Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Amandla Entando [okanye Ingqondo]

    Abahendiweyo badinga ukuba bawaqonde amandla enene engqondo. Eli ligunya elilawulayo endalweni yomntu—igunya lokwenza isigqibo, igunya lokukhetha. Yonke into ixhomekeke ekwenzeni okulungileyo kwentando. Iminqweno yokulungileyo nokunyulu ilungile, kangangoko inokuhamba; kodwa ukuba siyaphela apha, ayisebenzi nto. Abaninzi baya kuya kwantshabalalo ngeli xesha bethembile bekwanqwenela ukoyisa ukuthambekela kwabo ebubimi. Abayiyekeli intando yabo kuThixo. Abakhethi ukuba bamkhonze.UL 129.1

    UThixo usinike amandla okukhetha; ngawethu ukuba siwasebenzise. Asingekhe siziziguqule iintliziyo zethu, asingekhe sizilawule iingcinga zethu, ukutshiseka kwethu, ukuthanda kwethu. Asingeke sikwazi ukuzenza nyulu, silungele umsebenzi kaThixo. Sinako kodwa ukukhetha ukumsebenzela uThixo, singamnika intando yethu; uya kuthi ke asebenze ngaphakathi kwethu ukuthanda nokwenza ngokokuthanda kwaKhe. Iya kuthi ke yonke indalo yethu ibekwe phantsi kolawlo lukaKristu.UL 129.2

    Ngokusetyenziswa kwentando ngendlela eyiyo, inguquko epheleleyo ingenziwa ebomini. Ngokuyekela intando kuKristu, singayama kumandla kaThixo. Samkela amandla avela ngasentla ukuba asibambe siqine. Ubomi obunyulu nobunendili, ubomi boloyiso ekuthandeni ukwanelisa ilithe nenkanuko, bunokubakho kuye wonke ohlanganisa intando yakhe engenamandla, engazinzanga nentado kaThixo engagungqiyo.UL 129.3

    Abo balwa negunya lokuthanda ukutya bamele bafundiswe imithetho-siseko yokuphila ngokwempilo. Bamele baboniswe ukuba ukwaphula imithetho yempilo, ngokwenza iimeko ezinezifo nokubawa okungeyondalo, kubeka isiseko somkhwa wotywala. Kuphela ngokuphila ukuthobela imithetho-siseko yempilo abangathi bakwazi ukuthemba ukuba bangakhululwa ekubaweleni izivuseleli ezingeyiyo indalo. Ngokwangoku besaxhomekeke kumandla kaThixo ukuqhawula iimbophelelo zokuthanda ukutya, kufuneka basebenzisane noThixo ngokuthobela imithetho yaKhe, eyokuziphatha neyomzimba.UL 129.4

    Abo bazamana nohlaziyo bafanele banikwe umsebenzi. Mabangabikho abakwaziyo ukusebenza abafundiswa ukuba balindele ukutya neempaha nendawo ekhuselekileyo simahla ngaphandle kwexabiso. Ngenxa yokwabo ukulungelwa, kwakunye nokulungelwa kwabanye, makuzanywe indlela ethile abangathi ngayo babuyise okulingana noko bakuzuzileyo. Oku kuya kuqinisa ukuzihlonipha nokungaxhomekeki okunesidima. Ukusebanzisa ingqondo nomzimba ngomsebenzi onengeniso kuyafuneka njengesikhuselo kwisihendo.UL 130.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents