Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Uvuyo

    “Intliziyo evuyileyo iyalungisa ichachise.” IMizekeliso 17:22. Umbulelo, uvuyo, ububele, ukuthemba uthando lukaThixo nenkathalo—zezona zikhuselo zikhulu zempilo. KumaIsrayeli zaziza kuba zezona zinto zingundoqo ebomini.UL 218.3

    Uhambo olwenziwa kathathu ngomnyaka kuyiwa kwizidlo zomnyaka eYerusalem, iveki yokuhlala emaphempeni ngexesha lesiDlo semiNquba, yayingamathuba okuzihlaziya ngaphandle kwezindlu nokuvuselela ubomi bokuhlalisana kwabantu. Ezi zidlo zaziziganeko zovuyo, zisenziwa zibe mnandi kakhulu kwanothando olongezekileyo kukwamkelwa ngobubele kwabasemzini, umLevi, nolihlwempu.UL 218.4

    “[Vuya] nendlu yakho ezintweni zonke ezilungileyo akunikileyo uYehova uThixo wakho, wena, nomLevi, nomphambukeli ophakathi kwenu.” Duteronomi 26:11.UL 218.5

    Kwathi ke, kwiminyaka elandelayo, wakuba umthetho kaThixo ufundiwe kubathinjwa ababebuya eBhabheli, baza abantu balila ngenxa yokugqitha kwabo umthetho, kwathetha amazwi emfesane:UL 218.6

    “Musani ukulila. . . . Yiyani, nidle amanqatha, nisele izinto ezinencasa, nise isabelo kwabangalungiselwanga nto; ngokuba le mini ingcwele kwiNkosi yethu. Musani ukuba buhlungu; ngokuba uvuyo lukaYehova ligwiba lenu.” Nehemiya 8:9, 10.UL 218.7

    Kwasasazwa kuvakaliswa ilizwi “emizini yabo yonke, naseYerusalem, lokuthi, Phumani niye ezintabeni, nize namahlamvu eminquma yasendle, namahlamvu emimirtile, namahlamvu esundu, namahlamvu emithi ethi shinyi, ukuze kwenziwe iminquba ngoko kubhaliweyo. Baphuma abantu, bawazisa, bazenzela iminquba, elowo phezu kwendlu yakhe, nasezintendelezweni zendlu kaThixo, nasendaweni yembutho yesango lamanzi, nasendaweni yembutho yesango likaEfrayim. Lonke ibandla elalibuye ekuthinjweni lenza iminquba, lahlala eminqubeni. . . . Kwabakho ke uvuyo olukhulu kunene.” Iindima 15-17.UL 218.8

    UThixo wamnika umyalelo [okanye wamfundisa] ngayo yonke imithetho-siseko efunekayo yempilo yomzimba nasekuziphatheni, kwaye kwakungale mithetho-siseko, ekwakungekho nganeno komthetho wokuziphatha, awathi wabayalela, esithi:UL 219.1

    “Lamazwi ndikuwisela umthetho ngawo namhlanje, aze abe sentliziyweni yakho. Uze uwatsolise koonyana bakho, uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho; uwabophe esandleni sakho abe ngumqondiso, abe zizikhumbuzo phakathi kwamehlo akho uwabhale emigubasini yendlu yakho, nasemasangweni akho.” Duteronomi 6:6-9.UL 219.2

    “Xa athe unyana wakho wakubuza ngomso, esithi, Zezani na ezi zingqino nemimiselo namasiko, aniwiseleyo uYehova uThixo wenu? Wothi kunyana wakho, . . . Wasiwisela umthetho uYehova, ukuba siyenze le mimiselo yonke, ukuba simoyike uYehova uThixo wethu, kulunge kuthi yonke imihla, silondolozelwe ebomini, njengoko kunjalo namhla.” Iindima 20-24.UL 219.3

    Ukuba amaIsrayeli ayeyithobele imiyalelo awayifumanayo, azuza okuhle ngayo, ayeya kuba sisifundo esingumzekelo wempilo nempumelelo emhlabeni. Ukuba, bengabantu, babephile ngokwecebo likaThixo, ngewagcinwa ekhuselekile kwizifo ezazithuthumbisa izizwe. Ngaphezu kwabo nabaphi abantu, ayeya kuba namandla omzimba nokuphaphama kwengqondo. Ayeya kuba sesona sizwe sinamandla emhlabeni wonke. UThixo wathi”UL 219.4

    “Wosikeleleka ngaphezu kwezizwe zonke.” Duteronomi 7:14.UL 219.5

    “[U]Yehova namhla unibangile nina, wathi ningabantu abayinqobo kuye, njengoko wathethayo kuni, ukuze niyigcine yonke imithetho yakhe; aniphakamise ngaphezu kweentlanga zonke azenzileyo, ukuba nibe yindumiso, negama, nendili; nibe ngabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu, njengoko wakuthethayo.” Duteronomi 26:18,19.UL 219.6

    “Zibe phezu kwakho ezi ntsikelelo zonke, zikufumane, xa uthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho. Wosikelelwa phakathi komzi, usikelelwe emaphakadeni; sisikelelwe isiqhamo sesizalo sakho, nesiqhamo sempahla yakho ezitho zine, nenkonyana yenkomo yakho, namatakane empahla yakho emfutshane isikelelwe ingobozi yakho, nomkhombe wakho wokuxovulela intlama. Wosikelelwa ekungeneni kwakho, usikelelwe ekuphumeni kwakho.” Duteronomi 28:2-6.UL 220.1

    “UYehova uya kuthetha intsikelelo, ibe nawe emaqongeni akho, nasezintweni zonke osisa kuzo isandla sakho, akusikelele ezweni elo akunikayo uYehova uThixo wakho. UYehova wonimisa nibe ngabantu abangcwele kuye, njengoko wakufungelayo, xa uthe wayigcina imithetho kaYehova uThixo wakho, wahamba ngeendlela zakhe; zibone zonke izizwe zehlabathi, kuba igama likaYehova libizwe phezu kwakho, zikoyike. UYehova wokwandisela okulungileyo esiqhameni sesizalo sakho, nasesiqhameni sempahla yakho ezitho zine, nasesiqhameni somhlaba wakho, emhlabeni lowo awafungayo uYehova kooyihlo ukuba wokunika. UYehova wokuvulela uvimba wakhe olungileyo, iZulu lilinike imvula ilizwe lakho ngexesha layo, awusikelele wonke umsebenzi wesandla sakho. . . . UYehova wokwenza ube yintloko ungabi ngumsila; ibe nguwe wedwa onyukayo, ungabi ngohlayo: xa uthe wayiphulaphula imithetho kaYehova uThixo wakho, endikuwiselayo namhla ukuba uyigcine, uyenze.” Iindima 8-13.UL 220.2

    KuAron umbingeleli omkhulu nakoonyana bakhe, umyalelo wanikwa:UL 220.3

    “Ize nenjenje ukubasikelela oonyana bakaIsrayeli, nithi kubo,UL 220.4

    “Makakusikelele uYehova, akugcine;
    Makabukhanyise uYehova ubuso
    bakhe kuwe, akubabale;
    Makabuphakamisele uYehova ubuso bakhe kuwe,
    Akunike uxolo.
    Mabalibeke ke igama lam phezu
    koonyana bakaIsrayeli;
    Mna ndiya kubasikelela.” “[Boba] ngangemini zakho ukonwaba kwakho.
    Akukho unjengoThixo, Yeshurun,
    Ulokhwela emazulwini eluncedo lwakho,
    Ulokhwela esibhakabhakeni enobungangamsha bakhe.
    Likhaya uThixo wamandulo,
    Ngaphantsi ziingalo ezingunaphakade. . . .
    UIsrayeli uhlala ekholosile
    Uwodwa umthombo kaYakobi,

    “Usinga ezweni lengqolowa newayini entsha;
    Inene izulu lalo liqhoqhoza umbethe.
    Unoyolo, Israyeli!
    Ngubani na onjengani, bantu basindiswe nguYehova,
    Ikhaka loncedo lwakho,
    Ikrele lobungangamsha bakho.
    Ziya kuhanahanisa kuwe iintshaba zakho,
    Unyathele ke wena emimangweni yazo.”
    UL 220.5

    Numeri 6:23; 6:24-27;Duteronomi 33:25-29.

    AmaIsrayeli asilela ukuyizalisekisa injongo kaThixo, aba ayasilela ukuzuza iintsikelelo ezaziya kuba zezawo. Noko kunjalo, kuYosefu noDaniyeli, kuMoses nakuElisha, nabanye abaninzi, sinemizekelo etyebileyo yeziphumo zecebo eliyinyaniso lokuphila. Ukunyaniseka okunjalo namhla kuya kuveza iziphumo ezikwanjalo. Thina sibhalelwe kwathiwa:UL 221.1

    “Ke nina nisisizukulwana esinyuliweyo, isibingeleli esibukumkani, uhlanga olungcwele, abantu abayinqobo, ukuze nivakalise isidima salowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni, ningene ekukhanyeni kwakhe okungunaphakade.” 1 Petros 1:9.UL 221.2

    “Isikelelwe indoda ekholose ngoYehova,
    Enkoloseko yayo ikuYehova.”
    Amalungisa “aya kudubula njengesundu,
    Aya kukhula njengomsedare weLebhanon.
    Etyelwe nje endlwini kaYehova,
    UL 221.3

    Aya kutyatyamba ezintendelezweni zoThixo wethu.
    Aya kuhluma eselenezimvi.
    Aya kuba etyebile, eluhlaza.”

    “Intliziyo yakho mayiyibambe imithetho yam;
    Kuba iya kukongeza imihla emide,
    Neminyaka yoxolo.”
    “Uya kwandula uhambe ngendlela yakho ukholosile.
    Lungabetheki unyawo lwakho.
    Ukuba uthe walala, akuyi kunkwantya;
    Wolala, bube mnandi ubuthongo bakho.
    Musa ukoyika lunkwantyiso luzayo ngesiquphe,
    Nasithonga sabangendawo, sakufika.
    Kuba uYehova uya kuba yinqolosi yakho,
    Alugcine unyawo lwakho lungabanjiswa.”
    UL 222.1

    Yeremiya 17:7; INdumiso 92:12-14; 92:15; IMizekeliso 3:1, 2, 23-26.UL 222.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents