Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ubuntu BukaThixo Butyhilwe KuKristu

    Njengomntu onobuqu, uThixo uye wazityhila kuNyana waKhe. Ukubengezela kobuqaqawuli bukaYise, “nombhalo wenkqu yakhe, uYesu, enguMsindisi ubuqu, weza emhlabeni. EnguMsindisi ubuqu wenyukela ezulwini. EnguMsindisi ubuqu uyathethelela kwiinkundla zasezulwini. Phambi kwetrone kaThixo, “Ofana noNyana woMntu” uyalungiselela ngenxa yethu. Hebhere 1:3; IsiTyhilelo 1:13.UL 331.3

    UKristu, ukuKhanya kwehlabathi, wakugqima ukubengezela okuphandlayo kobuThixo baKhe waza kuhlala phakathi kwabantu, ukuze bathi, besinde ekufeni, baqhelane noMdali wabo. njengoko isono sazisa ukwahlukana phakathi komntu noMenzi wakhe, akakho umntu owakha wambona uThixo nanini, ngaphandle kokuba abonakalaliswe ngoKristu.UL 332.1

    “Mna noBawo sibanye,” watsho uKristu. “Akukho umaziyo uYise, kuphela nguNyana, nalowo athi uNyana athande ukumtyhilela.” Yohane 10:30; Mateyu 11:27.UL 332.2

    UKristu weza kufundisa abantu oko uThixo anqwenela ukuba bakwazi. Emazulwini phezulu, emhlabeni, kububanzi bamanzi olwandle, sibona umsebenzi wezandla kaThixo. Zonke izinto ezidaliweyo zingqina ngamandla waKhe, ubulumko baKhe, uthando lwaKhe. Kanti ke, ezinkwenkwezini okanye elwandle okanye kwiingxangxasi asinako ukufunda ngobuqu bukaThixo njengoko butyhilwe kuKristu.UL 332.3

    UThixo wabona ukuba isityhilelo esicace kakhulu ukudlula indalo siyadingeda ukuzoba kokubini, ubuqu nesimilo saKhe. Wathumela uNyana waKhe emhlabeni ukuba aveze, kangangoko kunokubonwa ngumntu, indalo neempawu zikaThixo ongenakubonwa.UL 332.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents