Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukudalwa Komhlaba

    Umsebenzi wokudala awunako ukuchazwa ngesayensi. Yintoni engachazwa yisayensi kwimfihlelo yobomi?UL 327.3

    “Ngokholo siyaqonda ukuba indalo le yonke yenziwe yabakho ngelizwi likaThixo, ukuze izinto ezi zibonwayo zibe aziphume kwezibonakalayo.” Hebhere 11:3.UL 327.4

    “NdinguMenzi wokukhanya, uMdali wobumnyama, . . .
    Mna Yehova ndinguMenzi wezo zinto zonke.” . . .
    Mna ndenza ihlabathi, ndadala abantu phezu kwalo;
    Izandla zam, mna lo, zaneka izulu,
    Nomkhosi walo wonke ndawuwisela umthetho.”
    “Ndithi ndakuzibiza ezo zinto, zime kunye.”
    UL 327.5

    Isaya 45:7-12; 48:13.

    Ekudaleni umhlaba, uThixo wayengaxhomekekanga kwinto eyayisele ikho kwangaphambili. “Wathetha, kwabakho; wawisa umthetho . . ., kwema.” INdumiso 33:9. Zonke izinto, eziphathekayo okanye ezikamoya, zema ngaphambi kweNkosi uYehova ngelizwi laKhe zaye zazidalelwe injongo yaKhe. Amazulu nayo yonke imikhosi yawo, umhlaba nazo zonke izinto ezikuwo, zonke zabakho ngomoya womlomo waKhe.UL 327.6

    Ekudalweni komntu kwabonakala isenzeleli esinguThixo ngenkqu. Wathi akuba uThixo emenzile umntu ngokomfanekiselo waKhe, imo yomntu [esisiqu] yaye igqibelele ngeendlela zonke, kodwa yayingenabo ubomi. Ke ngoko, uThio oyinkqu, ongazange adalwe waphefumlela kweso siqu impefumo yobomi, waza umntu waba yinto [indalo] ephilileyo, esengqondweni. Onke amalungu esiqu esingumntu aqala ukushukuma. Intliziyo, imithambo ehla inyuka negazi, ulwimi, izandla, iinyawo, izivo, imisebenzi yengqondo, zonke zawuqala umsebenzi wazo, zaye zonke zingaphantsi komthetho. Umntu waba ngumphefumlo ophilileyo. NgoKristu onguLizwi, uThixo ngenkqu wamdala umntu wamnika ingqondo namandla.UL 328.1

    Into esenziwe ngayo yayingafihlakalanga kuYe xa wayesenza emfihlakalweni; amehlo waKhe ayibona into esiyiyo, kodwa ingagqibelelanga, kwaye encwadini yaKhe, onke amalungu wethu ayebhaliwe kodwa ke kungekabikho nelinye kuwo.UL 328.2

    Ngaphezu kwazo zonke izidalwa ezikudidi oluphantsi, uThixo wenza ukuba umntu, owona uphezulu umsebenzi waKhe wendalo, ufanele ukuba abonise ingcinga yaKhe atyhile ubuqaqawuli baKhe.UL 328.3

    “Dumani kuYehova, nonke hlabathi.
    Mkhonzeni uYehova nivuya;
    Yizani phambi kwakhe nimemelela.
    Yazini ukuba uYehova nguThixo yena;
    Wasenza yena; asisithi [singabaKhe];
    Singabantu baKhe nezimvu ezaluswa nguye.
    Ngenani emasangweni akhe nibulela,
    Ezintendelezweni zakhe nidumisa;
    Bulelani kuYe, bongani igama laKhe.”
    “Mphakamiseni uYehova, uThixo wethu,
    Niqubude entabeni yaKhe engcwele;
    Ngokuba ungcwele uYehova uThixo wethu.”
    UL 328.4

    INdumiso 100:1-4; 99:9.

    UThixo uhleli esebenza ukuphakamisa nokusebenzisa abakhonzi baKhe izinto Yena awazenzayo. Usebenza ngemithetho yendalo, eyisebenzisa njengezixobo zaKhe. Azizenzeli ngokwazo. Indalo emsebenzini wayo ingqina ngobulumko bobukho nokusebenza kwesenzeleli soBukho obushukumisa zonke izinto ngokufuna kwaBo.UL 329.1

    “Lingunaphakade, Yehova,
    Limi emazulwini ilizwi lakho.
    Ukuthembeka kwakho kukwizizukulwana
    ngezizukulwana;
    Ulizinzisile ihlabathi, lema.
    Ezo zinto zimele izigwebo zakho nanamhla,
    Ngokuba iinto zonke zingabakhonzi bakho.”
    “Konke akuthandileyo uYehova uyakwenza,
    Ezulwini nasemhlabeni,
    Ezilwandle nasemanzini onke enzonzobila.”
    “Ngokuba wawisa umthetho, zadalwa.
    Wazimisa ngonaphakade kanaphakade,
    Wazimisela ummiselo ezingayi kuwugqitha.”
    UL 329.2

    INdumiso 119:89-91; 148:5, 6.

    Akungamandla angaphakathi odalwe nawo umhlaba le nto minyaka le uveza iziqhamo ukwaqhubeka nohambo lawo lokujikeleza ilanga. Isandla sikaSimakade sihleli sisebenza ukukhokela lo mhlaba. Ngamandla kaThixo asebenza okoko angayeki agcina umhlaba usendaweni ekujikelezeni kwawo. NguThixo owenza ukuba ilanga liphume emazulwini. Uvula iifestile zezulu athulule imvula.UL 329.3

    “Ulonika ikhephu njengoboya bezimvu,
    Ugcwayela iqabaka njengothuthu.”
    “Uthi akuduma kuyaluzele amanzi esibhakabhakeni,
    Kufunquke amafu emaphethelweni omhlaba.
    Uthumela umbane kunye nemvula, Athulule umoya koovimba bakhe.”
    UL 329.4

    INdumiso 147:16; Jeremiya 10:13 [IBHAYIBHILE].”

    Ngamandla waKhe awenza ukuba utyani buqhame, nokuba igqabi ngalinye livele, yonke intyatyambo idubule, sonke isiqhamo sikhule.UL 330.1

    Ukwakhiwa komzimba womntu akunako ukuqonda ngokuzeleyo; kunika iimfihlelo ezidida nabona banobuchopho. Akungenxa yesiqhamo sokwakhiwa kwawo, esithi, ngako nje ukuba wenziwe ushukume, uqhubeke nomsebenzi wawo, nokwenza ukuba intliziyo ibethe, ukuphefumla kulandele ukuphefumla. KuThixo siyaphila, siya shukuma, sikho. Ukubetha kwentliziyo, ukungongoza kokushukuma kwayo, yonke imithambo-luvo nesihlunu kwisidalwa esiphilileyo, konke kugcinwe kulungile kusebenza ngamandla kaThixo ohlala ekho.UL 330.2

    IBhayibhile isibonisa ukuba uThixo ekwindawo yaKhe ephezulu nengcwele, engekho kwimo yokungenzi nto, engathulanga engelilo nelolo, ujikelezwe ngamashumi amawaka, namawaka amawaka ezidalwa ezingcwele, zonke zilindele ukwenza intando yaKhe. Ngezi zithunywa, ukugqagamshelwano olusebenzayo nayo yonke indawo ebukumkanini baKhe. NgoMoya waKhe ukho kuyo yonke indawo. Ngesenzeleli esinguMoya waKhe neengelosi zaKhe, ulungiselela noonyana babantu.UL 330.3

    Ngaphezu kwezinto eziphazamisayo zomhlaba, uhleli etroneni; zonke izinto zityhilekile kwiliso elingcwele; kwaye kunaphakade omkhulu nozolileyo uyalela oko okuthi ukubonelela kwaKhe kubone kufaneleke kakhulu.UL 330.4

    “Ayikhona emntwini indlela yakhe;
    Akukhona endodeni ehambayo
    Ukuqinisela ukunyathela kwayo.”

    “Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, . . .
    Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke;
    Wowulungelelanisa umendo wakho.”
    UL 330.5

    “Yabona, iliso likaYehova likubo abamoyikayo,
    Abalindele inceba yakhe,
    Ukuba awuhlangule ekufeni umphefumlo wabo,
    Abagcine ngexesha lendlala.”
    “Hayi, ixabiso lenceba yakho, Thixo! . . .
    Oonyana babantu bazimela ngethunzi lamaphiko akho.”

    “Hayi, uyolo lwalowo uluncedo lunguThixo kaYakobi,
    Lwalowo ulinde kuYehova uThixo wakhe.”

    “Inceba yakho, Yehova izalise ihlabathi;
    Ngumthandi wobulungisa nokusesikweni”
    Nkoloseko, yeziphelo zonke zehlabathi
    Neyolwandle olukude;
    Ulozinzisa iintaba ngamandla akhe,
    Ebhinqe ubugorha;
    Ulodambisa ukugquma kweelwandle, . . .
    Nokuxokozela kwezizwe.

    “Umemelelisa ukuvela kokusa nokuhlwa.”
    “Uwuthwesile umnyaka wokulunga kwakho,
    Imikhondo yakho itsitsa ukutyeba.”

    “Hayi, uyolo lwalowo uluncedo lunguThixo kaYakobi,
    Lwalowo ulinde kuYehova uThixo wakhe.”
    UL 331.1

    Yeremiya 10:23; Mizekeliso 3:5, 6;
    Ndumiso 33:18, 19; 36:7;
    146:5; 119:64; 33:5;
    65:5-7; 65:8, 11; 145:14-16.
    UL 331.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents