Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ababhali Abangakholwayo

    Ukuze bayizuze imfundo, abaninzi bacinga ukuba kuyafuneka bafundi imibhalo yabangakholwayo, kuba le misebenzi inamagugu akhanyayo amaninzi engcinga. Kanti ke, ngubani ongumqali wala magugu engcinga? YayinguThixo, uThixo kuphela. Ulithende lwako konke ukukhanya. Siza kwenziwa yintoni, ke ngoko, ukuba sinyovule eludakeni lwemposiso ekwimisebenzi yabangakholwayo ngenxa yeenyaniso ezimbalwa zengqondo, lo gama yonke inyaniso iselulawulweni lwethu!UL 352.1

    Kwenzeka njani ukuba abantu abasemfazweni nolawulo lukaThixo babe nobulumko abathi maxa wambi babubonise? USathana ngokwakhe wayefunde kwiinkundla zasezulwini, kwaye unalo ulwazi lokulungileyo kwakunye nokubi. Uxuba okuxabisekileyo nokungcolileyo, kwaye kuko oku kumnika amandla okulahlekisa. Ngenxa yokuba uSathana ezambathise ngeengubo zokubengezela kwasezulwini, ingaba siza kumamkela njengengelosi yokukhanya? Umlingi unabathunywa bakhe, abafunde ngokweendlela zakhe, baphefumelwe ngumoya wakhe, belungiselwe umsebenzi wakhe. Ingaba siza kusebenzisana nabo? Ingaba siza kwamkela imisebenzi yabathunywa bakhe njengefunekayo ekuzuzeni imfundo?UL 352.2

    Ukuba ixesha nomzamo wokubamba iingcamango ezikrelekrele zabangakholwayo bezichithwa kufakwe izinto ezibalulekileyo zelizwi likaThixo, amawaka ahleli ebumnyameni ngoku, nasethunzini lokufa, ebeya konwabela ukuhlala kubuqaqawuli bokuKhanya kobomi.UL 352.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents