Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukufundisa Imithetho-siseko Yempilo

    Abasebenzi beendaba ezilungileyo kufuneka bakwazi nokunika imfundo ngemithetho-siseko yokuphila ngendlela yempilo. Ukugula kukho kuyo yonke indawo, kwaye uninzi lwako kwakunokuthintelwa ngokunika ingqwalaselo kwimithetho yempilo. Abantu badinga ukubona ukunyanzeleka kwemithetho-siseko yempilo phezu kwabo, kobu bomi nakubomi obuzayo. Badinga ukuvuswa ukuba balwazi uxanduva lwabo ngendawo yokuhlala engumntu eyalungiswa nguMdali wabo ukuba ibe yindawo yaKhe yokuhlala nalangazelela ukuba bona babe ngamagosa athembekileyo phezu kwayo. Badinga ukuyiboniswa okanye ukuyixelelwa inyaniso equlathwe kumazwi omBhalo Ongcwele, athi:UL 103.2

    “Niyitempile kaThixo ophilileyo; njengokuba watshoyo uThixo ukuthi, Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo; ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona.” 2 Korinte 6:16.UL 103.3

    Amawaka ayayidinga kwaye eya kuyamkela ngovuyo imfundiso engeendlela zokuphatha abagulayo—iindlela ezithabatha indawo yamayeza ayobisayo ayityhefu. Sikhulu isidingo sokufundiswa ngendlela entsha yokutya. Isiqhelo sokutya ngendlela engalunganga nokusetyenziswa kokutya okungenampilo siso esikhokelela kakhulu kukungabikho kobungcathu nolwaphulo lomthetho nentlupheko ezisisiqalekiso emhlabeni.UL 103.4

    Ekufundiseni imithetho-siseko yempilo mawuhlale usengqondweni umgomo omkhulu wohlaziyo—ukuba injongoyalo kukuzuza okona kwakhiwa kuphezulu komzimba nengqondo nomphefumlo. Makuboniswe ukuba imithetho yendalo, eyimithetho kaThixo, ilungiselwe ukulungelwa kwethu; nokuba ukuyithobela kukhuthaza ulonwabo kobu bomi, kuncede ekulungiseleleni ubomi obuzayo.UL 104.1

    Mabakhokelelwe abantu ekufundeni kokubonakalaliswa kothando lukaThixo nobulumko emisebenzini yendalo. Mabakhokelelwe ekufundeni loo mzimba umangalisayo, ukumiswa kokwakhiwa komntu, kwakunye nemithetho olawulwa ngayo umzimba lowo. Abo bakuqondayo ukubonakala kothando lukaThixo, abanento abayiqondayo ngobulumko nobuhle bemithetho yaKhe, neziphumo zokuthobela, baya kufikelela ekuyiboneni imisebenzi yabo noxanduva abanalo ngendlela eyahluke kakhulu. Endaweni yokukhangela ekugcinweni kwemithetho yempilo njengomcimbi wokuzibingelela okanye ukuzincama, baya kukubona njengoko kunjalo, njengentsikelelo engenako nokuqikelelwa.UL 104.2

    Wonke umntu osebenza iindaba ezilungileyo umele ave ukuba ukunika imfundiso ngemithetho-siseko yokuphila impilo entle kuyinxalenye yomsebenzi awunyulelweyo. Ngalo msebenzi, kukho isidingo esikhulu, laye ihlabathi liwunxanelwe.UL 104.3

    Kuyo yonke indawo kukho ukuthanda ukubeka umsebenzi wamaqumrhu endaweni yelinge lomntu omnye. Ubulumko bomntu bunento yokuqokelelana ndawonye, ukuhlanganisa ndawonye, ukwakha iinkonzo ezinkulu namaziko okanye imizi. Izihlwele ziwuyekela kumaziko nakumaqumrhu umsebenzi wosizo, zizikhupha ekuhlanganeni nehlabathi, zize iintliziyo zabenza oko zibande. Basuka bajonge okwabo bangachukunyiswa nto. Ukuthanda uThixo nomntu kuyafa kungabikho emphefumlweni.UL 104.4

    UKristu unikele kubalandeli baKhe umsebenzi owodwa—umsebenzi ongenako ukwenziwa ngummeli. Ulungiselelo kwabagulayo nabangamahlwempu, ukunika iindaba ezilungileyo kwabalahlekileyo, akufuneki kuyekelwe kwiikomiti okanye kumaqumrhu ezipho. Uxanduva lomntu ngamnye, ilinge lomntu ngamnye, ukuzincama komntu ngamnye, kuko okufunwa yigospile.UL 104.5

    Phuma uye ezindleleni, nasezintangweni, ubanyanzele bangene,” ngumyalelo kaKristu, “ukuze indlu yam izale.” Ubahlanganisa abantu nabo ekufuneka babafune ukuze babancede. “Bangenise endlwini abaziintsizana, abatshuthisiwayo,” utsho. “Xa uthe wabona ohamba ze, mambese.” “Baya kubeka izandla phezu kwemilwelwe, iphile.” Luka 14:23; Isaya 58:7; Marko 16:18. Ngokuhlangana nqo, ngolungiselelo ngenkqu, iintsikelelo zeendaba ezilungileyo zinako ukudluliselwa kwabanye.UL 105.1

    Ekunikeni ukukhanya kubantu baKhe kudala, uThixo akazange asebenze kuphela ngodidi olunye [lwabantu]. UDaniyeli wayengumntwana wegazi kwaYuda. UIsaya naye wayengowendlu yasebukhosini. UDavide wayeyinkwenkwana engumalusi, noAmos wayengumalusi, uZekariya engumthinjwa waseBhabheli, uElisha engumlimi womhlaba. UYehova wamkhulisa uElisha njengabameli baKhe abaprofeti nabantwana begazi, abanesidima nabathobekileyo, wabafundisa iinyaniso ekwakufuneka zinikwe ihlabathi.UL 105.2

    Kuye wonke ubani othi axhamle kubabalo lwaYo, iNkosi imbekela ukusebenzela abanye. Ngabanye, siza kuma kwiqela lethu nendawo yethu, sithi, “Ndilapha, thuma mna.” Isaya 6:8. Phezu komfundisi welizwi, komvangeli ongumongikazi, kukagqirha ongumKristu, umntu ongumKristu, nokuba ngusomashishini okanye umfama, oqeqeshiweyo okanye umkhandi weemashini—uxanduva lulele kubo bonke. Ngumsebenzi wethu ukutyhila ebantwini iindaba ezilungileyo zokusindiswa kwabo. Lonke ishishini esingena kulo limele ukuba yindlela eya kweso siphelo.UL 105.3

    Abo bawuthabathayo umsebenzi abawubekelweyo abayi kwanela nje ukuba yintsikelelo kwabanye, kodwa nabo baya kusikelelwa. Ukuwuqaphela umsebenzi owenziwe kakuhle kuya kuba nempembelelo ezenzekelayo kweyabo imiphefumlo. Abaphelelwe lithemba baya kulibala ngokuphelelwa kwabo lithemba, abangenamandla baya komelela, abangazi nto babe nengqondo, bathi bonke bafumane umncedi ongasileliiyo kuLowo ubabizileyo.UL 105.4

    Ibandla likaKristu liqulunqelwe umsebenzi. Isikhuthazo salo sithi, Ulungiselelo! Amalungu alo ngamajoni ekufuneka eqeqeshelwe imfazwe phantsi koMphathi wosindiso lwawo. Abafundisi abangamaKristu, oogqirha, iititshala, bonke banomsebenzi obanzi kakhulu kunokuba abanye beqonda. Akwanelanga ukulungiselela kuphela ebantwini, kodwa kufuneka bebafundisile ukulungiselela. Akufuneki babanike kuphela imfundiso ngemithetho-siseko elungileyo, kodwa mababafundise abo babaphulaphulayo ukuba nabo bayidlulise le mithetho-siseko. Inyaniso, xa ingaphilwa, ingadluliswa, ilahlekwa ngamandla wayo anika ubomi, amandla wayo aphilisayo. Intsikelelo yayo ingagcinwa kuphela xa kusabelwana ngayo.UL 106.1

    Umdintsi ekusebenzeleni kwethu uThixo uyakudinga ukwaphulwa. Lonke ilungu lebandla limele ukuxakeka ngumsebenzi othile weNkosi. Omnye akakwazi ukwenza kakhulu njengabanye, kodwa wonke ubani umele enze kangangoko anako ukuthintela umsinga wesifo noxinzelelo osisikhukula phezu komhlaba. Baninzi abangaba nayo intumekelelo ukuba bebengafundiswa indlela yokuqala. Badinga ukufundiswa nokukhuthazwa.UL 106.2

    Lonke ibandla limele ukuba sisikolo sokuqeqesha abasebenzi abangamaKristu. Amalungu alo amele ukufundiswa indlela yokuqhuba izifundo zeBhayibhile, indlela yokuqhuba nokufundisa iiklasi zesikolo seSabatha, eyona ndlela iyiyo yokunceda abangamahlwempu nokukhathalela abagulayo, neyokusebenzela abangaguqukanga. Kumele kubekho izikolo zempilo, izikolo zokupheka, neeklasi kwimiba eyahlukeneyo yomsebenzi woncedo lobuKrsitu. Akumele kubekho kuphela ukufundisa, kodwa noqobo lomsebenzi phantsi kwabafundisi abanamava. Ootitshala mabakhokele indlela ekusebenzeni phakathi kwabantu, nabanye, ngokuhlangana kunye nabo, baya kufunda kumzekelo wabo.UL 106.3

    Bonke mabakhulise amandla abo omzimba nawengqondo kangangoko banako, ukuze bakwazi ukusebenza apho ukubonelela kwaKhe kuya kubabiza khona. Kwalona ubabalo olunye olwaphuma kuKristu lwaya kuPawulos nakuApolo, olwababekela bucala ngezibabalo zikamoya, luya kuthi namhlanje lunikwe abavangeli abangamaKristu abazinikeleyo. UThixo ulangazelela ukuba abantwana baKhe babe nobuchopho nolwazi, oluya kuthi, ngobungenakuphazanywa, ubukrelekrele namandla, ubuqaqawuli baKhe butyhilwe ehlabathini lethu.UL 106.4

    Abasebenzi abafundileyo abazinikele kuThixo banako ukusebenza ngeendlela ezinkulu ezahlukeneyo baze babe nokwenza ngaphezulu umsebenzi obanzi kunabo bangafundanga. Ukuyilawula kwabo ingqondo kubabeka kumhlaba olungileyo. Kanti ke nabo bangenazo iitalente ezinkulu nemfundo enabileyo banganako ukulungiselela ngokwamkelekileyo kwabanye. UThixo uya kubasebenzisa abantu abanentumekelelo yokusetyenziswa. Asingabo abakrelekrele kakhulu okanye abaneetalente ezininzi abamsebenzi wabo uveza iziphumo ezizezona zikhulu nezihlala elona xesha lide. Amadona nabafazi bayadingeka abakha basiva isigidimi esivela ezulwini. Abona basebenzi banempumelelo ngabo basabelayo kwisimemo esithi, “Thabathani idyokhwe yam niyithwale, nifunde kum.” Mateyu 11:29.UL 107.1

    Ngabavangeli bentliziyo abadingekayo. Lowo ontliziyo yakhe ayichukumisayo uThixo uzaliswa kukubalangazelela okukhulu abo bangazange balwazi uthando lwaKhe. Imeko yabo imzalisa ngengqondo yeyakhe intlungu. Uthi, ethabathele ubomi esandleni sakhe, aphume ahambe, engumthunywa othunywe lizulu, ophefumlelwe lizulu, ayokwenza umsebenzi iingelosi ezinako ukusebenza kunye naye kuwo.UL 107.2

    Ukuba abo uThixo abanike iitalente ezinkulu zobuchopho bazisebenzisa ezi zipho ngomona, baya kushiywa, emva kwexesha lokulingwa, ukuba balandele indlela yabo. UThixo uya kuthabatha abantu abangabonakali benobutyebi, abangazithembanga kakhulu, abangenamandla abomeleze, kuba bethembele kuYe ukuba abenzele oko bangakwaziyo ukuzenzela bona ngokwabo. UThixo uya kuyamkela inkonzo enikelwa ngentliziyo yonke aze Yena azalise apho kungaphelelanga khona.UL 107.3

    INkosi iye ikhethe abokusebenzisana naYo abantu ababe nethuba elincinane lemfundo yesikolo. Aba bantu bawasebenzise amandla abo ngeyona inkulu inkuthalo, yaza iNkosi yakuvuza ukuthembeka kwabo emsebenzini waYo, ukukhuthala kwabo, nokunxanelwa kwabo ulwazi. Uzibonile inyembezi zabo wayiva imithandazo yabo. Njengoko intsikelelo yaKhe yafika kumabanjwa kumabhotwe aseBhabheli, wenjenjalo ukubeka ubulumko nolwazi kubasebenzi baKhe namhlanje.UL 107.4

    Amadoda abuye nganeno kwimfundo yesikolo, aphantsi ngokomgangatho wasekuhlaleni, athe, ngobabalo lukaKristu, ngamanye amaxa, aphumelela ngokumangalisayo ekuyizuzeleni iNkosi imiphefumlo. Imfihlelo yempumelelo yawo yayikukuthembela kwawo kuThixo. Afunda yonke imihla ngalowo omangalisayo ekucebiseni noligorha emandleni.UL 108.1

    Abasebenzi abanjalo kufuneka bakhuthazwe. INkosi ibazisa kuqhagamshelano nabo banesakhono esigqamileyo, ukuba bazalise izikhewu ezishiywa ngabanye. Ukukhawuleza kwabo ukubona oko kufuneka kwenziwe, ukulungela kwabo ukunceda abo banentswelo, amazwi abo nezenzo zabo, zivula iminyango yokuba luncedo, ebiya kuhlala ivaliwe. Basondela kakhulu kwabo basenkathazweni, ize impembelelo eyoyisayo yamazwi abo ibe namandla okutsalela imiphefumlo emininzi kuThixo. Umsebenzi wabo ubonisa oko abanye banokukwenza, ukuba nje bebengakwenza.UL 108.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents