    Iindawo ezichithakeleyo zezizukulwana ngezizukulwana.”
    “Ke nina ukubizwa kwenu, kuya kuthiwa
    Ningababingeleli bakaYehova. . . .
    “Baya kuba novuyo olungunaphakade.
    Kuba mna, Yehova, ndithanda okusesikweni.”
    “Ndiya kuwukhokela umsebenzi wabo ngenyaniso” [Noyes]
    Ndenza umnqophiso ongunaphakade nabo.
    “Iya kwaziwa imbewu yabo ezintlangeni,
    Baziwe nabaphume ezibilinini zabo phakathi kwezizwe;
    Bonke abababonayo baya kubazi
    Ukuba bayimbewu ayisikeleleyo uYehova. . . .
    “Kuba njengoko ilizwe livelisa izilimo zalo,
    Njengoko umyezo untshulisa intlwayelelo yawo,
    Yenjenjalo iNkosi uYehova ukuntshulisa ubulungisa
    Nendumiso phambi kweentlanga zonke.”
    UL 321.2

    Isaya 614, 6-8; Noyes; 61:8; 61:9, 11, Noyes

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents