Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Izithembiso Zempiliso

    “UYehova uyawukhulula
    umphefumlo wabakhonzi bakhe,
    Bangathwali tyala bonke abazimela ngaye.”
    UL 194.1

    INdumiso 34:22.

    “Ekoyikeni uYehova kukho inkoloseko eliqele,
    Abantwana bakhe baba nendawo yokuzimela.”
    UL 194.2

    IMizekeliso 14:26.

    “Yathi iZiyon, uYehova undishiyile,
    INkosi yandilibala.
    Umfazi angalulibala yini na usana lwakhe,
    Ukuba angabi namfesane kunyana wesizalo sakhe?
    Nokuba oonina abo bathe balibala,
    Andiyi kukulibala mna.
    Uyabona, ndikuvambile ezintendeni zezandla zam.”
    UL 194.3

    Isaya 49:14-16.

    “Musa ukoyika, kuba ndinawe mna;
    Musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho;
    Ndikukhaliphisile, ewe ndikuncedile,
    Ndikuxhasile ngesandla sam sokunene
    sobulungisa bam.”
    UL 194.4

    Isaya 41:10.

    “Nina nabekwayo phezu kwam kwasesiswini,
    Nina nathwalwayo ndim kwasesizalweni;
    Kude kuse ebudaleni ikwandim,
    Kude kuse ezimvini ndiya kunityatha emagxeni mna;
    Ndikwenzile mna; ndiya kunithwala mna,
    Ndiya kunityatha emagxeni mna, ndinisize.”
    UL 194.5

    Isaya 46:3, 4.

    Ayikho into ethambekele ekukhuliseni impilo yomzimba nomphefumlo kunokuba unjalo umoya wokwaneliseka nokubonga. Kukwenza okuhle ukulwa umoya ophantsi, iingcinga neemvakalelo zokunganeliseki—kwanjengokuba ikukwenza okuhle ngokukwanjalo ukuthandaza. Ukuba sibheka ezulwini, singathini ukuhamba ngokwabantu abasemngcwabeni, simbombozela sikhalaza indlela yonke eya endlwini kaBawo?UL 195.1

    Abo bazibiza ngokuba bangamaKristu babe besoloko bekhalaza, nabacinga ukuba ukuchulumanca nokonwaba kusisono, abanayo inkolo yenene. Abo bakuthabatha ngovuyo ukukhala kuko konke ukudakumba okusemhlabeni, abafuna ukukhangela amagqabi afileyo endaweni yokuqokelela iintyatyambo ezintle eziphilileyo, abangaboni buhle kwiintaba ezintle eziphakamileyo nakwiintili ezambathiswe luhlaza oluphilieyo, abazivalayo iingqondo zabo ngakwilizwi lovuyo elithetha nabo endalweni, nelimnandi ngokomculo kwindlebe ephulaphuleyo—aba abakho kuKristu. Baziqokelelela usizi nobumnyama, kanti banethuba lokuqaqamba, iLanga lobuLungisa liphume ezintliziyweni zabo linophiliso kwimitha yaLo.UL 195.2

    Kunokwenzeka ukuba ngamaxeha athile isoloko ingqondo yakho isibekele ngenxa yentlungu. Ngelo xesha, musa ukuzama ukucinga. Uyazi ukuba uYesu uyakuthanda. Uyakuqonda ukuphelewa kwakho ngamandla. Ungayenza intando yaKhe ngokuphumla nje ezingalweni zaKhe.UL 195.3

    Kungumthetho wendalo ukuba iingcamango neemvakalelo zethu zikhuthazwe zomelezwe ngokuthi sizithethe. Naxa amazwi ezithetha iingcinga, kukwayinyaniso ukuba iingcinga ziyawalandela amazwi. Ukuba besingathetha kakhulu ngokholo lwethu, sivuye ngakumbi ngeentsikelelo esaziyo ukuba sinazo,--inceba enkulu kunye nothando lukaThixo,--singanokholo olongeziweyo novuyo okukhulu kakhulu. Alukho ulwimi olungayixela, ingekho nengqondo enomda enokukuqonda, intsikelelo esisiphumo sokuxabisa ukulunga nothando lukaThixo. Nalapha emhlabeni singanalo uvuyo njengequla lomthombo elingatshiyo, kuba londliwa kwimisinga empompoza iphuma etroneni kaThixo.UL 195.4

    Masizifundise, ke ngoko, iintliziyo zethu nemilebe yethu ukuthetha indumiso kuThixo ngothando lwaKhe olungenamlinganiselo. Masifundise imiphefumlo yethu ukuzaliswa lithemba nokuhlala ekukhanyeni okubengezela kusuka emnqamlezweni waseKalvari. Masingaze silibale ukuba singabantwana boKumkani wasemazulwini, oonyana neentombi zikaYehova wemikhosi. Kulilungelo lethu ukuhlala sizolile kuThixo.UL 195.5

    “Uxolo lukaThixo, . . . malulawule ezintliziyweni zenu, nibe nokubulela.” Kolose 3:15. Masithi sizilibala ezethu iinzima neenkathazo, simdumise uThixo ngethuba lokuphilela uzuko lwegama laKhe. Iintsikelelo ezintsha zemini nganye entsha zivuse indumiso ezintliziyweni zethu ngenxa yemiqondiso yenkathalo yaKhe enothando. Xa uvula amehlo wakho kusasa, bulela uThixo kuba ekugcinile ubusuku bonke. Mbulele ngoxolo lwaKhe entliziyweni yakho. Kusasa, emini, nasebusuku, umbulelo osisiqholo esinevumba elimnandi mawunyuke uye ezulwini.UL 196.1

    Xa kukho obuzayo ukuba uziva njani, musa ukuzama ukucinga ngento yokukhala omawuyixele ukuze uzuze ukuvelwa. Musa ukuthetha ngokuswela kwakho ukholo neentsizi zakho kwanokubulaleka kwakho. Umlingi uyavuyiswa kukuva amazwi anjalo. Xa uthetha ngemiba elusizi, uyamzukisa umlingi. Akufuneki sigxile kumandla amakhulu kaSathana okusoyisa. Siyathanda ukuzinikela esandleni sakhe ngokuthetha ngamandla wakhe. Masithethe, endaweni yoko, ngobukhulu bamandla kaThixo okuqamangela konke esikuthandayo kokwaKhe. Masixele ngamandla kaKristu angenamlinganiselo, sithethe ngozuko lwaKhe. Izulu lonke linomdla ekusindisweni kwethu. Iingelosi zikaThixo, amawaka amawaka, namashumi amawaka aphindwe ngamashumi amawaka, ayalelwe ukuba alungiselele kwabo baya kuba ziindlalifa zosindiso. Zisalusile ukuba singangeni ebubini, zaye zityhalela emva amagunya obumnyama azamana nokusitshabalalisa. Ingaba asinaso na isizathu sokuba nombulelo ngomzuzu ngamnye, sibe nombulelo naxa kubonakala ngathi kukho ubunzima endleleni yethu?UL 196.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents