Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukuqeqeshelwa Umsebenzi

    Le njongo kufuneka ihlale igcinwe emehlweni abazali neetitshala abangamaKristu. Asiyazi imiba abantwana bethu abaya kusebenza kuyo. Basenokuchitha ubomi babo phakathi kwekhaya; basenokwenza imisebenzi eqhelekileyo yokuphila, okanye baye kumazwe angazani naThixo babe ziititshala zeendaba ezilungileyo; kodwa bonke ngokufanayo babiziwe ukuba babe ngabavangeli bakaThixo, abalungiseleli benceba ehlabathini.UL 311.2

    Abantwana nolutsha, beneetalente zabo zobutsha, amandla, nokuqina, ukubamba kwabo izinto ngokukhawuleza, bayathandwa nguThixo, kwaye ulangazelela ukuba abazise ekuhambelaneni nezenzeleleli zezulu. Kufuneka bazuze imfundo eya kubanceda ukuba bame ngakwicala likaKristu ngokunika inkonzo engasekeleze nzuzo.UL 311.3

    Kubo bonke abantwana baKhe, kuse ekupheleni kwexesha, ngokungekho ngaphantsi kokwatshiwo kwabokuqala, uKristu wathi: “Njengokuba wandithuma ehlabathini, nam ndibathume bona ehlabathini,” (Yohane 17:18), ukuba babe ngabameli bakaThixo, ukuba batyhile uMoya waKhe, babonakalalise isimilo saKhe, benze umsebenzi waKhe.UL 311.4

    Abantwana bethu bemi, ngokunjalo, eziphambukeni zendlela. Kumacala onke, iminatha yehlabathi yokufuna ukuba ngabo nokuziyekela, iyababiza ukuba baphume endleleni elungiselwe abahlangulweyo beNkosi. Ukuba ubomi babo buya kuba yintsikelelo okanye isiqalekiso kuxhomekeke ekunyuleni abakwenzayo. Bephuphuma ngamandla, benenzondelelo yokuvavanya izakhono ezingazange zalingwa, kufuneka bafumane ithuba lokusebenzisa ubomi babo obukhula ngokundlondlobala. Kona ukusebenza, baza kusebenza, nokuba kokulungileyo okanye okubi.UL 312.1

    Ilizwi likaThixo alikucinezeli ukuxakeka, kodwa liyakukhokela ngendlela elungileyo. UThixo akathi kulutsha malungaxunele kwizinto eziphantsi. Iziqalelo zesimilo ezimenza umntu ukuba abe nempumelelo ngenene ahlonipheke phakathi kwabantu—umnqweno ongacinezelekiyo wokwenza okulungileyo okukhulu, intando engoyisakaliyo, ukuzinikela ngamandla, ukuzingisa okungatyhafiyo—zizinto ekungafuneki zinqandwe. Ngobabalo lukaThixo, abantu abatsha banokukhokelelwa ekufikeleleni kwiinjongo eziphezulu kakhulu kunokuthanda izinto nje zokubawa nehlabathi njengoko amazulu ephakamile kunomhlaba.UL 312.2

    Kulele kuthi njengabazali ukubanika abantwana bethu indlela elungileyo. Bafanelwe kukuba bakhokelwe ngononophelo, ngobulumko, nangothando baye kwiindlela zolungiselelo olufana nolukaKristu. Siphantsi komnqophiso ongcwele noThixo wokuba sibakhulisele abantwana bethu umsebenzi waKhe. Ukubajikeleza ngempembelelo enokubenza ukuba banyule ubomi bokukhonza, nokubanika ingqeqesho edingekayo, lowo ngumthwalo wethu ophambili.UL 312.3

    “UThixo wenjenje ukuthanda, . . . wanikela,” “wancama uNyana waKhe ekuphela kwamzeleyo,” ukuze singatshabalali, koko sibe nobomi obungunaphakade. “UKristu. . . . wasithanda, wazinikela ngenxa yethu.” Ukuba siyathanda, siya kunikela. “Engazanga kulungiselelwa; weza kulungiselela” sisifundo esikhulu eso esimele ukusifunda nokusifundisa. Yohane 3:16; Efese 5:2; Mateyu 20:28.UL 312.4

    Ulutsha malunikwe le ngqondo yokuba, alulolwalo. LulolukaKristu. Luthengwe ngegazi laKhe, ibango lothando lwaKhe. Luphila kuba elugcinile ngamandla waKhe, ukuba luphuhle, luqeqeshwe, ukuze lusetyenziselwe Yena.UL 312.5

    Nganeno kwezidalwa eziziingelosi, kulandela usapho loluntu, olwenziwa ngokomfanekiselo kaThixo, olona luhloniphekileyo kwimisebenzi yaKhe yendalo. UThixo ulangazelela ukuba abantu babe kuko konke akwenze ukuba babe nako ukuba kuko, nokuba benze konke abanako ngamandla abanike wona.UL 313.1

    Ubomi buyimfihlakalo baye bungcwele. Bukukubonakalaliswa kukaThixo ngokwaKhe, umthombo wabo bonke ubomi. Axabisekile amathuba abo, kwaye kufuneka akhuliswe ngenzondelelo. Xa athe alahleka, amke ngonaphakade.UL 313.2

    Phambi kwethu, uThixo ubeke unaphakade, neenyaniso zakhe zaphakade ezinendili, waza wasinika ukuba sibambelele kwimixholo yokungabi nakufa, nengenakonakala. Usinika inyaniso exabisekileyo, ezukisayo, ukuze sibheke phambili ngendlela ekhuselekileyo neqinisekileyo, silandela injongo efanele ukwenziwa ngokunyaniseka ngazo zonke izakhono esinazo.UL 313.3

    UThixo ukhangela kweyona mbewu incinane ayenzileyo Yena ngokwaKhe, aze abone kusongelwe apho ngaphakathi intyatyambo entle, ityholo, okanye umthi omkhulu omasebe anabileyo. Ngokunjalo ubona kuye wonke umntu oko kunako ukwenzeka. Sikho ngenjongo. UThixo usinike icebo laKhe ngobomi bethu, kwaye unga singafikelela kowona mgangatho uphezulu wokukhula.UL 313.4

    Ulangazelela ukuba singathi rhoqo sikhula ebungcweleni, ekonwabeni nasekubeni lulutho. Bonke banazo izakhono ekufuneka bafundiswe ukuba bazithabathe njengezipho ezingcwele, nokuba bazixabise izipho zeNkosi, bazisebenzise ngendlela efanelekileyo. Ulangazelela ukuba ulutsha lukhulise onke amandla omzimba walo, nokuba bawasebenzise wonke amandla engqondo. Ulangazelela ukuba bonwabele konke okululutho nokuxabisekileyo kobu bomi, nokuba balunge nokuba benze okulungileyo, bazibekele ezulwini ubutyebi bobomi obuzayo.UL 313.5

    Kumele ukuba ibe libhongo labo ukugqwesa kuzo zonke izinto ezingenamona, eziphakamileyo, nezinesidima. Mabakhangele kuKristu ongumzekelo ekufuneka belandele wona. Ibhongo elingcwele awaliveza ebomini baKhe kufuneka balixabise—ibhongo lokuwenza umhlab ube ngcono ngokuhlala kwabo kuwo. Ngumsebenzi ababizelwe wona lo.UL 313.6

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents