Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukuthintelwa Kwesifo

    Kungekuphela kwinkonzo yonqulo lwabo, kodwa nakwimicimbi yobomi bemihla ngemihla, wagcinwa umahluko phakathi kokuhlambulukileyo nokuyinqambi. Bonke ababehlangana nezifo ezisulelayo okanye abanezifo ezisulelayo babebekwa bodwa qelele apho kwakuhlalwa khona, bengavunyelwa ukuba babuyele bengakhange bacokisiswe ukuhlanjululwa—umzimba nempahla. Kwimeko yohlaselwe sisifo esisulelayo, kwakunikwe umyalelo, othi:UL 215.2

    “Sonke isilili alala kuso, . . . soba yinqambi, nempahla ahlala kuyo yoba yinqambi. Indoda esukuba isichukumisa isilili salowo, yozihlamba iingubo zayo, ihlambe emanzini, ibe yinqambi, ihlwise. Lowo uhlala phezu kwempahla abehleli kuyo, . . . wozihlamba iingubozakhe, ahlambe emanzini,abe yinqambi, ahlwise. Lowo uwuchukumisayo umzimba, . . . wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise. . . . bonke abasukuba bechukumisa nantoni ibiphantsi kwakhe, boba ziinqambi, bahlwise; lowo uyithwalayo, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe ahlwise. Bonke abasukuba bemchukumisa, . . . bangazigaleli amanzi izandla zabo, bozihlamba iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise. Impahla zomdongwe abeyichukumisile, . . . yoqhekezwa; yonke impahla yomthi yoxukuxwa ngamanzi.” Levitikus 15:4-12.UL 215.3

    Umthetho obhekiselele kwiqhenqa nawo ungumzekelo wokuqinisekisiswa kokunyanzelisiswa kwale miqathango:UL 216.1

    “Yonke imihla esikhoyo kuye [oneqhenqa] isibetho, woba yinqambi kuphele, ahlale yedwa ngaphandle kweminquba, ukuhlala kwakhe. Ingubo xa sithe sabakho kuyo isibetho seqhenqa, engutyeni yoboya nasengutyeni yelinen, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasempahleni yonke yesikhumba: . . . Xa sithe saqhenqetha isibetho engutyeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasesikhumbeni, ezintweni zonke ezenziwe ngesikhumba; liqhenqa elisenza mandundu isibetho. Yinqambi ke leyo. Woyitshisa ingubo, nosinga lokoluka, nosinga lokuluka, noboya, nelinen, nempahla yonke yesikhumba esikhoyo kuyo isibetho: ngokuba liqhenqa elimandundu; yotshiswa loo mpahla ngomlilo.”Levitikus 13:46-52.UL 216.2

    Kwangokunjalo, xa indlu inike ubungqina beemeko ezibonakalisa ukuba akukhuselekile ukuba ingahlalwa, yayichithwa. Umbingeleli kwakufuneka “[ayidilize] indlu namatye ayo, nemithi yayo, nodaka lonkelwendlu,zikhutshelwengaphandlekomzi ezo zinto, ziye kulahlelwa endaweni eyinqambi. Lowo ungenayo endlwini, yonke imihla yokuvalwa kwayo, woba yinqambi, ahlwise. Lowo ulele kuloo ndlu, wozihlamba iingubo zakhe; nalowo udlele kuloo ndlu, wozihlamba iingubo zakhe.” Levikitus 14:45-47UL 216.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents