Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Iimfundiso Ngoothixo Abaninzi

    Namhlanje kungena kumaziko emfundo nasezinkonzweni kuyo yonke indawo iimfundiso zemimoya esingela phantsi ukukholelwa kuThixo nakwilizwi laKhe. Ingcingane yokuba uThixo uyimpembelelo engaphakathi kuyo yonke indalo yamkelwe ngabaninzi abathi bayakholelwa kwiziBhalo; kodwa nokuba yambeswe kakuhle kangakanani, le mfundiso ilolona lulahlekiso luyingozi. Imveza ngendlela engeyiyo uThixo kwaye ayibuzukisi ubukhulu nobungangamsha baKhe. Enye into, ayanelanga ukukekelela ekulahlekiseni, kodwa nasekuthobeleni phantsi abantu. Ubumnyama busisiqalelo sayo, ukuthanda iziyolo kulapho igquba khona. Isiphumo sokuyamkela kukwahlukana noThixo. Kwindalo yomntu ewileyo, oku kuthetha intshabalalo.UL 340.1

    Imeko yethu ngenxa yesono asiyiyo eyendalo, kwaye amandla asibuyiselayo kufuneka abe ngaphezu kwendalo, kungenjalo awanaxabiso. Manye kuphela amandla anako ukukuqhawula ukuqamangeleka kobubi ezintliziyweni zabantu, kwaye lawo ngamandla kaThixo kuYesu Kristu. Kuphela, ngegazi laLowo wabethelelwayo ekukho ukuhlanjululwa esonweni. Lubabalo lwaKhe kuphela olunokusenza sikwazi ukumelana kunye nokoyisa oko kuthandwa yindalo yethu ewileyo. Iingcingane zasemoyeni ngokubhekisele kuThixo zilwenza ubabalo lwaKhe lungabi nto. Ukuba uThixo uyimpembelelo nje etyhutyha ngaphakathi kuyo yonke indalo, njalo uhleli kubo bonke abantu; kwaye ukuze afikelele ebungcweleni, umntu kufuneka nje aphuhlise amandla angaphakathi kwakhe.UL 340.2

    Ezi ngcingane, xa zilandelwe kwaya kufika esiphelweni soko zikufundisayo, zingabutshayela buphele ubuKristu. Zikulahlela kude kakhulu ukufuneka kocamagushelo, zize zimenze umntu abe ngumsindisi wesiqu sakhe. Ezi ngcingane ngoThixo zilenza ilizwi laKhe lingabi nto, babe abo bazamkelayo bekwingozi enkulu yokuba, ekugqibeleni bayijonge iBhayibhile njengentsomi. Zisenako ukubuthabatha okuhle njengokungcono kunokubi; kodwa, ngokuvalela ngaphandle uThixo kwisikhundla saKhe esisiso sokulawula, bakubeka ukuxhomekeka kwabo phezu kwegunya lomntu, lona, ngaphandle kukaThixo, lingenaxabiso. Ingqondo yomntu engancediswanga ayinawo amandla angawo okumelana kunye nokoyisa ububi. Izikhuselo zomphefumlo ziwe phantsi. Umntu akanaso isikhuselo ngakwisono. Ngako nje ukuba izithintelo zelizwi likaThixo noMoya waKhe zaliwe, asabazi ubunzulu umntu angatshona kubo.UL 340.3

    “Yonke intetho kaThixo inyibilikisiwe.
    Uyingweletshetshe kwabazimela ngaye.
    Musa ukongeza emazwini akhe,
    Hleze akohlwaye, ube ngothetha amanga.”
    “Ubugwenxa bakhe bumthi hlasi ongendawo,
    Abanjwe ziimbophelelo zesono sakhe.”
    UL 341.1

    IMizekeliso 30:5; 5:22

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents