Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    32—Umntwana

    Kwakungekuko kuphela ukuziphatha kukamama, kodwa nokuqeqeshwa komntwana okwakuqukwe kumyalelo oya kubazali bamaHebhere. Kwakunganelanga ukuba uSamson, umntwana owayeza kuhlangula amaIsrayeli, abe lilifa elilungileyo kwasekuzalweni kwakhe. Oku kwakuza kulandelwa kukuqeqeshwa ngocoselelo. Kususela ebusaneni, wayeza kuqeqeshwa kwimikhwa yobungcathu obungqongqo.UL 297.1

    Umyalelo ofanayo wanikwa ngokubhekiselele kuYohane umBhaptizi. Phambi kokuzalwa komntwana, isigidimi esathunyelwa siphuma ezulwini sisiza kuyise sathi:UL 297.2

    “Uya kuba nokuvuya nokugcoba, bathi nabaninzi bakuvuyele ukuzalwa kwakhe. Kuba uya kuba mkhulu emehlweni eNkosi, angakhe asele wayini nasiselo sinxilisayo; uya kuzaliswa nguMoya Oyingcwele.” Luka 1:14, 15.UL 297.3

    Kwingxelo yasezulwini yamadoda anendili, uMsindisi wavakalisa ukuba akuzange kume namnye omkhulu kunoYohane umBhaptizi. Umsebenzi owanikelwa kuye wawungafuni kuphela amandla omzimba nokunyamezela, kodwa nezona zakhono ziphezulu zengqondo nomphefumlo. Kwakubaluleke kakhulu ukuqeqeshelwa komzimba okulungileyo njengolungiselelo lwalo msebenzi kangangokuba eyona ngelosi iphezulu ezulwini yathunyelwa nesigidimi sokubafundisa abazali bomntwana.UL 297.4

    Iindlela ezanikwayo ngokumayela nabantwana bamaHebhere zisifundisa ukuba ayikho into echukumisa impilo entle yomzimba emele ukutyeshelwa. Ayikho into engabalulekanga. Yonke impembelelo echukumisa impilo yomzimba inayo into yokwenza nengqondo nesimilo.UL 297.5

    Akukho kubaluleka kunokubekwa kudlule koko kokuqeqeshwa kwabantwana besebancinane. Izifundo ezifundiweyo, imikhwa eyenziweyo, ngexesha lobusana nobuntwana, zizinto ezinokwenza kakhulu nokudalwa kwesimilo kunye nekhondo lobomi kunayo yonke imfundiso noqeqesho lweminyaka elandelayo.UL 297.6

    Abazali badinga ukuba bakuqaphele oku. Kufuneka bayiqonde imithetho-siseko emi ngaphantsi kokukhathalelwa nokuqeqeshwa kwabantwana. Kufuneka bakwazi ukubakhulisa ngokwasempilweni yomzimba, yengqondo nasekuziphatheni. Abazali kufuneka bayifunde imithetho yendalo. Kufuneka baqhelane nokwakhiwa komzimba womntu. Badinga ukuyiqonda imisebenzi yamalungu awahlukeneyo, nolwalamano lwawo nokuxomekeka kwawo [elinye kwelinye] . Bamele ukuba bakufunde ukwalamana kwengqondo namandla omzimba, neemeko ezifunekayo zokusebenza ngokuphilileyo kwalo ngalinye ilungu. Ukuwuqala umthwalo wobuzali ngaphandle kolungiselelo kusisono.UL 298.1

    Kuncinane kakhulu okunikwa ingqalelo kwizizathu ezidala ukufa kakhulu, isifo nokuhla kokuziphatha okukhoyo namhlanje kumazwe aneyona mpucuko iphezulu nathandwa kakhulu. Bangaphezu kwenxenye yesithathu abantwana abafa beziintsana; xa kuthelekiswa nabo bafikelela ekubeni ngamadoda nasekubeni ngoomama, ngaphezulu kakhulu kunabo babulawa sisifo ngandlela ithile, baze babembalwa abafikelela kumda wobomi obufanelwe ukuphilwa ngabantu.UL 298.2

    [Ngexesha kubhalwa le ntetho ingokufa kweentsana, ngowe-1905, yayinjalo loo nto kuba kwakukukhulu ukufa kweentsana. Ulwazi lonyango lwangoku lwaphuhla, nokukhathalelwa okufanelekileyo kwabantwana, kwalihlisa izinga lokufa kweentsana — ABASHICELELI] .UL 298.3

    Ububi obuninzi obuzisa intlupheko nomonakalo esizweni bekunako ukuthintelwa, kwaye amandla okusebenzana nabo alele kakhulukazi kubazali. Asiyiyo “imfihlelo kaThixo” esusa abantwana abancinane. UThixo akakulangazeleli ukufa kwabo. Ubanikele kubazali ukuba babaqeqeshe ukuze babe lulutho apha, kwakunye nezulu emva koku. Ukuba ootata noomama bengakwenza oko banako ukunika abantwana babo ilifa elilungileyo, baze bathi, ngolawulo lwabo olululo, bazame ukuzinyanga zonke iimeko ezingalunganga zokuzalwa kwabo, hay’ inguquko, ebiya kuba nkulu kakhulu yokuba kube kuhle emhlabeni, ebiya kubonwa!UL 298.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents