Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ugqirha Nomsebenzi Wobungcathu

    Baninzi abeza bephantsi kokukhathalelwa ngugqirha babe betshabalalisa umphefumlo nomzimba ngokusebenzisa icuba okanye isiselo esinxilisayo. Ugqirha onyanisekileyo kumsebenzi wakhe kufuneka abakhombise aba bagulayo kunobangela wokugula kwabo. Ukuba ke yena ngokwakhe uyalisebenzisa icuba okanye utywala, angavakala njani amazwi wakhe? Ngokuqaphela okwakhe ukuzibhodloza, akayi kusuka abemathidala na ukwalatha isiphako ebomini besigulana sakhe? Lo gama esasebenzisa ezi zinto yena ngokwakhe, angakwazi njani ukuloyisa ulutsha ngokwalatha iziphumo zazo ezonakalisayo?UL 93.2

    Angakwazi njani ugqirha ukuma esidlangalaleni abe ngumzekelo wobunyulu nokuzilawula, angaba ngumsebenzi onempumelelo njani kumsebenzi wobungcathu, lo gama yena ngokwakhe eziyekele kumkhwa ombi? Angalungiselela njani ngokwamkelekileyo ecaleni lomandlalo wogulayo nofayo, xa lo wakhe kanye umphefumlo ugxothisa, uzele livumba lotywala okanye icuba?UL 93.3

    Xa ephazamisa imithambo luvo yakhe ekwayenza nkungu nengqondo yakhe ngokusbenzisa iityhefu ezinxilisayo, anganyaniseka njani kumthwalo obekwe phezu kwakhe njengogqirha onguchwepheshe? Kungabanzima kangakanani kuye ukuqonda ngokukhawuleza okanye ukwenza ngokuchaneke ncam?UL 93.4

    Ukuba akayigcini imithetho yempilo elawula esakhe isiqu, ukuba ukhetha ukuzanelisa ngendlela ebawayo ngaphezu kwengqondo nomzimba ophilileyo, akathi ngokwenza oko abe uzixela ngokwakhe ukuba akakufanelanga ukunikwa uxanduva lwemiphefumlo yabantu?UL 94.1

    Nokuba unobucule nokunyaniseka okungakanani ugqirha, kubakho kumava wakhe ukubonakala kokutyhafa nokoyiswa. Kuyakholisa ukba umsebenzi wakhe uwe phantsi ukufeza oko ebenga angakubona ekwenzile. Nangona impilo ibuyiselwe kwizigulana zakhe, kunokungabi yingeniselo eyiyo kuzo okanye kwihlabathi. Abaninzi bayayizuza impilo, kodwa baphinde baziyekele kwezo zinto zeza nesifo. Ngenzondelelo efana neyangaphambili, baphinda baziphose ekuzintywiliseleni nasebuhibeni. Umsebenzi kagqirha kubo ubonakala ulilinge elilahlelwe kude.UL 94.2

    UKristu wayenaloo mava manye, kodwa akazange awayeke amalinge waKhe ngomphefumlo omnye obulalekayo. Kwishumi elalineqhenqa lahlanjululwa, waba mnye owaba nombulelo ngesipho, engowasemzini engumSamariya. Ngenxa yalowo mnye, uKristu waphilisa ishumi. Ukuba ugqirha uhlangana nempumelelo engadluliyo kweyoMsindisi, makafunde isifundo kuGqirha oyiNtloko. Kubhalwe kwathiwa ngoKristu, “Yena ke soze atyhafe adangale.” “Ngokwaphuka komphefumlo wakhe wobona, aneliswe.” Isaya 42:4, [IBHAYIBHILE]; 53:11.UL 94.3

    Nokuba wawuya kuba mnye kuphela umphefumlo owamkela iindaba ezilungileyo zobabalo lwaKhe, ukusindisa lowo mnye, uKristu wayeya kukhetha ubomi baKhe bokusebenza nzima nokuthotyelwa phantsi, kunye nokufa kwaKhe kwehlazo. Ukuba ngamalinge ethu, umntu omnye angaphakanyiswa anikwe isidima, afanele ukukhanya ezinkundleni zeNkosi, asinaso na isizathu sokuvuya?UL 94.4

    Imithwalo kagqirha iyaqoba iyalinga. Ukuze akwazi ukuyenza ngempumelelo, udinga ukwakheka ngokomeleleyo emzimbeni nempilo esemandleni. Umntu otyokololo okanye onesifo akanako ukuwuthwala okanye ukuwunyamezela umsebenzi oqobayo oxhaphake kubizo lukagqirha. Ongenako ukuzilawula okugqibeleleyo akanako ukukufanela ukusebenza nazo zonke iindidi zesifo.UL 94.5

    Ekholisa ukuphoswa kukulala, ade atyeshele nokutya, ubukhulu becala angabikho nasekonwabeleni ukuhlala nabanye abantu, aphoswe nangamalungelo enkolo, ubomi bukagqirha buba ngathi buphantsi kwethunzi ngalo lonke ixesha. Imbandezelo ayibonayo, abantu abaxhomekeke kuye abanga bangancedwa, ukuhlangana kwakhe nabahluphekileyo, kuyayigulisa intliziyo, kude kuphantse ukutshabalala nokuluthemba uluntu.UL 95.1

    Ekulweni nesifo nokufa, wonke amandla asetyenziswa aphantse ukuphelelwa kukunyamezela. Ukusabela kobu bunzima buvavanya isimilo bufike kwiqoqo lokugqibela. Kungelo xesha ke okuthi ukuhendwa kube nawona mandla makhulu. Ngaphezu kwabanye abasebenza eminye imisebenzi, ugqirha uyakudinga ukuzilawula, ubunyulu bomoya, nokholo olubambelela ezulwini. Ngenxa yabanye nangenxa yakhe, akakwazi ukungayikhathaleli imithetho yomzimba. Ubuxelegu kwimikhwa yomzimba kukhokelela kubuxelegu ekuziphatheni.UL 95.2

    Inkuseleko kagqirha ekuphela kwayo yeyokuba, phantsi kwazo zonke iimeko, asebenze ngokomthetho-siseko, omelezwe aphakanyiswe yinjongo eqinileyo eyakhelwe phezu kukaThixo kuphela. Imihla ngemihla, iyure neyure, umzuzu ngomzuzu, kufuneka aphile ngokungathi uphambi kwamehlo elizwe elingabonwayo. Njengoko wenza uMoses, umele naye anyamezele ngokungathi “uyambona Lowo ungenakubonwa.”UL 95.3

    Ubulungisa bunengcambu yabo ekoyikeni uThixo. Akakho umntu onokubugcina buzinzile ubomi phambi kwabazalwana bakhe bunyulu, bunamandla ngaphandle kokuba ubomi bakhe obo bufihlwe noKristu kuThixo. Okona umkhulu umsebenzi phakathi kwabantu, okona kufuneka lusondele kakhulu uqhagamshelano lwentliziyo nezulu.UL 95.4

    Okona ibalulekile nokuba mikhulu kakhulu imithwalo yakhe, okona ugqirha ewadinga kakhulu amandla ezulu. Kufuneka ixesha lihlangulwe kwizinto zomhlaba, ukuze kucamngcwe ngezinto zikanaphakade. Kufuneka amelane nokungenelela kwehlabathi, okunokumcinezela ukuba ahlukane neThende lamandla. Ngaphezu kwabo bonke abanye abantu umele ukuba, ngomthandazo nokufunda iziBhalo, azibeke phantsi kwekhaka lokhuselo lukaThixo. Kufuneka aphile uqhagamshelano olusengqondweni, iyure ngeyure, nemithetho-siseko yenyaniso, ubulungisa, nenceba eziveza iimpawu zikaThixo ezingaphakathi emphefumlweni.UL 95.5

    Kuya kuba kangangomgangatho elithe ilizwi likaThixo lamkelwa lathotyelwa kuwo eliya kuthi lisebenze ngamandla walo ukuchukumisa ngobomi balo yonke imithombo yokwenza, nazo zonke izigaba zesimilo. Liya kuhlambulula yonke ingcamango, liwulawule wonke umnqweno. Abo bathembela kulo ilizwi likaThixo baya kuma njengamadoda baqine. Baya kunyukela ngaphezulu kwazo zonke izinto eziphantsi baye kumoya ongenako ukungcola.UL 96.1

    Xa umntu enolwalamano noThixo, injongo engagungqiyo eyagcina uYosefu noDaniyeli phakathi komonakalo weentendelezo zobuhedeni, luya kubenza nyulu ubomi bakhe bungabi nakungcola. Iingubo zakhe zesimilo aziyi kuba nachaphaza. Ebomini bakhe, ukukhanya kukaKristu akuyi kucima. IKhwezi lomso elikhanyayo liya kuvela libengezela ngokuzinzileyo ngaphezu kwakhe linobuqaqawuli obungaguqukiyo.UL 96.2

    Ubomi obunjalo luya kuba sisiqalo samandla ekuhlaleni kwabantu. Buya kuba ludonga lokuthintela ububi, ukhuselo kwabahendwayo, ukukhanya okukhokelayo kwabo, phakathi kweenzima nokudaniswa, bafuna indlela elungileyo.UL 96.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents