Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    10—Ukunceda Abahendwayo

    Kwakungengakuba samthanda kuqala uKristu; kodwa “sathi singaboni” Yena wasifela. Akasiphathi njengokuba sifanele. Nangona izono zethu bezifanele ukugwetywa, akasigwebi. Umnyaka emva komnyaka ubunyamezele ubuthakathaka nobudenge bethu, nokungabi nambulelo nokutenxa kwethu. Sele kukho kunjalo ukubhadula kwethu, ukuqaqadeka kwentliziyo, nokungakhathaleli kwethu iLizwi laKhe elingcwele, isandla sakhe usasolulele kuthi.UL 117.1

    Ubabalo luphawu lokaThixo olusetyenziswa ngakwabo bantu bangalufanelanga. Asizange silufune, kodwa lwathunyelwa ukuba lusifune. UThixo uyavuyiswa kukusinika ubabalo lwaKhe, kungekuba silufanele, kodwa ngokuba asifanelekanga kwaphela. Ibango lethu ekuphela kwalo kwinceba yaKhe yeyona nto esiyidinga kakhulu.UL 117.2

    UYehova uThixo ngoYesu Kristu wolule isandla mini yonke esenza isimemo kwabazaliswe sisono nakwabawileyo. Uya kubamkela bonke. Wamkela bonke. Luvuyo kuYe ukuxolela oyena mkhulu kuboni. Uya kulihlutha ixhoba koligorha, uya kumhlangula umthinjwa, uya kumkhupha emlilweni otshayo. Uya kuthoba ityathanga legolide lenceba yaKhe liye kobona bunzulu ubugxwayiba boluntu, awunyuse umphefumlo othotyelwe phantsi odyojwe sisono.UL 117.3

    Wonke umntu uyinjongo yomdla wothando lwaKhe owanikela ngobomi baKhe ukuze ababuyisele abantu kuThixo. Imiphefumlo enetyala nengenako ukuzinceda, efanelwe kukutshatyalaliswa ziintolo nemigibe kaSathana, ikhathalelwe njengomalusi ekhathalele izimvu zomhlambi wakhe.UL 117.4

    Umzekelo womsindisi kufuneka ube ngumgangatho sokusebenzela kwethu abahendwayo nabonayo. Kwawona loo mdla nothando nokuzeka kade umsindo akubonakalalisileyo ngakuthi, nathi simele ukububonakalalisa ngakwabanye. “Njengoko ndinithandileyo nina,” watsho, “ukuze nani nithandane.” Yohane 13:34. Ukuba uKristu uhleli ngaphakathi kwethu, siya kulutyhila uthando lwaKhe olungenamona ngakubo bonke esinokwenza nabo. Xa sibona amdoda nabafazi bedinga uvelwano noncedo, asiyi kubuza, “Ingaba bafanelekile na?” koko “Ndingabanceda njani?”UL 117.5

    Izityebi namahlwempu, abaphezulu nabaphantsi, abakhululekileyo nababotshiweyo, bonke balilifa likaThixo. Lowo wanikela ubomi baKhe ukuhlangula umntu ubona kuye wonke umntu ixabiso elidlula ukubala komhlaba. Ngemfihlelo kunye nobuqaqawuli bomnqamlezo, simele ukuliqonda ixabiso lomphefumlo. Xa sikwenza oku, siyakuva ukuba abantu, nokuba bathotyelwe phantsi kangakanani, baxabise kakhulu ukuba bangaphathwa ngokubanda nokujongelwa phantsi. Siya kukuqonda ukubaluleka kokusebenzela abantakwethu, ukuze babe nokuphakanyiselwa etroneni kaThixo.UL 118.1

    Igaqa lemali elahlekileyo, kumzekeiso woMsindisi, nangona lalilele ekungcoleni nasenkunkumeni, laliselilo iqhekeza lesilivere. Umninilo walifuna kuba lalinexabiso. Kunjalo ngomphefumlo wonke, nokuba uthotyelwe phantsi kangakanani sisono, emehlweni kaThixo ubalwa njengonexabiso. Njengoko ingqekembe yayinomfanekiselo kunye nombhalo wegunya elilawulayo, ngokunjalo nomntu ekudalweni kwakhe wayenomfanekiselo nombhalo kaThixo. Nangona ngoku ungcoliswe wamfiliba ngempembelelo yesono, iimpawu zalo mbhalo zisahleli phezu komphefumlo. UThixo ulangazelela ukuwuzuza loo mphefumlo aphinde azobe kuwo umfanekiselo waKhe ngobulungisa nobungcwele.UL 118.2

    Hay’ indlela esiba nalo kancinane uvelwano kunye noThixo koko kufanele ukuba lelona qhina lomeleleyo lobunye phakathi kwethu naYe—imfesane kwabahluphekileyo, abanetyala, imiphefumlo ebulalekayo, abafileyo elukreqweni nasezonweni! Ukungabi nabuntu bomntu ngakumntu sesona sono sethu sikhulu kakhulu. Abaninzi bacinga ukuba bamele ubulungisa bukaThixo lo gama besilela ngokupheleleyo ukumela Ububele baKhe nothando lwaKhe olukhulu. Maxa wambi abo baye bahlangane nabo ngobungqwabalala nobulukhuni baphantsi koxinzelelo lwesihendo. USathana ujijisana nale miphefumlo, aze amazwi alukhuni, angenalo uvelwano abatyhafise abenze ukuba bawele ekubeni ngamaxhoba egunya lomlingi.UL 118.3

    Ngumcimbi ocekethekileyo ukusebenza neengqondo. Kuphela nguLowo oyifundayo intliziyo oyaziyo indlela yokuzisa abantu enguqukweni. Kuphela bubulumko baKhe obunako ukusinika impumelelo ekufikeleleni kwabalahlekileyo. Ungaphakama uqinile, uziva, “Ndingcwele mna kunawe,” kodwa akukhathali nokuba kuchane kangakanani ukuzathuza kwakho okanye anyanise kangakanani amazwi owathethayo; akasoze azichukumise iintliziyo. Uthando lukaKristu, olubonakalalise elizwini nesenzo, luya kuyizuza indlela esinga emphefumlweni, ngeli xesha ukuthethwa komyalelo okanye ingxoxo kungeke kufeze nto.UL 119.1

    Siludinga ngakumbi uvelwano olufana nolukaKristu; ingabi luvelwano nje lwabo babonakala kuthi bengenaziphako, kodwa uvelwano lwemiphefumlo engamahlwempu, ebabulalekayo, etsala nzima, ekholiswa ukoyiswa ziziphoso, yone iphinde iguquke, ehendekayo ityhafe. Kufuneka siye kubantakwethu, sichukumisekile, njengoMbingleli omKhulu wethu onenceba, nemvakalelo ngenxa yeenkathazo zabo.UL 119.2

    Yayingabagxothelwe ngaphandle, ababuthi berhafu naboni, abajongelwe phantsi bezizwe, benyanzelekile ukuba beze kuYe. Udidi olunye angazange alubone yayingabo bazikhwebulayo ngokuziphakamisa kwabo bebajongela phantsi abanye.UL 119.3

    “Phuma uye ezindleleni, nasezintangweni, ubanyanzele bangene,” uKristu uyasithuma, “ukuze indlu yam izale.” Ngokuthobela ilizwi laKhe, kufuneka siye kubahedeni abakufuphi kuthi, nakwabo bakude kakhulu. “Ababuthi berhafu namahenyukazi” kufuneka basive isimemo soMsindisi. Ngobubele nokunyamezela kwabathunywa baKhe, isimemo siba ngamandla anyanzelayo ukubaphakamisa abo batshone kwezona nzulu zisezantsi zesono.UL 119.4

    Iinjongo zobuKristu zisinyanzelisa ukuba sisebenze ngenjongo eqinileyo, umdla ongafiyo, inkathalo eya ikhula, ecaleni nasekuhleni siyinike yonke intetho, sisebenzisa bonke ubunzima obungapheliyo, ukutsalela bonke abantu ukuba baze kuMsindisi. Ngamandla wethu wonke, kufuneka sibakhuthaze ukuba bakhangele kuKristu ngokusebenzisa esinye sezipho zaKhe ekuzukiseni igama laKhe.UL 119.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents