Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukonwabela Ukusebenzela Abanye

    Khumbulani, ke kodwa, ukuba ulonwabo aluyi kufumaneka ngokuthi nizivalele nibe nedwa, naneliseke kukuthululelana uthando omnye komnye. Libambeni lonke ithuba lokuba nenze igalelo kulonwabo lwabo banijikelezileyo. Khumbulani ukuba uvuyo lwenene lufunyanwa kuphela ekusebenzeni okungasekeleze nzuzo.UL 283.5

    Unyamezelo nokungabi namona zizinto ezibonakala kumazwi nezenzo zabo bonke abaphila ubomi obutsha kuKristu. Xa nizama ukuphila ubomi baKhe, nilwela ukoyisa umna nokubawa nibe nilungeselela kwiizidingo zabanye, niya kuba noloyiso emva koloyiso. Ngaloo ndlela, impembelelo yenu iya kulisikelela ihlabathi.UL 284.1

    Amadoda nabafazi banako ukufikelela kumgangatho kaThixo ngabo ukuba bangamthabatha uKristu abe ngumncedi wabo. Oko kungenako ukwenziwa bubulumko bomntu, ubabalo lwaKhe luya kukufeza kwabo bazinikela kuYe ngokumthemba ngothando. Ukubonelela kwaKhe kunako ukuzimanya iintliziyo ngamaqhina amvelaphi yawo isezulwini. Uthando alusayi kuba kukunikana nje amazwi amnandi nakhohlisayo. Umsonto wezulu wenza ilaphu ngokuphuma ungena ngocoselelo kodwa ngokuqinileyo kunoko kwalukwa emhlabeni. Isiphumo asingomhluzi welaphu, kodwa yinto eyomeleleyo ekwazi ukunyamezela ukugqugqiswa, nokuvavanywa nesilingo. Intliziyo iya kuqanyangelwa kwintliziyo ngamatyathanga egolide othando oluhlala luhleli.UL 284.2

    Lilunge ngaphezu kwegolide ikhaya elinoxolo,
    Kuphuma kwiziko lakhona bonke ububele;
    Sisigqubo sothando nezulu lobomi,
    Lingcwaliswa ngumama, udade, nomfazi.
    Nokuba liphantsi kangakanani ikhaya,
    Lizele zintlungu ngokuvuma kwezulu,
    Iintsikelelo ezingazange zithengwe zithengiswe,
    Zihleli apho zilunge ngaphezu kwegolide.
    Akaziwa umbhali.
    UL 284.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents