Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    6—Ukusindiselwa Ukukhonza

    Lilixa lakusasa kuLwandle lwaseGalili. UYesu nabafundi baKhe baze elunxwemeni emva kobusuku obebunoqhwithelo emanzini, nokukhanya kwelanga kuchukumisa ulwandle nomhlaba njengentsikelelo yoxolo. Bathi xa bethi cakatha elunxwemeni, babuliswa ngombono owoyikeka kakhulu kunolwandle olwalusilwa. Kwaphuma kwindawo yokuncathama phakathi kwamangcwaba amadoda amabini aphambeneyo awakhawuleza eza kubo ngokungathi aza kubadlavula babe zizicwili. Kwakujinga kula madoda amatyathanga aqhawukileyo awawaqhawula xa ayebaleka eluvalelweni. Inyama yawo yayikrazukile isopha, amehlo ethe gqaa ngaphandle ngaphaya kweenwele ezinde ezilukhuko, inkangeleko kanye yobuntu ibonakala ingekho. Ayekhangeleka kakhulu njengezilwanyana zasendle kunabantu.UL 62.1

    Abafundi namaqabane abo basaba kukoyika; kodwa kwangoko baphawula ukuba uYesu akakho kunye nabo, baza babuya ukuya kumkhangela. Umi apho babemshiye khona. Lowo wathulisa uqhwithelo, othe ngaphambili waqubisana noSathana wamoyisa, akasabi phambi kwezi demon. Xa amadoda, etshixiza amazinyo ephuma amagwebu ngomlomo, esiza kuYe, uYesu uphakamisa eso sandal sawalathayo amaza ukuba azole, aza la madoda awabanako ukusondela kakhulu. Ema phambi kwaKhe, evutha kodwa engakwazi kwenza nto.UL 62.2

    Ngegunya , wayiyalela imimoya engcolileyo ukuba iphume kuwo. La madoda aseshweni aqonda ukuba kukho phambi kwawo Othile onako ukuwasindisa kwiidemon eziwathuthumbisayo. Awa ezinyaweni zoMsindisi ukuba ambongoze awenzele inceba; kodwa yathi xa imilebe eyivula, iidemon zathetha ngokwazo ngawo, zikhala, “Yintoni na enathi nawe, Yesu, Nyana kaThixo? Apha uze kusithuthumbisa na?” Mateyu 8:29.UL 62.3

    Imimoya ekhohlakeleyo inyanzelekile ukuba iwakhulule amaxhoba, kuze kubekho inguqulelo emangalisayo phezu kwabaneedemon. Ukukhanya kwabakho ezinqodweni zawo. Amehlo awo akhanya kukuba sezingqondweni. Iimbonakalo ezazikade zonakele sezifana nomfanekiselo kaSathana ngesiquphe zazola, izandla ezinegazi zizolile, aza amadoda awaphakamisa amazwi awo edumisa uThixo.UL 63.1

    Ngeli xesha, iidemon ezagxothwa kwikhaya lazo elingabantu, ziye zangena ezihagwini zaziqhuba ukuba ziye kwantshabalalo. Abagcini beehagu bakhawuleza bemka besiya kusasaza iindaba, lwathi lonke uluntu lwagxalathelana ukuza kuhlangana noYesu. Amadoda amabini awayeneedemon ayesoyikeka elizweni. Ngoku la madoda anxibile, esizingqondweni, aye ehleli ezinyaweni zikaYesu, ephulaphule amazwi waKhe, eliphakamisa igama laLowo uwaphilisileyo. Bona abo bawubonileyo lo mbono umangalisayo abonwabanga. Ilahleko yeehagu kubo ibonakala inkulu kakhulu kunokuhlangulwa kwaba bathinjwa bakaSathana. Besemsindweni, baba sisiqhu bemjikelezile uYesu, bembongoza ukuba emke kubo, waza wavuma, wathabatha inqanawa kwangoko esinga kunxweme olukwelinye icala. 97UL 63.2

    Yayinomahluko omkhulu imvakalelo yabaphiliswa kwiidemon. Banqwenela ukuba ngamaqabane noMhlanguli wabo. Phambi kwaKhe baziva bekhuselekile kwiidemon ezazingcungcuthekisa ubomi babo, zabuchitha ubuntu babo. Wathi xa uYesu eza kungena emkhombeni, bayama kakhulu ecaleni kwaKhe, baguqa ezinyaweni zaKhe, bamcenga ukuba abavumele bahlale kufuphi naYe, apho babeza kuhlala besiva amazwi waKhe. Noko ke, uYesu wabandulula ukuba bagoduke babalise ngokuba zinkulu kwezinto iNkosi ebenzele zona.UL 63.3

    Apha kukho umsebenzi ekufuneka bewenzile—ukuya kumzi wabahedeni bathethe ngeentsikelelo abazifumana kuMsindisi. Iinzima ezinkulu zaziya kubaphazamisa ekuzihlanganiseni nabantu bakubo abangabahedeni. Ukuba nexesha elide bebodwa kude nabahlali kwabonakala kubenze abakufanela ukwenza lo msebenzi. Wathi ngako nje ukuba abaxelele ngomsebenzi wabo, bakulungela ukuthobela.UL 63.4

    Abazange banele nje ukuxelela abendlu nabamelwane babo kuphela ngoYesu, kodwa bayihamba yonke iDekapoli, kuyo yonke bevakalisa amandla waKhe okusindisa, echaza indlela awawakhulula ngayo kwiidemon.UL 63.5

    Nangona abantu baseGergesa bengazange bamamkele uYesu, akazange abashiye kubumnyama ababebukhethile. Ngoku babesithi makemke kubo, babengawavanga amazwi waKhe. Babengayazi into abayalayo. Ngenxa yoko, wathumela ukukhanya kubo, esebenzisa abo babengasayi kwala ukubaphulaphula.UL 63.6

    Ekwenzeni intshabalalo yeehagu, yayiyinjongo kaSathana ukususa abantu kuMsindisi kuloo mmandla. Sekunjalo, sona eso siganeko salivusa ilizwe ngaphezu kwayo nayiphi into eyayinokwenza njalo, sayikhokelela ingqwalaselo yabantu kuKristu. Nangona Yena uMsindisi wahamba, amadoda awayebaphilisile asala engamangqina ngamandla waKhe. Abo babengamajelo eTshawe lobumnyama baba ngamajelo okukhanya, abathunywa bakaNyana kaThixo. Xa uYesu wayebuya eDekapoli, abantu bangungelana kuYe, kwathi ngeentsuku ezintathu amawaka aphuma kwizwe lonke asiva isigidimi sosindiso.UL 64.1

    Ababini abaphiliswayo ababeneedemon baba ngabokuqala abavangeli awabathumayo uKristu ukuba bafundise iindaba ezilungileyo kummandla waseDekapoli. kuphela, La madoda ayewaphulaphule ixesha elifutshane kuphela amazwi waKhe. Ayikho neyodwa intshumayelo ephuma emlonyeni waKhe eyakha yawa ezindlebeni zawo. Ayengenako ukubafundisa abantu njengabafundi bona babehlala imihla ngemihla noKristu babenako ukwenza njalo. Noko kunjalo, babenako ukuxela oko babekwazi; oko bona ngokwabo bakubonayo, bakuva, baweva amandla oMsindisi. Yinto le wonke ubani onako ukuyenza ontliziyo yakhe ethe yachukunyiswa lubabalo lukaThixo. Bubungqina obu esibizela kubo iNkosi yethu, nelibusweleyo ihlabathi elitshabalalayo.UL 64.2

    Iindaba ezilungileyo kufuneka zinikiwe, zingabi yintetho engenabomi, kodwa njengamandla aphilileyo ukuguqula ubomi. UThixo unga abasebenzi baKhe bangabuthwala ubungqina bokuba ngobabalo lwaKhe abantu banganaso isimilo esifana nesikaKristu babe nako ukonwabela ingqiniseko yothando lwaKhe olukhulu. Ufuna ukuba sithwale ubungqina bokuba akasokuze aneliseke bade bonke abalwamkelayo usindiso babuyisiwe bamphinda bamiliselwa kumalungelo wabo angcwele njengoonyana neentombi zaKhe.UL 64.3

    Kanti ke, nabo bakhondo labo lingathandekiyo kuYe ubamkela ngokukhululekileyo. Xa beguquka, ubanika uMoya waKhe wobuThixo, abathume bahambe baye kwiinkampu zabo banganyanisekanga ukuba bavakalise inceba yaKhe. Imiphefumlo ebithotyelwe phantsi yazizixhobo zikaSathana isenako, ngamandla kaKristu, ukwenziwa ngokutsha ibe ngabathunywa bobulungisa, ize ithunywe iyokuxela indlela ezinkulu ngayo izinto iNkosi ebenzele zona, nokuba ibe nemfesane ngabo. UL 65.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents