Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukuphengulula Iimfihlelo ZikaThixo

    “Izinto ezisitheleyo zezikaYehova uThixo wethu; izinto ezityhilekileyo zezethu, nezoonyana bethu kude kuse ephakadeni.” Duteronomi 29:29. Ukuzityhila kwaKhe akunikileyo uThixo elizwini laKhe kokwethu ukuba sikufunde. Singakufuna oku ukuba sikuqonde. Akufuneki ke ngoko ukuba sizame ukugqobhoza ngapha koku. Obona buchopho buphezulu bungaziqoba bude budinwe bujikajikana nokuqonda indalo kaThixo, kodwa ibe lilinge elililize. Asiyinikwanga le ngxaki ukuba siyisombulule. Ayikho ingqondo yomntu enokumazi uThixo. Akakho ke ngoko ekufuneka azixakekise ngokuqashisela ngendalo yaKhe. Ukuthi cwaka ngalo umba, kububuciko obukhulu. Lowo wazi konke, ungaphaya kokuba angaxoxwa.UL 341.2

    Neengelosi ngokwazo azizange zavunyelwa ukuba zibekho kumaqumrhu aphakathi kukaYise noNyana xa kusandlalwa icebo losindiso. Izidalwa ezingabantu akufuneki zigxuphuleke kwiimfihlelo zOsenyangweni. Siyafana neentsana ngokungamazi uThixo; kodwa njengeentsana, sinako ukumthanda simthobele. Kunokuba sibe siqashisela ngobuni bendalo yaKhe okanye kumalungelo aKhe awodwa, masithobele amazwi awathethileyo:UL 341.3

    “Unokufikelela na ezingontsingontsini zikaThixo?
    Unokufikelela na ekufezekeni kukaSomandla?
    Kuphakame ngokwamazulu; unokwenza ntoni na?
    Kukude kunehlabathi ukulinganiswa kwako,
    Kubanzi kunolwandle.”
    “Ke bona ubulumko bufunyanwa phi na?
    Iphi na indawo yengqondo?
    Akalazi umntu ixabiso labo; abufunyanwa ezweni labahleliyo.
    Amanzi enzonzobila athi, Abukum; ulwandle luthi, Abunam.
    Akurholwa golide ithe shinyi esikhundleni sabo;
    Akulinganiswa silivere ibe yintengo yabo.
    Abumelwa yigolide ecikizekileyo yakwaOfire,
    nesardonisi enqabileyo, nesafire.
    Azinakulingana nabo igoide negilas;
    Abunakwananana neempahla zegolide engcwengiweyo.
    Zingasakhunjulwa iikorale neekristale,
    Ukuzuzwa kobulumko kuphezu kweeperile.
    Ayinakulingana nabo itopazi yakwaKushi;
    Abumelwa yigolide ecikizekileyo, ecocekileyo.
    Ubulumko buvela phi na ke,
    Yiyiphi na indawo yengqondo?
    Bufihlakele emehlweni eento zonke eziphilileyo;
    Busithakele nasezintakeni zasezulwini.
    Inzonzobila nokufa kuthi, Sibuvile ukubuva ngendlebe.
    NguThixo oyiqondayo indlela yabo,
    Nguye oyaziyo indawo yabo.
    Kuba yena ubheka eziphelweni zehlabathi,
    Ubona phantsi kwamazulu onke;
    Ngokuwenzela umoya ubunzima bawo,
    Namanzi awalinganise ngomlinganiso;
    Ekuyenzeleni kwakhe imvula ummiselo,
    Nombane wendudumo indlela:
    Waza wabubona, wabubala;
    Wabumisa, wabugocagoca nokubugoca; Wathi emntwini: Yabona, ukoyika iNkosi, bubulumko obo,
    Nokutyeka ebubini kuyingqondo.”
    UL 342.1

    Yobhi 11:7-9; 28:12-28.

    Asikuko ukuphanda iinqaba zomhlaba okanye imizamo ephuthileyo yokugqobhoza kwiimfihlakalo zobunjani bukaThixo, apho kufunyanwa khona ubulumko. Bufunyanwa, ekwamkeleni ngokuthobekileyo intyilelo ekukholeke kuYe ukuba ayinike, nakwintsebenziswano yobomi kunye nentando yaKhe.UL 343.1

    Amadoda anobuchopho obukhulu awakwazi ukuziqonda iimfihlakalo zikaYehova njengoko zityhiliwe endalweni. Impefumelo yezulu ibuza imibuzo emininzi ezingakwaziyo ukuyiphendula nezona zichubekileyo izifundiswa. Le mibuzo yayingabuzwa khon’ ukuze siyiphendule, kodwa ukutsalela ingqondo yethu kwiimfihlakalo ezinzulu zikaThixo kwakunye nokusifundisa ukuba ubulumko bethu bunomda; nokuba kokusijikeleze ubomi bethu imihla ngemihla zininzi izinto ezingaphaya kokuqonda kwezidalwa eziphila ubomi obunesiphelo.UL 343.2

    Abangakholwayo bayala ukukholelwa kuThixo kuba bengenako ukuwaqonda amandla angapheliyo athi ngawo azityhile [uThixo]. Kanti ke, uThixo kufuneka avunywe, kakhulu ngezinto angazityhilanga ngazo, kunezo zivulekileyo ekuqondeni kwethu okunomda. Kwisityhilelo sikaThixo nasendalweni, uThixo unike iimfihlakalo ukuba zilawule ukholo lwethu. Oku kumele kube njalo. Singahlala siphanda, sihlale sibuza, sihlale sifunda, ukanti kukho okungunaphakade ngaphaya.UL 343.3

    “Ngubani na olinganise amanzi la entendeni yesandla sakhe,
    Walinganisa izulu ngomoluko weminwe,
    walukhongozela uthuli lomhlaba ngomlinganiselo,
    wazilinganisa iintaba ngesilinganiso, neenduli ngesikali?
    Ngubani na owalungisa uMoya kaYehova,
    waba yindoda emcebisayo wamazisa?
    Yabona, iintlanga zibalelwa ekubeni zinjengethontsi
    emphandeni,
    njengesuntswana esikalini. Yabona, iziqithi zinjengothuli oluqhaphukayo.
    ILebhanon ayilingene kubaswa,
    neenyamakazi zayo azilingene kubalidini elinyukayo.
    Zonke iintlanga zinjengento engento phambi kwakhe;
    kuye zibalelwa ekuthini asizanto, ziluchuku.”

    “Niya kundifanisa nabani na, ndilingane naye? . . .
    Anazi na? aniva na?
    Anixelelwanga na kwasentloko?
    Aniqondanga na kwasekusekweni kwehlabathi?
    Ngulo uhlala phezu kwesazinge sehlabathi,
    Abemi balo ke benjengemicikwane;
    Ulowaneka izulu njengeqhiya eliyasuyasu,
    Walitwabulula njengentente yokuhlala; . . .
    Niya kundifanisa nabani na, . . . Utsho Oyingcwele.
    Phakamiselani amehlo enu phezulu, nibone:
    Ngubani na owadala ezi zinto?
    Ngulokhupha umkhosi wazo ngamaqela,
    Uzibiza zonke ziphela ngamagama,
    Ngenxa yobukhulu bokomelela,
    Ekhaliphile ngamandla; akusali nanye.

    Yini na ukuba uthi, Yakobi—uthethe uthi, Sirayeli,
    Indlela yam isithele kuYehova,
    Nebango lam lidlule kuThixo wam?
    Akwazi na? akuvanga na?
    Ukuba uThixo ongunaphakade nguYehova,
    UMdali weziphelo zehlabathi?
    Akatyhafi, akadinwa;
    Ayinakugocwagocwa ingqondo yakhe.”
    UL 343.4

    Isaya 40:12-28.

    Kwiintetho ezinikwe nguMoya Oyingcwele kubaprofeti baKhe, masifunde ubukhulu bukaThixo wethu. Umprofeti uIsaya ubhala athi:UL 344.1

    “Ngomnyaka wokufa kokumkani u-Uziya, ndayibona iNkosi ihleli etroneni ende enyukileyo; amasondo eengubo zayo ezirholayo azalisa itempile. Kumi iiserafi ngaphezu kwayo, iyileyo inamaphiko amathandathu, ngamabini ifihle ubuso bayo, ngamabini ifihle iinyawo zayo, ngamabini iphaphazela. Iyileyo idanduluke kuleyo isithi,Uyingcwele, uyingcwele,uyingcwele uYehova wemikhosi; buzalise ihlabathi lonke ubuqaqawuli bakhe. Yadidizela imigubasi yeminyango lilizwi lowadandulukayo; yaye indlu izele ngumsi.UL 344.2

    “Ndathi, athi ke mna! Ngokuba ndiyindoda emlomo uyinqambi; ndihleli phakathi kwabantu abamilomo iyinqambi; ngokuba amehlo am abone ukumkani, uYehova wemikhosi.UL 345.1

    “Yaphaphazela yeza kum enye yeeserafi, iphethe ilahle elivuthayo elithabathe ngesithabatho esibingelelweni; yalifikisa emlonyeni wam, yathi, Yabona, eli lahle lifikile nje emlonyeni wakho, bususiwe ubugwenxa bakho, nesono sakho sicanyagushelwe.” Isaya 6:1-7.UL 345.2

    “Akukho namnye unjengawe, Yehova;
    Umkhulu wena, likhulu igama lakho, linobugorha.
    Ngubani na ongeze akoyike, Kumkani weentlanga?”
    “Yehova, undigocagocile, wandazi
    Wena uyakwazi ukuhlala kwam nokusuka kwam;
    Uyaziqonda izicamango zam nakude.
    Ukuhamba kwam nokulala kwam, uyakwela;
    Uqhelene neendlela zam zonke.
    Ngokuba akukho lizwi elulwimini lwam
    Ongalaziyo ke, Yehova, kanye.
    Ngasemva nangaphambili undingqingile,
    Wasibeka phezu kwam isandla sakho.
    Kubalulekile kum oko kwazi,
    Kuphezulu, kundinqabele.”
    UL 345.3

    INdumiso 139:1-6.

    “Inkulu iNkosi yethu, inamandla amakhulu; Ingqondo yayo ayiphele ndawo.” Indumiso 147:5.UL 345.4

    “Iindlela zomntu ziphambi kwamehlo kaYehova, ayilungelelanise imikhondo yakhe.” IMizekeliso 5:21.UL 345.5

    “Yena utyhila izinto ezinzulu nezisitheleyo; uyakwazi okusebumnyameni, ukukhanya kuhleli kuye.” Daniyeli 2:22.UL 346.1

    “Iyaziwa ke nguThixo kuselokwaphakade yonke imisebenzi yakhe.” “Kuba ngubani oyazileyo ingqiqo yeNkosi? Ngubani na khona othe waba ngumcebisi wayo? Ngubani na khona owanikayo ngenxa engaphambili, kwaza kwabuyekezwa kuye? Ngokuba ziphuma kuyo ke, zikho ngayo, zikholo yona, zonke ezo zinto. Malube kuyo uzuko, kude kube ngunaphakade.” Izenzo15:18; Roma 11:34-36.UL 346.2

    “Kuye uKumkani wawo amaphakade,” “okuphela konokungafi, ehleli ekukhanyeni okungenakusondelwa; ekungekho namnye kubantu owakha wambona, nonako ukumbona; kuye makubekho imbeko namandla angunaphakade.” 1 Timoti 1:17; 6:16.UL 346.3

    “Ubungangamela bakhe abuyi kunidandathekisa na?
    Kuniwele ukunkwantyisa kwakhe?”
    “UThixo ukuphakama kwakhe asikokwamazulu yini na?
    Bona intloko yazo iinkwenkwezi, ukuba phezulu kwayo!”
    “Inokubalwa na imikhosi yakhe’
    Ngubani na ongaphunyelwayo kukukhanya kwakhe?”
    “UThixo ududuma ngezwi lakhe ngokubalulekileyo,
    Esenza izinto ezinkulu esingenakuzazi.
    Kuba uthi kwikhephu, Yiwa uwele emhlabeni;
    Nakwisiphango semvula,
    Nakwisiphango seemvula ezinkulu zakhe.
    Isandla soluntu lonke uyasitywina asivingcele,
    Ukuba babe nokwazi bonke abantu abenzileyo. . . .
    Uphangalalisa amafu akhe abanekayo.
    Wona ajikajika ngeenxa zonke ngokwalathiswa nguye,
    Ukuze enze konke awawisela khona
    Ebusweni behlabathi elimiweyo;
    Nokuba kungenxa yencebayo kubetha
    Nokuba kungenxa yehlabathi lakhe,
    Nokuba kungenxa yenceba, uyawafikisa.
    “Oko kubekele indlebe:
    Yima, uyigqale imisebenzi ebalulekileyo kaThixo.
    Uyazi na ukuwathwesa kukaThixo amafu akhe,
    Nokubengezelisa kwakhe ukubaneka kwawo? Uyazi na ukulinganiselwa kwamafu,
    Imisebenzi ebalulekileyo yoSokwazi? . . .
    Wena ungubo zifudumeleyo,
    Lakuzola ilizwe lulophu lwasezantsi;
    Usikhanda usolule naye na isibhakabhaka,
    Esiqinileyo njengesipili esityhidiweyo?
    Sazise esingakuthethayo thina kuye;
    Asinakucacisa nto ngenxa yobumnyama. . . .
    Ke ngoku akubonwa kukhanya
    Kukhazimlayo, kusesibhakabhakeni.
    “Kudlula umoya, lise.
    Entla kuziwa negolide;
    Phezu koThixo yindili eyoyikekayo.
    USomandla asinakumfumana,
    Mkhulu ngamandla;
    Akagwenxi siko nabuninzi bobulungisa.
    Ngako oko baya moyika abantu.”
    “Ngubani na onjengoYehova, uThixo wethu?
    Ulohlala phezulu;
    Uloqondela phantsi ezulwini nasemhlabeni!”
    “UYehova indlela yakhe isesivunguvaneni
    naseluqhwitheleni,
    Namafu aluthuli lweenyawo zakhe.”

    “Mkhulu uYehova, ngowokudunyiswa kakhulu;
    Ubukhulu bakhe abunakugocwagocwa.
    Izizukulwana ngezizukulwana, kunconywa izenzo zakho,
    Kuxelwe ubugorha bakho.
    Bunobungangamela ubuqaqawuli bendili yakho;
    Ngeendawo zakho ezibalulekileyo ndiya kucamngca.
    Bothetha ngamandla ezenzo zakho ezoyikekayo
    Ndibalise ngobukhulu bakho. . . .
    Bompompoza isikhumbuzo sokulunga kwakho okukhulu,
    Bamemelele ngobulungisa bakho. . . .
    UL 346.4

    “Ziya kubulela kuwe, Yehova, zonke izenzo zakho,
    Bakubonge abakho ngenceba;
    Uzuko lobukumkani bakho balutsho ,
    Bathethe ngobugorha bakho.
    Ukuba babazise oonyana babantu ubugorha bakhe,
    Ubuqaqawuli obuhle bobukumkani bakhe.
    Nolawulo lwakho lukwizizukulwana ngezizukulwana. . . .
    Umlomo wam mawuthethe indumiso kuYehova,
    Inyama yonke ilibonge igama lakhe elingcwele
    Ngonaphakade kanaphakade.”
    UL 348.1

    Yobhi 13:11; 22:12; 25:3; 37:5-24.
    Indumiso 113:5, 6; Nahum 1:3;
    Indumiso 145:3-21.

    Xa sifunda ngakumbi nangakumbi ngento ayiyo uThixo, nokuba thina ngokwethu siyintoni emehlweni aKhe, siyakungcangcazela kukoyika phambi kwaKhe. Bonke abantu banamhla mabasibone isiphelo sabo bathi ngamaxesha akudala banobuganga bokulahla oko uThixo athe kungcwele. Athi amaIsrayeli akuba nesibindi sokuvula ityeya xa yayivela kwilizwe lamaFilistiya, isibindi sokudelela kwawo sohlwaywa kakhulu.UL 348.2

    Kwakhona, khumbula isigwebo esawa phezu kukaUza. Kwathi ngexesha lolawulo lukaDavide, kwathwalwa ityeya isiwa eYerusalem. U-Uza wolula isandla sakhe ukuba ayibambe ingawi. Ngobuganga bokuchukumisa umfuziselo wobukho bukaThixo, wabethwa ngokufa okukhawulezileyo.UL 348.3

    UMoses wabona ityholo lisitsha, wathi, engabuqondanga ubukho bukaThixo, waphambuka ukuba aqwalasele umbono omangalisayo, kwaphuma umyalelo:UL 348.4

    “Musa ukusondela apha. Khulula iimbadada zakho ezo ezinyaweni zakho, kuba loo ndawo umi kuyo ingumhlaba ongcwele. . . . Wabusithelisa uMoses ubuso bakhe, kuba ebesoyika ukukhangela kuThixo.” Eksodus 3:5, 6.UL 348.5

    “Waphuma ke uYakobi eBhershebha, waya kwaHaran. Wathi qatha ndaweni ithile, walala khona, kuba belitshonile ilanga. Wathabatha kumatye aloo ndawo, wabeka phantsi kwentloko yakhe, walala kuloo ndawo.UL 348.6

    “Waphupha ebona ileli, imisiwe emhlabeni, intloko yayo iye yafika emazulwini; nanzo izithunywa zikaThixo zinyuka, zisihla ngayo; nanko uYehova emi phezu kwayo, wathi,UL 349.1

    “NdinguYehova, uThixo ka-Abraham uyihlo, uThixo kaIsake. Ilizwe elo ulele kulo, ndiya kulinika wena, nembewu yakho. . . . Yabona, ndinawe; ndiya kukugcina naphi apho uya khona, ndikubuyisele kulo mhlaba; ngokuba andiyi kukushiya, ndide ndikwenze oko ndikuthethileyo.UL 349.2

    “Wavuka uYakobiebuthongweni bakhe,wathi,Kunjenje ke, uYehova ukho kule ndawo, kanti mna bendingazi. Woyika, wathi, Asikuko nokuba iyoyikeka le ndawo; yindlu kaThixo le, ayinto yimbi; lisango lamazulu eli.” Genesis 28:10-17.UL 349.3

    Engcweleni yomnquba wasentlango kunye neyetempile ezaziyimifuziselo wendawo yokuhlala kukaThixo, elinye igumbi lalingcwaliselwe ubukho baKhe. Ikhuselo elalenziwe lanekherubhi ekungeneni kwawo lalingaphakanyiswa sesinye isandla ngaphandle kwesisodwa kuphela. Ukuphakamisa ikhuselo nokungena ngaphandle kokuthunywa okanye ukuyalelwa kwimfihlelo engcwele yengcwele kangcwele, yayikukufa. Ngaphezu kwesihlalo senceba kwakuhleli ubuqaqawuli bOyena ungcwele—ubuqaqawuli ekakungekho mntu unako ukubujonga aze aphile. Ngemini eyodwa emnyakeni enyulelwe ukulungiselela kwingcwele kangcwele, umbingeleli omkhulu ngongcangcazelo, wayengena phambi kobukho bukaThixo, ngexesha amafu omsi wesiqhumiso egqume ubuqaqawuli ukuba bungabonwa. Kuyo yonke intendelezo yetempile, sonke isandi sasithuliswa. Akukho babingeleli balungiselela ezibingelelweni. Umkhosi wabanqulayo, uthobe ngembeko ezolileyo, unikela izibongozo ngenceba kaThixo.UL 349.4

    “Zonke ke ezo zinto zabahlelayo bona, beziyimifuziselo; zabhalwa ke ukululeka thina aba, bafikelweyo ziziphelo zawo amaphakade.” 1 Korinte 10:11.UL 349.5

    “UYehova ke yena usetempileni yakhe engcwele;
    Malithi tu ebusweni bakhe lonke ihlabathi.” “UYehova nguKumkani, ziyagungqa izizwe;
    Ulohlala ekerubhini, liyashukuma ihlabathi.
    UYehova mkhulu eZiyon;
    Uphakamile ngaphezu kwezizwe zonke.
    Baya kulibulela igama lakho elikhulu eloyikekayo;
    Ngokuba lingcwele lona.”

    “UYehova, ulotempile yakhe iyingcwele,
    UYehova, ulotrone yakhe isemazulwini,
    Amehlo akhe ayababona,
    Iinkophe zakhe ziyabacikida oonyana babantu.”
    “Ngokuba uqondele, esendaweni yakhe ephezulu engcwele;
    Wondela ehlabathini esemazulwini uYehova.”
    “Esendaweni yakhe yokuhlala,
    Wondele kubemi bonke behlabathi:
    Ulobumba ngakunye intliziyo yabo,
    Uloqonda zonke izenzo zabo.”
    “Malimoyike uYehova lonke ihlabathi,
    Balihlonele bonke abemi belimiweyo.”
    UL 349.6

    Habhakuki 2:20; Indumiso 99:1-3; 11:4; 102 19; 33:14, 15, 8.

    Umntu akanako ukuthi ngokuphengulula amfumane uThixo. Makangabikho abathi ngesandla sobuganga afune ukuphakamisa isigqubuthelo esisithelisa ubuqaqawuli baKhe. “Asikuko nokuba ayiphengululeki imigwebo yakhe, azilandeki iindlela zakhe!” Roma 11:33. Kukuboniswa kwenceba yaKhe okwenza ukuba kubekho ukufihlwa kwamandla aKhe; kuba ukususwa kwesigqubuthelo esifihla ubukho obungcwele kukufa. Ayikho ingqondo enokufa enako ukugqobhoza kwimfihlakalo apho uSomandla ahleli esebenza khona. Kuphela koko abona kufanelekile athi akutyhile esinako ukukuqonda ngaYe. Ingqondo kufuneka ilivume igunya elingaphezulu kuyo. Intliziyo nobuchopho kufuneka bazithobe kuNDINGUYE omkhulu.UL 350.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents