Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    14—Ulungiselelo kwabazizityebi

    UKorneli, umthetheli-khulu waseRoma, wayeyindoda esisityebi nehloniphekileyo. Isikhundla sakhe sasisesokuthenjwa nembeko. Waye engumhedeni ngokuzalwa, nengqeqesho, nemfundo, wathi ngokuhlangana namaYuda wazuza ukwazi ngoThixo oyinyaniso, waza wamnqula, kubonakala ukunyaniseka kokholo lwakhe ngokuba novelwano ngakumahlwempu. Waye “ebaliza abantu kunene; kanjalo yayimana ikhunga kuThixo.” IZenzo 10:2..UL 159.1

    UKorneli wayengazi nto ngeendaba ezilungileyo njengoko zityhilwe ebomini nasekufeni kukaKristu, waza uThixo wasithumela isigidimi siphuma ngqo ezulwini sisiza kuye, kwathi ngesinye isigidimi wayalela umpostile uPetros ukuba amhlambele amfundise. UKorneli wayengazimanyanga kwibandla lamaYuda, kwaye wayeza kujongwa ngoorhabhi njengomhedeni ongahlambulukanga; kodwa uThixo wakufunda ukunyaniseka kwentliziyo yakhe, wathumela abathunywa abaphuma etroneni yaKhe ukuba bazimanye nesicaka saKhe emhlabeni ngokufundisa iindaba ezilungileyo kwigosa laseRoma.UL 159.2

    Ngokukwanjalo nanamhlanje, uThixo ufuna imiphefumlo phakathi kwabaphezulu nakwabaphantsi. Baninzi ooKorneli, amadoda uThixo anga angahlangana nebandla laKhe. Uvelwano lwawo luphezu kwabantu beNkosi. Wona amaqhina awaqamangele ehlabathini awabambe ngokuqinileyo. Adinga isibindi sokuziphatha la madoda ukuze ayithabathe indawo yawo yokuba nabaphantsi. Umzamo owodwa kufuneka wenziwe ngenxa yale miphefumlo, esengozini enkulu ngenxa yemithwalo yawo namahlakani awo.UL 159.3

    Kuninzi okuthethwayo ngomthwalo wethu kwabangamahlwempu abatyeshelweyo; akungebi kufanele ukuba kunikwe ingqwalaselo kwabazizityebi abatyeshelweyo? Abaninzi balukhangela olu didi njengelingenalo ithemba, baze benze okuncinane ukuwavula amehlo abo, bathe, ngokumfanyekiswa nokudidwa kukubengezela kozuko lomhlaba, balahlekwa ngunaphakade ekucingeni kwabo. Amawaka amadoda azizityebi ayokungena emangcwabeni awo engakhange alunyukiswa. Kanti ke, nangona bebonakala ngathi abakhathali, abaninzi phakathi kwabazizityebi banomthwalo emphefumlweni. “Othanda isilivere akaneliswa yisilivere nalowo uthanda intabalala, akangenelwa nto.” Othi kwigolide ecikizekileyo, “Nkoloseko yam,” “umkhanyele uThixo waphezulu.” “Akukho bani unokukhulula umzalwana; akanakumnika uThixo isicamagusho ngaye: (Sinqabile isikhululo somphefumlo wabo, masincanywe ngonaphakade). Intshumayeli 5:10; Yobhi 31:24, 28; INdumiso 49:7, 8.UL 159.4

    Ubutyebi kunye nembeko yasemhlabeni azikwazi ukuwanelisa umphefumlo. Abaninzi phakathi kwabazizityebi balangazelela ukuba bafumane intwana yesiqinisekiso sezulu, intwana yethemba lasemoyeni. Abaninzi balangazelela into eya kubazisela isiphelo sesizungu sobomi babo obungenayo injongo. Abaninzi kubomi babo bobugosa baziva bedinga into abangenayo. Bambalwa phakathi kwabo abayayo enkonzweni; kuba beziva bezuza okuncinane kakhulu. Imfundiso abayivayo ayiyichukumisi intliziyo. Asikwazi yini ukwenza umdla owodwa kubo?UL 160.1

    Phakathi kwamaxhoba entswelo nesono bakho abo bakha banabo ubutyebi. Amadoda alubizo lwahlukeneyo nemigangatho eyahlukeneyo ebomini oyiswa kukungcola kwehlabathi, kukusebenzisa iziselo ezinxilisayo, kukuziyekela kwinkanuko, aza awa phanti kokuhendwa. Nangona la madoda ekufuna ukuvelwa nokuncedwa, bekungeke kube kunikwa ingqwalaselo kwabo bangekahleli kobu bunzulu, kodwa abazibeka iinyawo zabo kule ndlela inye? 210UL 160.2

    Amawaka akwizikhundla zokuthenjwa nembeko, aziyekela kwimikhwa ethetha imbubho emphefumlweni nasemzimbeni. Abafundisi beendaba ezilungileyo, amadoda asemthethweni, ababhali, amadoda anobutyebi netalene, amadoda anesakhono esibanzi soshishino, namandla okuba luncedo, asengozini ebulalayo kuba engakwazi ukubona ukubaluleka kokuzilawula kwizinto zonke. Badinga ukuvuselwa ekubeni ingqondo yabo itsalelwe kwimithetho-siseko yobungcathu, kungabi kwiindlela ezicutheneyo zamaqhinga, kodwa ekukhanyeni kwenjongo enkulu kaThxo ngoluntu. Ukuba imithetho—siseko yobungcathu benene ibingabekwa ngolo hlobo phambi kwabo, baninzi kakhulu abakudidi oluphezulu abebenaliqonda ixabiso layo baze bayamkele ngentliziyo epheleleyo.UL 160.3

    Kufuneka sibabonise aba bantu iziphumo zokuziyekela okuyingozi okucutha amandla omzimba, engqondo, nawokuziphatha. Mabancedwe ukuba baluqonde uxanduva lwabo njengamagosa ezipho zikaThixo. Mababoniswe okulungileo abangakwenza ngemali yabo abayichitha ngoku koko kubenzakalisayo. Makubekwe phambi kwabo isibhambathiso sokungachukumisi ngokupheleleyo izinto eziyingozi, bacelwe ukuba imali abebeza kuyichitha etywaleni, ecubeni, okanye nakwezinye izinto ezifana nezo zokuzibhodloza, mayinikelwe ekuncedeni abangamahlwempu agulayo okanye ekuqeqeshweni kwabantwana nolutsha ukuba babe lulutho emhlabeni. Kwabanjalo, isibheno esilolo hlobo, abakho baninzi abangathi bale ukusiphulaphula.UL 161.1

    Ikhona enye ingozi abasesichengeni sayo ngendlela eyodwa abo bazizityebi, kwaye nalapha ikho indawo yokusetyenzwa ngumvangeli wonyango. Inkumbula yabantu abanempumelelo emhlabeni, abangazange bathobe kwiindlela zobubi eziqhelekileyo, kodwa baye batshatyalaliswe kukuthanda ubutyebi. Indebe ekunzima kakhulu ukuyiphatha asiyiyo indebe engenanto, kodwa yindebe ezele ichichima. Yiyo le edinga ukuphathwa ngononophelo olukhulu ukuze izinze. Ukuthuthunjiswa nenkcaso zizisa udaniso nosizi; kodwa yimpumelelo eyona iyingozi enkulu kubomi basemoyeni.UL 161.2

    Abo bahlutshwa kukubuyiselwa umva bamelwe lityholo elitshayo elabonwa nguMoses, elathi nangona lisitsha alaphela.Ingelosi kaYheova yayiphakathi etyholweni. Ngokunjalo, phakathi entluphekweni nasekuthuthunjisweni, ukukhanya kobukho baLowo Ongabonwayo kunathi ukuba kusithuthuzele kusixhase. Uye umthandazo ufunelwe abo babulalekayo zizigulo naziimbandezelo; kodwa imithandazo yethu yeyona idingekayo kubantu abaphathiswe inkqubela nempembelelo. Entilini yokuthotyelwa phantsi, apho abantu bekuva ukumdinga kwabo nokuxhomekeka kuYe uThixo ukuba akhokele amanyathelo abo, ikho inkuseleko ephathekayo. Kanti ke, amadoda ame kwincopho ephakamileyo, nathi, ngenxa yemeko yawo, kufuneke abe nobulumko obukhulu—la akweyona ngozi inkulu. Ngaphandle kokuba abantu abanjalo bamenze uThixo intsika yabo, ngokuqinisekileyo, baya kuwa.UL 161.3

    IBhayibhile ayigwebi mntu ngokuba sisityebi, ukuba ubuzuze ubutyebi bakhe ngendlela eyiyo. Asiyo mali, kodwa kukuthanda imali okuyingcambu yabo bonke ububi. NguThixo onika abantu amandla okuzuza ubutyebi; kwaye, ezandleni zalowo usebenza njengegosa likaThixo, ubutyebi buyintsikelelo, kubo bobabini—lowo unabo nasehlabathini. Baninzi ke kodwa abamdla wabo ugxile kwindyebo yasemhlabeni, abathi bangawahoyi amabango kaThixo nezidingo zabantu bakubo. Babuthabatha ubutyebi babo njengento yokuzukisa iziqu zabo. Bongeza indlu phezu kwenye, nomhlaba phezu komhlaba; bawazalisa amakhaya wabo ngobunewu-newu, lo gama bonke abo bajikelezwe ngabo ingabantu abasentluphekweni nasekwaphuleni umthetho, kwisifo nasekufeni. Abo banikela ubomi babo ekuphileleni ukuzanelisa bakhulisa ngaphakathi kwabo, hayi, iimpawu zikaThixo, kodwa iimpawu zongendawo.UL 162.1

    Aba bantu badinga iindaba zilungileyo. Badinga ukuba amehlo abo asuswe kumampunge azimpahla ukuba akhangele ekuxabisekeni kobutyebi obumi naphakade. Badinga ukuba bafunde uvuyo lokupha, ukusikeleleka kokuba ngabasebenzina kunye noThixo.UL 162.2

    INkosi ithi kuthi, “Abazizityebi kweli phakade langoku bathethele” ukuba bangathembeli “butyebini bungagqalekiyo; mabathembele kuThixo ophilileyo. Obeka phambi kwethu izinto zonke ngokobutyebi, ukuba zidliwe; benze okulungileyo, babe zizityebi zemisebenzi emihle, nokwaba kakuhle, babe nobudlelane; baziqwebele isiseko esihle, base exesheni eliza kuza, ukuze babubambe ubomi obungunaphakade.” 1 Timoti 6:17-19.UL 162.3

    Asiyiyo inkcukumiso yelo xesha neyingozi eya kwenza ukuba imiphefumlo enobutyebi, ethanda ihlabathi, nelinqulayo ihlabathi ibe nokutsalelwa kuKristu. Aba bantu bakholisa ukuba nzima kakhulu ukuba bafikelelwe. Ilinge lomntu ubuqu kufuneka balenzelwe ngamadoda neentokazi ezizaliswe ngumoya wovangelo, abo bangasayi kusilela okanye batyhafe.UL 162.4

    Abanye bakulungele ngendlela eyodwa ukusebenzela olu didi luphezulu. Aba bafanele ukufuna ubulumko kuThixo ukuba bayazi nindlela yokufikelela kwaba bantu, banganeli nje ukuqhelana nabo, kodwa ngomzamo wakhe siqu nokuphila ukholo olubavusa babone izidingo zomphefumlo, bakhokelelwe ekuyazini inyaniso njengoko ikuYesu.UL 163.1

    Abaninzi bacinga ukuba, ukuze bafikelele kudidi oluphezulu, indlela yokuphila nendlela yokusebenza kufuneka zilungiselwe ukuba zifanele ilithe labo elinganelisekiyo. Imbonakalo yobutyebi, izakhiwo zamaxabiso aphezulu, iimpahla zexiso ezinxitywayo, izixhobo, nalapho bahlala khona, ukuhambelana namasiko ehlabathi, ubunono nobuhle bexesha nabantu abahlala nabo, inkcubeko yodidi lwakudala, iziphiwo zokuthetha, zizinto ezicingelwa ukuba ziyafuneka. Asiyiyo impazamo le. Indlela yomgaqo wehlabathi asiyiyo indlela kaThixo yokufikelela kudidi oluphezulu lwabantu. Into enokubafikelela aba bantu ngempumelelo kukutyhilwa ngokuzingisa okungenamona kweendaba ezilungileyo zikaKristu.UL 163.2

    Amava kampostile uPawulos ekuhlanganeni neenkcuba-bucopho zaseAthene anesifundo asinika sona. Ekuthetheni ngeendaba ezilungileyo phambi kwenkundla yaseAriyopago, uPawulos waqubisana nolwazi ngolwazi, isayensi ngesayensi. Abona balumkileyo kubaphulaphuli bakhe bakhwankqiswa bavaleka umlomo. Amazwi wakhe ayengaphikiseki. Sekunjalo, ilinge elo alizange lithwale ziqhamo. Babambalwa aboyisekayo bazamkela iindaba ezilungileyo. Ukususela ngoko, uPawulos waqala ndlela yimbi yokusebenza. Waziphepha iimpikiswano neengxoxo ezinde zeengcinga, wathi, ngendlela elula, wawalathisa amadoda neentokazi kuKristu onguMsindisi waboni. Ebhalela abaseKorinte ngomsebenzi wakhe phakathi kwabo, wathi:UL 163.3

    “Mna ke, ndakuba ndizile kuni, bazalwana, andizanga nabugcisa bakuthetha nabulumko,ndinazisa ubungqinabukaThixo.Kuba ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu, ingenguYesu Kristu, naye ke ebethelelwe emnqamlezweni. . . . okuthetha kwam, nokuvakalisa kwam uKristu kube kungengamazwi oyisa ngabulumko babantu; bekungokuqondakalisa koMoya nokwamandla, ukuze ukholo lwenu lungabi sebulumkweni babantu, lube semandleni kaThixo.” 1 Korinte 2:1-5.UL 163.4

    Kwincwadi ayibhalele amaRoma, uphinda athi:UL 164.1

    “Kuba andinazintloni ngazo iindaba ezilungileyo zikaKristu; kuba zingamandla kaThixo okusindisa bonke abakholwayo, umYuda kuqala, kwanomGrike.” Roma 1:16.UL 164.2

    Abo basebenzela udidi oluphezulu mabaziphathe ngesidima esihle, bekhumbula ukuba iingelosi zikunye nabo. Mabamgcine uvimba wengqondo nentliziyo ezele kukuthi, “Kubhaliwe.” Makuxhonywe eludongweni lweholo yenkumbulo amazwi axabisekileyo kaKristu. Amele ukuba axatyiswe ngaphezu kwegolide nesilivere.UL 164.3

    UKristu wayithetha into ethi, kulula kakhulu ukuba inkamela ingaphumela kumthunja wenaliti kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo. Ekusebenzeleni olu didi, zininzi izityhafiso eziya kubekwa, zininzi izityhilelo eziduba intliziyo eziya kwenziwa. Sekunjalo, zonke izinto zinako ukwenzeka kuThixo. Unako kwaye eya kusebenza ngezenzeleli ezingabantu ezingqondweni zabantu ababomi babo bebunikelwe ekuzuzeni imali.UL 164.4

    Ikho imimangaliso emayenziwe ngenguquko yenene, imimangaliso engaqondakaliyo ngokwangoku. Awona madoda makhulu emhlabeni awakho ngaphandle kwamandla kaThixo osebenza imimangaliso. Ukuba abo bangabasebenzi kunye naYe bawenza ngokukhalipha nangokuthembeka umsebenzi wabo, uThixo uya kuguqula amadoda akwizikhundla ezibalulekileyo, amadoda engqondo nempembelelo. Ngamandla kaMoya Oyingcwele, abaninzi baya kukhokelelwa ekwamkeleni imithetho-siseko engcwele.UL 164.5

    Xa kuthe kwacaciswa ukuba uThixo ulindele ukuba abameli baKhe bakhulule uluntu olubulalekayo, abaninzi baya kusabela baze banikele kubutyebi babo kwanovelwano lwabo ukuba kuncedwe abangamahlwempu. Xa zithe iingqondo zabo zatsalelwa kude nokufunela iziqu zabo, abaninzi baya kuzinikela kuKristu. Baya kuthi ngeetalente zabo zempembelelo neemali bazimanye ngovuyo nomsebenzi wobubele kunye nomvangeli othobekileyo owaya wangumthunywa kaThixo ekuguqukeni kwabo. Ngokusebenzisa ngendlela eyiyo ubutyebi babo basemhlabeni, baya kuziqwebela “ubutyebi emazulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angagqobhoziyo ebe.”UL 164.6

    Xa beguqukele kuKristu, abaninzi baba zizenzeleleli esandleni sikaThixo ukuba basebenzele abanye bodidi lwabo. Baya kuva ukuba ixesha leendaba ezilugileyo abazinikiweyo ukuba ziye kwabo bawenza lo mhlaba ube kuko konke abanako. Ixesha nemali ziya kunikelwa kuThixo, italente nempembelelo ziya kunikelwa emsebenzini wokuzuzela uKristu imiphefumlo.UL 165.1

    Ngunaphakade kuphela oya kutyhila oko kufezwe lolu hlobo lolungiselelo—ukuba mingaphi imiphefumlo, abagula yintandabuzo bediniwe kukuthanda ihlabathi nokungabi nako ukuphumla, abaye baziswa kuMbuyiseli omkhulu, olangazelela ukusindisa kube sekupheleni bonke abeza kuYe. UKristu unguMsindisi ovukileyo, kwaye kukho impiliso emaphikweni aKhe.UL 165.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents