Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Amandla Womzekelo

    Ugqirha olungiselela kumakhaya abantu, elinde ecaleni kweemandlalo zabagulayo, ebakhulula kuxinzelelo lwabo, ebabuyisa kwimida yengcwaba, ethetha ithemba kwabafayo, uyayizuza indawo ekuthenjweni nasekuthandweni ngabo, ngaphezu kokuba zinikwa abanye ezo zinto, njengokuba bembalwa abanye abazikwayo. Ayinikwanga nomfundisi wegospile imithwalo enjalo okanye impembelelo ehamba indawo ende kangako.UL 92.2

    Umzekelo kagqirha, ungekho ngaphantsi kwemfundiso yakhe, unokuba ngamandla amahle ngakwicala elilungileyo. Umsebenzi wohlaziyo ufuna amadoda nabafazi abamsebenzi wobomi babo bungumzekelo wokuzilawula. Kusekuyenzeni kwethu imithetho-siseko esiyifundisayo okuyinika amandla. Ilizwe lidinga ukubonisa okuphathekayo koko ubabalo lukaThixo lunako ukukwenza ekubuyiseleni abantu kulawulo lwabo olwalahlekayo, lubanike ukuzilawula bona ngokwabo. Ihlabathi alidingi nto ingaphezu kokuba lazi amandla asindisayo eendaba ezilungileyo atyhilwa kubomi obufana nobukaKristu.UL 92.3

    Ugqirha uhlala ehlangana nabo badinga amandla nenkuthazo yomzekelo onguwo okanye ofanelekileyo. Abaninzi abanawo amandla okuziphatha. Abanako ukuzilawula kwaye boyiswa ngokulula sisihendo. Ugqirha unako ukuyinceda le miphefumlo kuphela xa eveza kobakhe ubomi amandla omthetho-siseko akwaziyo ukumenza ukuba oyise wonke umkhwa oyingozi nenkanuko engcolisayo. Ebomini bakhe, kufuneka kubonwe ukusebenza kwamandla angcwele. Ukuba uyasilela apha, nokuba sele enamandla athini okanye esoyisa kangakanani amazwi akhe, impembelelo yakhe iya kubabaza ububi.UL 92.4

    Baninzi abafuna ukucetyiswa nokusetyenzwa ngokunyangwa ngamayeza abaye bazingxwelerha zemikhwa yabo engalunganga. Balimele, bebuthakathaka benamanxeba, bebuva ubuhiba babo nokungakwazi kwabo ukoyisa. Abanjalo akufuneki bajikelezwe zizinto ezikhuthaza ukuqhubeka kweengcinga nezivo ezibenze oko bakuko. Badinga ukuphefumla umoya ococekileyo, wengcinga ephakamileyo nenendili. Ngumsebenzi ombi kakhulu xa abo bebemele ukubanika umzekelo olungileyo, bona ngokwabo bezaliswe yimikhwa eyingozi. Impembelelo yabo inika isihendo amandla awongeziweyo!UL 93.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents