Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukutyhilwa Okucace Kakhulu KukaThixo

    Kulilungelo lethu ukufikelela phezulu kakhulu ngokuphinda-phindiweyo ekutyhilekeni kwesimilo sikaThixo. Wathi akuthandaza uMoses esithi, “Khawundibonise ubuqaqawuli bakho,” uYehova akazange amkhalimele kodwa wawuphendula umthandazo wakhe. UThixo wathi kumkhonzi waKhe, “Ndiya kukudlulisa konke ukulunga kwam ebusweni bakho, ndivakalise igama likaYehova phambi kwakho.” Eksodus 33:18, 19.UL 374.2

    Sisono esenza mnyama iingqondo zethu, sifiphalise iingqiqo zethu. Sithi sakuhlanjwa isono ezintliziyweni zethu, ukukhanya kokukwazi ukubengezela kukaYesu Kristu, okukhanya elizwini laKhe buze bubonakale ebusweni bendalo, buthi, ngakumbi nangakumbi, bumbabaze ngokupheleleyo ukuba “[ungo]nemfesne, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba nenyaniso.” Eksodus 34:6.UL 374.3

    Ekukhanyeni kwaKhe, siya kubona ukukhanya, zide ingqondo nentliziyo nomphefumlo zenziwe ngokutsha ngokomfanekiselo wobungcwele baKhe.UL 375.1

    Kwabo bathi bazibambe iziqinisekiso zezulu zelizwi likaThixo, kuninzi okumangalisayo abakubekelweyo. Phambi kwabo kulele amathafa abanzi enyaniso, izisele ezibanzi zamandla. Izinto ezimangalisayo ziya kutyhilwa. Amalungelo nemisebenzi abayenzayo abangalindelanga nokuba iseBhayibhileni iya kubonakalaliswa. Bonke abahamba endleleni yokuthobela okuthobekileyo, bezalisekisa injongo yaKhe, baya kwazi ngakumbi nangakumbi ngeentsonkotha zikaThixo.UL 375.2

    Umfundi makayithabathe iBhayibhile njengesikhokelo sakhe aze awumele aqine umthetho-siseko, aze akwazi ukuxunela kuko nakuphi ukuphakama okunokufikelelwa. Lonke ulwazi lwendalo yomntu lukhokelele kwisiphithiphithi nehlazo xa angamkelwanga uThixo engopheleleyo kuko konke. Lona ukholo oluphefumlelwe nguThixo lunika ukomelela nendili kwesimilo. Kuthi kwakuba kumiwe phezu kokulunga, kwenceba yaKhe, kwanothando lwaKhe, ziye zicaca ngakumbi nangakumbi iimbono zenyaniso; uthi uphakame ngakumbi, ube ngcwele ngakumbi, umnqweno wobunyulu bentliziyo nobukrelekrele bengqondo. Umphefumlo ohleli kumoya osulungekileyo wengcinga engcwele uyahlaziywa kukuthetha noThixo ngokufunda ilizwi laKhe. Inyaniso ibanzi kakhulu, ifikelela kude, inzulu kakhulu, kangangokuba umna uvela athi shwaka, alahleke angabonakali. Intliziyo iyathamba yoyiselwe ekubeni ithobeke, ibe nobubele, nothando.UL 375.3

    Amandla endalo enziwa banzi ngenxa yokuthobela okungcwele. Xa bephuka ekufundeni ilizwi lobomi, abafundi bangaphuma neengqondo ezikhulileyo, eziphakanyisiweyo, ezizukisiweyo. Ukuba bathe, njengoDaniyeli, bangabaphulaphuli nabenzi belizwi likaThixo , baya kuhambela phambili njengoko wenzayo kuwo wonke amasebe emfundo. Ukuba nengqondo ecocekileyo, baya komelela engqondweni. Sonke isakhono sobuchopho siya kuvuseleleka. Bangazifundisa bazilawule kangangokuba bonke abangafikelela kubo ngempembelelo yabo bayibone into anokuba yiyo umntu, nento anokuyenza, xa eqhagamshelene noThixo wobulumko namandla.UL 375.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents