Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Amathuba Amancinane

    Mabangikho abawayeka adlule amathuba amancinane, bekhangela umsebenzi omkhulu. Usengaphumelela ekwenzeni umsebenzi omncinane, kodwa uwe phantsi ngokupheleleyo ekuzameni omkhulu umsebenzi, uwe utyhafe. Kungokwenza ngamandla wakho oko ukufumanayo ukuba ukwenze okuya kuthi kuphuhlise isakhono sakho somsebenzi omkhulu. Kungokudelela amathuba emihla ngemihla, ngokutyeshela iintwana ezincinane esilapha kufuphi, okwenza ukuba abaninzi bangabi naziqhamo babune.UL 109.4

    Musa ukuxhomekeka kuncedo lomntu. Khangela ngaphaya kwezidalwa kuLowo wanyulwa nguThixo ukuba athabathele kuYe izifo zethu, athwale umvandedwa wethu, nokwanelisa iimfuno zethu. Ukumthabatha uThixo njengoko ethethile, kwenza isiqalo kuyo yonke indawo apho ufumana khona umsebenzi wokwenziwa, nokubheka phambili ngokholo olungagqwidiziyo. Kukukholelwa kubukho bukaKristu okunika ukomelela nokuqina. Sebenza ngomoya ongasekeleze nzuzo, ngomzamo wokuzimisela, nangamandla anenzondelelo.UL 110.1

    Kwiindawo apho iimeko zisala zityhafisa kakhulu kangangokuba abaninzi bangabi nawo nomdla wokuya kuzo, iinguqulelo ezinkulu ziye zenziwa ngamalinge abasebenzi abazibingeleleyo. Ngomonde nokuzingisa basebenza, bengaxhomekekanga kumandla omntu, kodwa phezu kukaThixo, lwaza ubabalo lwaKhe lwabaxhasa. Ubuninzi bokulungileyo okuzuzwe ngaloo ndlela abusokuze baziwe kulo mhlaba, kodwa iziphumo ezisikelelekileyo ziya kubonwa kwelizayo.UL 110.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents