Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Iti Nekofu

    Iti isebenza njengesivuseleli kwaye, ubukhulu becala, isebenza njengesiyobisi. Indlela esebenza ngayo ikofu kunye nezinye isiselo ezithandwayo iyafana naleyo yeti. Ekuqaleni, ukuphungwa kwayo kwenza kubekho ukudlamka. Imithambo-luvo yesisu iyaphaphama; le meko yenza kubekho ukuphazamiseka engqondweni, kona kubuya kuvuse ukubetha ngamandla kwentliziyo namandla exeshana emzimbeni wonke. Ukutyhafa kuyalibaleka; kube ngathi kwande amandla. Ingqondo iyavuka, ukuyila kwayo kucace kakuhle. [Lo uguqulelayo uthi: Uye athi umntu akugqiba ukuphunga, “Nditsho ndabona ngoku!”]UL 253.3

    Ngenxa yezi ziphumo, abaninzi baye bacinge ukuba iti okanye ikofu yabo ibenzela okulunge kakhulu. Kanti ke, le yimpazamo. Iti nekofu aziwondli umzimba. Ifuthe lazo libakho kungekenziwa ukucolwa nokusetyenziswa kokutya emzimbeni. Le nto ibonakala ngokungathi ngamandla kuphela nje kokuthabatheka kwemithambo-luvo. Ithi yakuphela le mpembelelo, ayathotha amandla la wokwenziwa yiti okanye ikofu, kuphinde kubuye ukudangala nokutyhafa komzimba. [Kufuneke ukuba umntu aphinde aphunge. ]UL 254.1

    Ukusetyenziswa kungayekwa kwezi ziphazamisi zemithambo-luvo kulandelwa yintloko ebuhlungu, ukuphuthelwa, ukubetha ngamandla kwentliziyo, ukuqunjelwa, ukungcangcazela, nezinye iziphumo ezibi; kuba ziwagqiba amandla okuphila. Imithambo-luvo ediniweyo iyakudinga ukuphumla nokuphola kunokuba ivuselelwe ukuba isebenze ngaphezu kokuba kufanelekile. Indalo iyalidinga ixesha lokubuyiselwa kwamandla wayo adiniweyo. Xa la mandla efakwa uviko ngokusetyenziswa kwezivuseleli, kuninzi okuya kwenziwa okwexeshana, kodwa, njengoko umzimba uya uphelelwa ngamandla ngokusetyenziswa kungayekwa kwazo, nawo umzimba uya uba nobunzima ngakumbi ukuvusela amandla awo kule ndawo ifunekayo. Ukufunwa kwezivuseleli kuye kube nzima ukukulawula, ide ingqondo nayo yonganyelwe ngumsebenzi wokulandula ukubawa okanye ukufuna okungahambelani nendalo. Ngenxa yoku, kuye kufuneke izivuseleli ezinamandla aye aphinda-phindwe ide indalo ingakwazi ukuba sasabela. UL 254.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents