Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukutya Okufanele Umntwana

    Okona kutya kufanele imveku kukutya okunikwa yindalo. Akufuneki ukuba oku kutya ikuvinjwe kungekho sizathu. Yinkohlakalo eyokuba umama, ngenxa yokufuna ukulungelwa okanye ukonwaba, azame ukuzikhulula kumsebenzi wothando lokujonga usana lwakhe.UL 301.1

    Umama ovumela ukuba umntwana wakhe ondliwe ngomnye kufuneka aqaphele kakuhle ukuba siya kuba yintoni isiphumo. Kuyenzeka ukuba ogcine umntwana adlulisele umoya wakhe nohlobo lokuziphatha kwakhe kulo mntwana amgcinayo.UL 301.2

    Ukubaluleka kokuqeqeshwa kwabantwana kwimikhwa elungileyo yendlela yokutya kunzima ukuba kungaze kuthiwe kuyabaxwa. Iintsana zidinga ukuba zifunde ukuba zityela ukuphila, koko aziphileli ukutya. Ukuqeqesha kufuneka kuqale ngemveku isesezingalweni zikamama wayo. Umntwana kufuneka anikwe ukutya rhoqo ngamaxesha amiselweyo, kodwa la mathuba kufuneka aye eba mbalwa ngokuya ekhula. Akufuneki anikwe iilekese, okanye ukutya kwabantu abakumgangatho ongaphezu kowakhe, ekuza kuba nzima ukuba kusetyenzwe sisisu sakhe. Ukukhathalela nokuthembeka ekutyisweni ngendlela kweemveku akuyi kwanela ukukhuthaza impilo, nto leyo eya kwenza ukuba zizole zibe ngabantu abamoya olungileyo, kodwa kuya kubeka isiseko semikhwa eya kuba yintsikelelo kuzo kwiminyaka elandelayo.UL 301.3

    Njengokuba abantwana bekhula besuka ebusaneni, isafuneka inkathalo enkulu ekubafundiseni ilithe labo nokuthanda kwabo into amabayitye. Baye bayekwe bavunyelwe batye ngokuzikhethela xa sebekhetha, kunganikwa ngqalelo impilo. Ukubulaleka nemali ezichithwa rhoqo ngezimuncumuncu ezingawakhiyo umzimba zibakhokelela abatsha ekucingeni ukuba eyona njongo iphezulu yobomi, neya kuthi ibanike olona lonwabo lukhulu, kukuziyekela ekutyeni. Isiphumo sale ngqeqesho kukuba zizidla-kudla, kulandele ukugula, okuye kulandelwe kukutyiwa kweziyobisi eziyingozi.UL 301.4

    Abazali kufuneka bakuqeqeshe ukuthanda kwabantwana babo ukutya bangabavumeli ukuba basebenzise ukutya okungawakhiyo umzimba. Kwilinge lokumisa ngendlela into emayityiwe, kufuneka sikulumkele ukuphazama ngokufuna ukuba abantwana batye ukutya okungenayo incasa, okanye batye ngaphezu kokuba kudingeka. Abantwana banamalungelo, banezinto abazithandayo, kanti xa ezi zinto bazithandayo zinempilo, kufuneka banikwe indawo yabo.Amaxesha okutya amisiweyo kufuneka agcinwe ngenzondelelo. Makungatyiwa nto phakathi kwamaxesha lawo, nokuba ziilekese, iinatsi, iziqhamo, nokwaluphi uhlobo. Ukungawagcini amaxesha okutya kutshabalalisa ubuhle bempilo yamalungu acola ukutya, kubeke engozini impilo nochulumanco. Xa abantwana befika etafileni, abakonwabeli ukutya okwakhayo; ukuthanda kwabo ukutya kubawela izinto eziyingozi kubo.UL 301.5

    Oomama abanelisa iminqweno yabantwana babo ngokuncama imeko yempilo nokonwaba, bahlwayela iimbewu zobubi eziya kuhluma zithwale isiqhamo. Ukuziyekela kukhula nokkhula kwabancinane, kuze kokubini, udlamko lwengqondo nolomzimba, kuncanywe. Oomama abayenzayo le nto baya kuvuna benobukrakra imbewu abayihlwayeleyo. Bayababona abantwana babo bekhula bengakufanele ngenqondo nangesimilo ukuthabatha indawo enesidimba nelulutho ekuhlaleni okanye ekhaya. Amandla kamoya, Awengqondo, awomoya kunye nawomzimba abulaleka phantsi kwempembelelo yokutya okungenampilo. Isazela siyaqina, kuze ukwamkeleka kweembono ezilungileyo kuphazamiseke.UL 302.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents