Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukulungiswa Kokutya

    Akulungile ukutyela nje ukwanelisa ilithe, kodwa sekunjalo, akufuneki kubonakalaliswe ukungakhathali ngokubhekiselele kwixabiso lesondlo sokutya okanye kwindlela ekulungiswa ngayo. Ukuba ukutya okutyiwayo akuthandeki, umzimba awuyi kondleka kakuhle. Ukutya kufuneka kukhethwe ngononophelo kuze kulungiswe ngohlakanipho nobuchule.UL 233.6

    Ekwenziweni kwesonka, umgubo ocolisiswe kakhulu omhlophe asinguwona ulunge kakhulu. Ukusetyenziswa kwaso akunampilo kwaye kungenalo noqoqosho. Isonka somgubo wokuxova ocolisisiweyo asinazo izakhi ezanelayo ezifunyanwa kwingqolowa. sikholisa ukubangela ukuqunjelwa nezinye iimeko zokungabi nampilo.UL 234.1

    Ukusebenzisa isoda nebaking powder ekwenzeni isonka kuyingozi kwaye akufuneki. Isoda ibangela ukudumba kwesisu maxa wambi iye ilutyhefe lonke uhlelo lokucola ukutya. Oomama abaninzi emakhayeni baye bacinge ukuba abanako ukwenza isonka esilunge kakuhle ngaphandle kwesoda, kodwa oku yimpazamo. Ukuba bebe nokuzinika ithuba bafunde iindlela ezingcono, isonka sabo besiya kuba nesondlo kakhulu, size sibe nencasa yendalo emnandi kakhulu.UL 234.2

    Xa kuxovwa isonka ekufuneka sinyuke okanye esinegwele, akufuneki kusetyenziswe ubisi endaweni yamanzi. Ukusebenzisa ubisi kuyindleko eyongeziweyo, kwaye kusenza isonka singabi nasondlo ngokupheleleyo. Isonka sobisi asibugcini ixesha elide ubumnandi emva kokuba sibhakiwe njengesenziwe ngamanzi, kwaye sonakala ngokukhawuleza sakufika esiswini.UL 234.3

    Isonka kufuneka sibe khaphukhaphu, sibe mnandi. Akufuneki nobuncinane ubumuncu bunyamezelwe. Imibhako kufuneka ibe mincinane ibhakeke kakuhle, kangangoko, ukuze iintsholongwane zegwele sitshabalale. Xa sishushu okanye sisitsha, isonka esinyusiweyo nesaluphi uhlobo, sinzima ekusetyenzweni sisisu. Akufuneki size sibekwe etafileni ukuba sityiwe. Lo mgaqo, phofu, awusebenzi kwisonka esingenagwele. Izonkana ezitsha ezenziwe ngomgubo wengqolowa ezinganyukanga okanye ezingenagwele, ezibhakwe kubushushu obaneleyo, zinempilo kwaye ziyatyeka, zinencasa.UL 234.4

    Isidudu sombona okanye umqa kufuneka ubhadle ithuba elide. Kanti ke, sekunjalo, ukutya okuthambileyo okanye okumanzi akunasondlo sifana nesokutya okulukhuni, okufuna ukuhlafunisiswa. Isonka esojiweyo okanye itoast okanye isonka esibhakwe kabini, sesinye sezonka ezisetyenzwa lula sisisu kwaye sikukutya okunencasa kakhulu. Isonka esiqhelekileyo esibhakiweyo masisikwe sibe zizilayi somiswe esitovini. Emva koko masojiwe sibe “mdaka” brawuni. Kwindawo eyomileyo, esi sonka singagcinwa ixesha elide kunesinye isonka, kanti ke, xa sithe senziwa shushu kwakhona phambi kokoba sisetyenziswe, siya kuba nobutsha njengaxa sisitsha.UL 234.5

    Kuye kusetyenziswe iswekile kakhulu ekutyeni. Amaqebengwana ekeyiki, iizibiliboco ezineeswiti, ijeli, ijem, zizinto ezikhawulezayo ukwenza ukuma kakubi kwesisu. Ziyingozi ngokukodwa zona iikhastadi neepuding apho ubisi, amaqanda neswekile kunkqenkqeza phambili ekuxutyweni. Kufuneka kuphetshwe ukusetyenziswa kobisi neswekile zixubene.UL 235.1

    Ukuba ubisi luyasetyenziswa, kufuneka kuqinisekiswe ukuba ziyafa iintsholongwane; kuthi ke, ngalo mqathango, ibe ncinane ingozi yesifo esifunyanwa ngokulusebenzisa. Ibhotolo inengozi engekho kakhulu xa ityiwa nesonka esibandayo kunaxa isetyenziswa ekuphekeni; kodwa, ngokomthetho, kuhle kakhulu ukuyiyeka ngokupheleleyo. Isonka samasi [itshizi] yona isachasekile; ayikulungelanga kwaphela ukutyiwa.UL 235.2

    Ukutya okunganelanga nokuphekwe kakubi kuyalona igazi ngokwethisa amandla amalungu awenza igazi. Kuyaluphazamisa ucwangco lokuhamba kokutya kuze kuzise isifo, esikhatshwa yimithambo-luvo ethunakala lula nokuba nomsindo ngokungxama. Amaxhoba okupheka okungalunganga angamawaka-waka. Phezu kwamangcwaba amaninzi kungabhalwa kuthiwe: “Wafa ngenxa yokupheka okubi.” “Wafa ngenxa yesisu esaphathwa kakubi.”UL 235.3

    Ngumsebenzi ozukileyo kwabo baphekayo ukufunda indlela yokulungisa ukutya okunempilo. Mininzi imiphefumlo elahleka ngenxa yesiphumo sokupheka ngendlela engeyiyo. Ukwenza isonka esilungileyo kudinga ingcinga nenkathalo; kanti ke, kuninzi ukukhonza embhakweni wesonka esilungileyo kunokuba abaninzi becinga. Bambalwa abantu abakwazi ngenene ukupheka nokwenza eminye imisebenzi yasendlwini, kuze kuthi ngenxa yeso sizathu, amantombazana amaninzi awendayo kuze kufuneke akhathalele iintsapho zawo, aye abe nembono encinane yoxanduva lokukhula komfazi nomama ekhayeni lakhe.UL 235.4

    Ukupheka kungumsebenzi wobunzululwazi ongemncinane, kwaye ungomnye wemisebenzi efuneka kakhulu ebomini, obuphilwayo. Kusisifundo ekufuneka bonke oomama basifunde, kwaye kuyafuneka kufundiswe ngendlela yokuba kube luncedo kakhulu kubantu abahluphekileyo. Ukwenza ukuba ukutya kube nomtsalane kwangelo xesha linye kube lula kodwa kube nesondlo, kufuneka ubuchwephesha; kwaye kunako ukwenzeka. Abapheki kufuneka bakwazi ukulungisa ukutya ngendlela elula nenempilo, nokuba kufumaneke kumnandi, kunesondlo kakhulu ngenxa yobulula bako.UL 236.1

    Wonke umntu ongumama oyintloko yosapho abe engenabo ubuchule bokupheka ukutya okunempilo kufuneka azimisele ukukufunda oku kubaluleke kakhulu kwintlalo entle yosapho lwakhe. Kwiindawo ezininzi, izikolo zokufunda ukupheka ngokusempilweni zinika ithuba lokufundiswa kulo mcimbi. Lowo ungenayo indlela yokufikelela kula mathuba makazibeke phantsi kwesandla sompheki okwaziyo kakuhle, azingise kwimizamo yokuziphuhlisa ade abe yincutshe yobu buchule balo msebenzi.UL 236.2

    Ukutya rhoqo ngamaxesha acwangcisiweyo kubaluleke kakhulu. Kufuneka kubekho amaxesha amisiweyo esidlo ngasinye. Ngeli xesha wonke umntu makatye oku kufunwa ngumzimba aze angabuye athabathe nto kude kufike ixesha lesidlo esilandelayo. Baninzi abaye batye umzimba ungafuni kutya, ngamaxesha angafanelekanga, phakathi nje esithubeni, kuba bengenawo amandla engqondo awaneleyo okumelana nokubawela ukutya. Xa bekuhambo, abanye bahlafuna njalo lonke ixesha bekufuphi nento ehlafunekayo. Yingozi enkulu le. Ukuba abahambi bebengatya ngamaxesha amisiweyo ukutya okulula nokunesondlo, bebengayi kuziva bedinwe kakhulu, bengayi kuba nako nokugula okuninzi okubaphathayo.UL 236.3

    Omnye umkhwa oyingozi ngulo wokutya kanye phambi kokuba kulalwe ngokuhlwa. Kusenokwenzeka ukuba bekutyiwe ngexesha elimiselweyo, kodwa kuthi kuba kukho ukuziva ngokungathi amandla ethile, kutyiwe kwakhona. Ngokusiyekela esi senzo singalunganga, side sibe ngumkhwa othi wenze kubekho nengqondo yokuziva kunzima nokulala ngaphandle kokutya. Isiphumo sokutya ezi zidlo zidlulelwe lixesha ebusuku, ukusetyenzwa kokutya sisisu kuqhubeka kude kube ziiyure zokufikelwa bubuthongo. Sithi, naxa isisu sisebenza singayeki, kodwa kube nzima ukuba siwufeze kakuhle umsebenzi waso. Ubuthongo bukholisa ukuphazamiseka, kuthi kusasa umntu avuke esadiniwe engasicacelanga kakuhle nesidlo sakusasa. Xa singqengqa ukuba siphumla, isisu kufuneka sibe siwugqibile umsebenzi waso, oko kukuthi, namanye amalungu omzimba, mawakonwabele ukuphumla. Kubantu abasebenza umsebenzi wokuhlala phantsi, izidlo zangokuhlwa selidlulile ixesha ziyingozi ngendlela eyodwa. Kubo, ukuphazamiseka okwenzekayo kuba kukuqaleka kwesifo esiphelela ekufeni.UL 236.4

    Kwiimeko ezininzi, ukutyhafa okukhokelela ekunqweneleni ukutya kubakho kuba amalungu asebenza ukucola ukutya ebe sebenze kakhulu emini. Emva kokwetyisa ukutya, amalungu asilayo adinga ukuphumla. Mhlawumbi iiyure ezintlanu nezintandathu zimele ukuba zidlule phambi kokutya kwakhona, kanti abantu abaninzi abalizamayo eli cebo bafumanise ukuba izidlo ezibini ngemini zilungile kunezithathu.UL 237.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents