Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ingqeqesho Yokulingwa

    Ukuphila ubomi obunjalo, ukuba nempembelelo elolo hlobo, kunexabiso kwinyathelo ngalinye—ukuzincama, ukuqeqesheka. Kungokuba abakuqondi oku, le nto eyenza ukuba abaninzi batyhafe ngokulula ebomini bobuKristu. Abaninzi abanikela ngokwenene ubomi babo emsebenzini kaThixo bamangaliswa badane kukuzifumana bejongene nezikhubekiso bethintelwa zizilingo neengxuba-kaxaka, ngendlela engazange yanjalo ngaphambili. Bathandazela ukuba nesimilo esifana nesikaKristu, nokulungela umsebenzi weNkosi, baze babekwe kwiimeko ezibonakala zifuna bonke ububi bendalo yabo. Kuyekuvele neziphako abangazanga bakha bazicinga ukuba banazo. NjengoIsrayeli wakudala, baya buza, “Ukuba uThixo uyasikhokela, kungani ukuba zonke ezi zinto zihle phezu kwethu?” UL 379.1

    Kungokuba uThixo ebakhokela le nto ezi zinto zisihla phezu kwabo. Izilingo nezithintelo ziindlela ezinyulwe yiNkosi zokuqeqesha neemeko azimiseleyo zempumelelo. Lowo uzifundayo iintliziyo zabantu uyazazi izimilo zabo ngaphezu kokuba bona bezazi. Uyabona ukuba abanye banamandla nokuba nokungeneka lula okunokuthi, ukuba kungakhokelwa ngendlela eyiyo, kube nokusetyenziswa ekuhambiseleni umsebenzi waKhe. Ekuboneleleni kwaKhe, ubazisa aba bantu kwizikhundla ezingafaniyo nakwiimeko ezahlukeneyo ukuze bakwazi ukufumana esimilweni sabo iziphako ebezifihlakele kokwabo ukwazi. Ubanika ithuba oluzilungisa ezi ziphako nokubalungisela ukufanela umsebenzi waKhe. Ukholisa ukuvumela imililo yembandezelo ukuba ibahlasele ukuze bahlambuluke.UL 379.2

    Kwale nto yokuba sibizelwe ukuba sinyamezele izilingo ibonisa ukuba iNkosi uYesu ibona ngaphakathi kuthi into exabisekileyo elangazelela ukuba iyiphuhlise. Ukuba ayizange ibone nto engathi ngayo ibe nokulizukisa igama laYo, yayingayi kuchitha ixesha isiphucula. INkosi ayiwafaki amatye angenaxabiso emlilweni wayo wokucokisa. Sisinyithi esinexabiso esicokisisayo. Umkhandi weentsimbi usifaka isinyithi nentsimbi emlilweni ukuba azi ukuba luhlobo luni lwesinyithi ezilulo. INkosi ivumela abanyulwa bayo ukuba bafakwe emlilweni wokungcunguthekiswa ukuze ibahlole ukuba kokuphi ukuqina abakuko nokuba bangakwazi na ukulungiselwa umsebenzi wayo.UL 379.3

    Umbumbi uyaluthabatha udongwe alubumbe ngokokuthanda kwakhe. Uyaluxova alusebenze. Uya luvula alubuyisele kunye kwakhona. Ulwenza manzi aphinde alomise. Uliyeka lihlale ixesha engalichukumisi. Lwakuthamba ngokufanelekileyo ukuba lusebenze, aqhubeke nomsebenzi wokwenza ngalo ingqayi okanye isitya. Ulwenza lube yinto ayifunayo kwivili lokutyhida elilungisa elisusa amaqhuma. Ulomisa ngokulugqatsa elangeni aze alose ewontini. Emva koko liba sisitya esifanele ukusetyenziswa. Ngokunjalo ke, uMsebenzi omKhulu ulangazelela ukusibumba asilungise. Kuthi njengokuba udongwe lusezandleni zombumbi, nathi simelwe kukuba sezandleni zaKhe. Akufuneki sizame ukwenza umsebenzi wombumbi. Eyethu indawo kukuziyekela ekubeni sibunjwe nguMsebenzi omKhulu.UL 380.1

    “Zintanda, musani ukuwuthela nqa umlilo okhoyo phakathi kwenu wokunilinga, ngathi nihlelwa yinto yokuthelwa nqa. Yithini, njengoko ningamadlelane ngeentlungu zikaKristu, nivuye; ukuze nasekutyhilekeni kobuqaqawuli bakhe, nivuye nigcoba.” 1 Petros 4:12, 13.UL 380.2

    Ekukhanyeni okupheleleyo kwemini, ekuvakaleni komculo wamanye amazwi, intaka evalelweyo ayisayi kuze icule ingoma eyifundiswa ngumniniyo. Ifunda ukubamba isinqam soku, intwana yokuya, kodwa ingaze itsho uncuthu olwahlukileyo nolupheleleyo. Usuka umnini ayigqume indlwana evalelwe kuyo intaka, ayise apho intaka iya kuva kuphela iculo elinye ekufuneka iliculile. Ebumnyameni, iyazama izame, iphindaphinde ukucula elo culo ide ibe ilifundile, ize itsho ngoncuthu olugqibeleleyo. Emva koko, intaka iyakhutshwa, ize, ukususela ngoko ikwazi ukucula ingoma ekukhanyeni. Wenjenjalo uThixo ukuphatha abantwana baKhe. Unengoma afuna ukusifundisa, kwaye siya kuthi sakuba siyifundile phakathi kwamathunzi engcikivo, sibe nako ukuyivuma singaze siyeke emva koko.UL 380.3

    Abaninzi abaneliswa ngumsebenzi wokuphila kwabo. Kunokwenzeka ukuba okubajikelezileyo akubakhuthazi; ixesha labo lixakekiswe ngomsebenzi ongabalulekanga, babe bona becinga ukuba banako ukwenza umsebenzi onoxanduva olungentla; kukholisa ukuba kube ngathi izakhono zabo, ngokokubona kwabo, azixatyiswa okanye azinaziqhamo; ngoko ke, ikamva labo aliqinisekanga.UL 381.1

    Kufuneka sikhumbule ukuba, nangona umsebenzi ekufuneka siwenzile usenokuba asikokuthanda kwethu, kufuneka wamkelwe njengesiwukhethelwe nguThixo. Nokuba siyakholwa okanye asikholwa, kufuneka siwenze umsebenzi ongqengqe kufuphi kakhulu phambi kwethu. “Yonke into esiyifumanayo isandla sakho ukuba siyenze, yenze ngamandla akho; ngokuba akukho kwenza, nakucinga, nakwazi, nakulumka kwelabafileyo, apho uya khona wena.” Intshumayeli 9:10.UL 381.2

    Ukuba iNkosi ilangazelela ukuba sithwale isigidimi sisise eNineve, akusayi kuba kuhle kuYo ukuba siye eYopa okanye eKapernahum. Inezizathu zokusithuma kwindawo apho iinyawo zethu bezikhokelwe ukuba ziye khona. Kuloo ndawo kanye kunokuba ukho umntu onesidingo soncedo esinokulunika. Lowo wathumma uFilipu kwigosa lomTiyopiya, uPetros kumthetheli-khulu womRoma, nentwazana encinane ukuba incede uNahaman, umphathi womkhosi wamaSiriya, uthuma amadoda nabafazi nolutsha namhlanje ukuba babe ngabameli kwabo badinga uncedo nenkokelo yezulu.UL 381.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents